Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukupheliswa Kweentlungu Kusemnyango!

Ukupheliswa Kweentlungu Kusemnyango!

Khawube nombono wakho uhlala kwihlabathi elingenazintlungu—ihlabathi elingenalo ulwaphulo-mthetho, iimfazwe, ukugula neentlekele zemvelo. Khawuzibone uvuka ntsasa nganye ungenaxhala lokucalucalulwa, ukucinezelwa okanye lemali. Ngaba zonke ezi zinto zibonakala zingenakwenzeka? Liyinyaniso elokuba akakho umntu okanye urhulumente onokukwazi ukwenza oko. Kodwa uThixo uthembisa ukuziphelisa zonke iintlungu, kuquka nezo sithethe ngazo kwinqaku elingaphambili. ILizwi likaThixo iBhayibhile linezi zithembiso zilandelayo:

URHULUMENTE OLUNGILEYO

“UThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”Daniyeli 2:44.

UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini. UMlawuli wabo, uYesu Kristu, uza kuluphelisa ulawulo lwabantu aze aqinisekise ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwa emhlabeni njengasezulwini. (Mateyu 6:9, 10) Lo rhulumente akazi kuthathelwa indawo ngurhulumente wabantu kuba ‘bubukumkani obungunaphakade beNkosi noMsindisi wethu uYesu Kristu.’ Uxolo luya kuhlala luhleli.2 Petros 1:11.

UNQULO LOBUXOKI LUYA KUPHELA

‘USathana ngokwakhe uzimilisa okwengelosi yokukhanya. Ngoko ke akunto inkulu ukuba nabalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa. Kodwa isiphelo sabo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.’2 Korinte 11:14, 15.

Unqulo lobuxoki luya kubonwa nanguthathatha ukuba lolukaMtyholi ibe luza kushenxiswa emhlabeni. Inkohlakalo yonqulo nophalazo-gazi luza kuphela. Oko kuza kubangela ukuba bonke abathanda ‘uThixo ophilayo noyinyaniso’ bamnqule ‘ngokholo olunye’ ‘nangomoya nenyaniso.’ Olunjani lona uxolo nomanyano!1 Tesalonika 1:9; Efese 4:5; Yohane 4:23.

ABANTU BAYA KUFEZEKA

“Naye abe nguThixo walo [uluntu]. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”ISityhilelo 21:3, 4.

UYehova uThixo uya kusebenzisa uNyana wakhe uYesu owanikela ngobomi bakhe ngenxa yoluntu. (Yohane 3:16) Xa kulawula uYesu, abantu baya kufezeka. Akusayi kubakho zintlungu kuba  ‘uThixo uya kuba nabo yaye uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.’ Kungekudala ukungafezeki kwabantu neentlungu ziya kuba zizinto zexesha elidlulileyo; “amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”INdumiso 37:29.

IMIMOYA EMDAKA AYISAYI KUBAKHO

‘Wayibamba uYesu Kristu inamba, loo nyoka yantlandlolo, enguMtyholi, uSathana, waza wayibopha iminyaka eliwaka. Wayiphosa enzonzobileni waza wayivala, wayitywina, ukuze ingabi nakuzilahlekisa iintlanga kwakhona de kuphele iminyaka eliwaka. Emva koko iya kukhululwa ithuba elincinane.’ISityhilelo 20:2, 3.

Ayiyi kuphinda ibekho impembelelo kaSathana kuba yena needemon zakhe baya kuphoswa “enzonzobileni,” apho bangayi kukwazi ukwenza nto. Abayi kuphinda benze ububi ebantwini. Kuya kuba mnandi ngokwenene ukuphila kwihlabathi elingenampembelelo kaSathana nemimoya emdaka.

‘IMIHLA YOKUGQIBELA’ IYA KUDLULA

‘Imihla yokugqibela’ iya kuphela ‘ngembandezelo enkulu’ eyachazwa nguYesu. Wathi: “Kuya kubakho imbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.”Mateyu 24:21.

Le mbandezelo iza kuba nkulu ngohlobo lokuba kuya kwenzeka izinto ezibuhlungu ezingazange zenzeke ngaphambili. Isiphelo sazo siya kuba ‘yimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla,’ ebizwa ngokuba ‘yiArmagedon.’ISityhilelo 16:14, 16.

Kwihlabathi lonke abantu abathanda ubulungisa bakhangele phambili kwisiphelo sale nkqubo yezinto. Makhe sithethe ngezinye zeentsikelelo abaya kuzifumana kuBukumkani bukaThixo.

UTHIXO UYA KUBENZELA IZINTO EZININZI!

“Isihlwele esikhulu” siya kuphila kwihlabathi elinoxolo: ILizwi likaThixo lithi “isihlwele esikhulu” esingabalekiyo siya ‘kuphuma kwimbandezelo enkulu,’ size siphile kwihlabathi elitsha elinobulungisa. (ISityhilelo 7:9, 10, 14; 2 Petros 3:13) Siya kumbulela uYesu Kristu, “iMvana kaThixo esusa isono sehlabathi.”Yohane 1:29.

Abantu baya kufundiswa nguThixo: Kwihlabathi elitsha, “umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova.” (Isaya 11:9) Kule mfundiso kaThixo kuya kubakho nemiyalelo yendlela yokuphilisana ngoxolo nabo bonke abantu nendalo iphela. UThixo uthembisa oku: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.”Isaya 48:17.

Abafileyo baya kuvuswa: Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wavusa umhlobo wakhe uLazaro ekufeni. (Yohane 11:1, 5, 38-44) Ngaloo ndlela wayebonisa oko aya kukwenza emhlabeni wonke njengomlawuli woBukumkani bukaThixo.Yohane 5:28, 29.

Kuya kubakho uxolo nobulungisa ngonaphakade: Xa kulawula uKristu, ukuchas’ umthetho kuya kuba yinto yexesha elidlulileyo. Sikwazi njani oku? Kaloku uYesu, uyakwazi ukufunda iintliziyo yaye ngenxa yoko uza kwahlula abalungileyo kwababi. Abo bangafuniyo ukutshintsha iindlela zabo ezimbi abanandawo kwihlabathi elitsha likaThixo.INdumiso 37:9, 10; Isaya 11:3, 4; 65:20; Mateyu 9:4.

Sithethe nje ngeziprofeto ezimbalwa zeBhayibhile ezichaza ixesha esiya konwaba ngalo. Xa kulawula uBukumkani bukaThixo emhlabeni, kuya kubakho ‘ubuninzi boxolo’ ngonaphakade. (INdumiso 37:11, 29) Kuya kususwa yonke intlungu eluntwini. Siqinisekile ngale nto kuba uThixo usithembisa oku: “Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.  . . . La mazwi athembekile yaye ayinyaniso.”ISityhilelo 21:5.