Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Yokusebenzisa Imali Kakuhle

Indlela Yokusebenzisa Imali Kakuhle

Ngenxa yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, abantu abaninzi abasenazo kangako iingxaki zemali.

CEBA KAKUHLE

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo, kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.”—IMizekeliso 21:5.

ITHETHA UKUTHINI LE NTO: Ceba kakuhle uze wenze kanye loo nto uyicebileyo ngaphambi kokuba usebenzise imali. Ukhumbule ukuba usenokungakwazi ukuzithenga zonke izinto ozifunayo, yiloo nto kufuneka uyisebenzise kakuhle imali.

IZINTO ONOKUZENZA:

  • Yenza ibhajethi. Bhala zonke izinto eziza kufuna imali. Ukutya ukubhale kodwa, impahla uyibhale yodwa, njalo njalo, uze ubhale nemali oza kuyisebenzisa kwinto nganye. Ukuba usebenzise imali eninzi kwenye, thatha kweyenye into engabalulekanga kangako uze wongeze. Ngokomzekelo, ukuba usebenzise imali eninzi kwipetroli yemoto, thatha kweyokuzikhupha wongeze ngayo.

  • Kulumkele ukwenza ityala. Ukuba kunokwenzeka, ungaqali kwa ukulenza. Endaweni yoko, gcina imali yokuthenga izinto ozidingayo. Ukuba uthenga ngetyala, zama ukubhatala yonke imali oyityalayo qho ngenyanga ukuze ungabhatali inzala. Ukuba awukwazi ukulibhatala lonke kuloo nyanga, thetha nabantu obatyalayo ngendlela oza kubhatala ngayo de liphele.

    Olunye uphando luthi abantu abasebenzisa amakhadi ecredit badla ngokwenza amatyala amakhulu. Ngoko ukuba uthenga ngetyala, ungayi ngamandla.

IZINTO OMELE UZILUMKELE

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ebusika ivila aliyi kulima; liya kungqiba ngexesha lokuvuna, kodwa kungabikho nto.”—IMizekeliso 20:4.

ITHETHA UKUTHINI LE NTO: Ubuvila bunokukwenza ulambe. Kubalulekile ukusebenza nzima, nokuyisebenzisa kakuhle imali ukuze ukwazi ukuthenga zonke izinto ozidingayo.

IZINTO ONOKUZENZA:

  • Khuthala emsebenzini. Xa ukhuthele emsebenzini ibe uzenza zonke izinto ekufuneka uzenze, abaphathi bakho baza kukuthanda baze bakugcine.

  • Thembeka. Ungebi emsebenzini. Xa ulisela, abantu basenokukwazi kakubi ibe kunganzima ukuba uphinde uqeshwe.

  • Ungabawi. Xa usoloko ufuna imali eninzi, usenokugula okanye uxabane nabanye abantu. Ukhumbule ukuba zikhona ezinye izinto ezibaluleke ngaphezu kwemali.

EMINYE IMIGAQO YEBHAYIBHILE

Funda iBhayibhile ku-jw.org/xh, ifumaneka ngeelwimi ezininzi

SUKOMOSHA IXESHA NEMALI KWIZINTO EZINGABALULEKANGA.

“Kuba inxila nedla-kudla baya kuhlwempuzeka, yaye ukozela kuya kumambesa amadlavu ubani.”​—IMIZEKELISO 23:21.

UNGAZIXHALABISI NGEMALI.

“Musani ukuxhalela imiphefumlo yenu mayela noko niya kukudla okanye oko niya kukusela, okanye imizimba yenu mayela noko niya kukunxiba.”​—MATEYU 6:25.

UNGABI NOMONA.

“Nomntu oneliso elinomona ungxamela izinto zexabiso, kodwa akazi ukuba uya kufikelwa kukuswela.”​—IMIZEKELISO 28:22.