Yiya kwinkcazelo

Ngaba Ukubandezeleka Kwethu Kubangelwa NguThixo?

Ngaba Ukubandezeleka Kwethu Kubangelwa NguThixo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ithi ayikho loo nto! Ukubandezeleka kwakungeyonjongo kaYehova uThixo. Noko ke, isibini sokuqala savukela ulawulo lukaThixo, sakhetha ukuzenzela eyaso imithetho. Samlahla uThixo saza safumana imiphumo.

Namhlanje sifumana imiphumo yolo khetho lwaso. Kodwa asingoThixo owabangela ukuba abantu babandezeleke.

IBhayibhile ithi: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) Akukho mntu ungabandezelekiyo—kwanabo bathandwa nguThixo.