Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | INDLELA UTHIXO AKUJONGA NGAYO UKUTSHAYA

Ubhubhane Emhlabeni Jikelele

Ubhubhane Emhlabeni Jikelele

Ukutshaya ngumbulali ongenalusini.

  • Kwikhulu leminyaka edluleyo ukutshaya kubulele abantu abayi-100 000 000.

  • Ngonyaka kubulala abantu abamalunga ne-6 000 000.

  • Oko kuthetha ukuba, kubulala umntu omnye kwimizuzwana nje emithandathu.

Yaye kubonakala ngathi akukho kubuya mva.

Iziphathi-mandla ziqikelela ukuba ngo-2030 abantu ababulawa licuba ngonyaka baya kube bengaphezu kwe-8 000 000. Kwaye zithi liya kube libulele abantu abayi-1 000 000 000 ekupheleni kweminyaka yee-2000.

Amaxhoba ecuba ayingobantu abalisebenzisayo qha. Aquka namanye amalungu entsapho aba sentlungwini yokufelwa neendleko okuzibangelayo, kunye nabo bayi-600 000 abangatshayiyo abafa ngenxa yokuphefumla umsi ophuma kwabo batshayayo. Le ngxaki ichaphazela wonke umntu ngenxa yokuxhuma kwamaxabiso ezonyango.

Ngokwahlukileyo kwizifo ezenza oogqirha babile besoma befuna iyeza, lo ubhubhane uyanyangeka, yaye neyeza licace nakubani na. Umongameli jikelele weWorld Health Organization uGqr. Margaret Chan wathi: “Ingxaki yecuba yenziwe ngabantu, yaye inokulungiswa kwangabo kunye norhulumente.”

Amazwe ngamazwe aye enza imizamo emikhulu ekulweni nale ngxaki yecuba. Ukususela ngo-2012, amazwe ayi-175 aye avumelana ukuba anciphise ukusetyenziswa kwecuba. * Noko ke, imizi-mveliso yecuba yenze kwanzima ukuyilwa le ngxaki. Nyaka ngamnye, ichitha iibhiliyoni zeerandi kwezentengiso ukuze irhwebeshe abathengi abatsha, ingakumbi amabhinqa nabantwana abakumazwe asakhulayo. Ukubakho kwabantu abasele benikezele kwicuba kusiqinisekisa ukuba ukubulawa kwabantu lilo kuseza kuhlala kuyingxaki kwibhiliyoni esele itshaya kakade. Ngaphandle kokuba liyekwe ngabo sele belisebenzisa, inani labafayo liseza kuqhubeka lixhuma ngamandla.

Ezentengiso zenza abantu abaninzi babambeke kumgibe wokutshaya abarhalela ukubhungca kuwo. Leyo yingxaki awayenayo noNaoko. Waqalisa ukutshaya eseyintombazana. Ukubona indlela oku okwakuvezwa ngayo kwezentengiso kwamenza wacinga ukuba ukutshaya kuyinto ebhadlileyo. Nangona abazali bakhe babulawa ngumhlaza wemiphunga, waqhubeka nokutshaya noxa wayekhulisa iintombi zakhe ezimbini. Uthi: “Ndandinexhala lokuba nam ndiza kuba nomhlaza wemiphunga ndikwaxhalabele nempilo yabantwana bam, kodwa ndandingakwazi ukuyeka. Ndandicinga ukuba soze ndiyeke ukutshaya.”

Nangona kunjalo, uNaoko wayeka ukutshaya. Wakwazi ukwahlukana nomkhwa wokutshaya ngokufanayo nezigidi zabantu ebezitshaya. Zincedwe yintoni? Qhubeka nokufunda.

^ isiqe. 11 Oko kuquka ukufundisa abantu ngeengozi zokutshaya, ukuphelisa ukuthengiswa kwecuba, ukwenyusa amaxabiso ecuba, nokuqalisa iphulo lokunceda abantu bayeke ukutshaya.