Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukusondela KuThixo

Ukusondela KuThixo

Njengokuba besitshilo ekuqaleni, abantu abaninzi bathi iBhayibhile yincwadi engcwele. Baye babona ukuba xa beyifunda baze basebenzise amacebiso ayo bayasondela kuThixo baze bayazi nento abayiphilelayo.

IBhayibhile ithi abantu abathobela uThixo bazenza kakuhle izinto. Abahoyanga nje iziqu zabo kodwa benza izinto ngendlela uThixo afuna ngayo.—Yude 18, 19; Efese 5:1.

ITHEMBA

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.”—IMizekeliso 24:10.

ITHETHA UKUTHINI LE NTO: Ukuphoxeka kusenokwenza siphelelwe ngamandla esiwadingayo ukuze sinyamezele iingxaki. Kodwa ithemba lisinika amandla. Xa sinethemba, siyaqonda ukuba iingxaki esinazo ziza kudlula ibe sinokufunda kuzo.

INTO ONOKUYENZA: Cinga ngezinto ezintle eziza kwenzeka. Sukuzikhathaza ngezinto ezimbi ezisenokwenzeka okanye ulinde de izinto zihambe kakuhle, endaweni yoko, yenza ezi zinto uzifunayo. Kaloku soze ukwazi ukuzinqanda zonke izinto ezimbi zingenzeki. (INtshumayeli 9:11) Kodwa ke amaxesha amaninzi izinto ziye zingabi mbi ngale ndlela besiyicinga. Xa ithetha ngale nto, iBhayibhile yenza umzekelo ngokulima, ithi: “Kusasa hlwayela imbewu yakho, yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa; kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo, enoba kulapha okanye phaya, okanye enoba ziya kulunga zombini ngokufanayo.”—INtshumayeli 11:6.

IIMPENDULO ZEMIBUZO ABANTU ABAZIBUZA YONA

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ndiqondise. . . . Ilizwi lakho liyinyaniso.”—INdumiso 119:144, 160.

ITHETHA UKUTHINI LE NTO: IBhayibhile iyayiphendula imibuzo abantu abaqhele ukuzibuza yona. Ngokomzekelo iphendula imibuzo efana nethi:

  • Sivela phi?

  • Kwakutheni ze sidalwe?

  • Kwenzeka ntoni kumntu oswelekileyo?

  • Buphelele apha ubomi bethu?

Abantu abaninzi emhlabeni wonke bancedwe yiBhayibhile ebomini babo, baza bafumana iimpendulo zemibuzo ebebekade bezibuza yona.

INTO ONOKUYENZA: Funda ukuba iBhayibhile ithini. Cela iNgqina LikaYehova olaziyo likuncede uyiqonde iBhayibhile. Ngena kwiwebhsayithi yethu u-jw.org/xh. Enye into onokuyenza kukuya kwindawo esikhonzela kuyo, akungenwa ngamali ibe wonke umntu wamkelekile.

EMINYE IMIGAQO YEBHAYIBHILE

Bukela ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? ku-jw.org/xh. Ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-880

YAZI UKUBA KUFUNEKA UMAZI UTHIXO.

“Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”​—MATEYU 5:3.

FUNDA NGOTHIXO.

‘Funa uThixo . . . umfumane . . . Akakude kuye ngamnye wethu.’​—IZENZO 17:27.

YIFUNDE IBHAYIBHILE UZE UCINGE NGEZINTO OZIFUNDILEYO.

“Oyoliswa ngumthetho kaYehova, * efunda emthethweni wakhe imini nobusuku. . . . Konke akwenzayo kuya kuphumelela.”​—INDUMISO 1:2, 3, umbhalo osemazantsi.

^ isiqe. 23 IBhayibhile ithi uYehova ligama likaThixo.