Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umqukumbelo

Umqukumbelo

‘Yibani ngabaxelisa abo bathi ngokholo nomonde bazidle ilifa izithembiso.’—AMAHEBHERE 6:12.

1, 2. Kutheni kubalulekile ukuba sibe nokholo ngoku? Zekelisa.

UKHOLO. Ligama elimnandi elo, elichaza uphawu oluhle. Noko ke, sakuba senza kakuhle ukuba xa sisiva ngalo sicinge ngelinye elithi: “Ungxamiseko!” Kaloku, ukuba asinalo ukholo, kufuneka siluhlakulele ngokungxamisekileyo. Ukuba sinalo, kufuneka silukhusele size silondle. Ngoba?

2 Yiba nombono wakho uhamba entlango. Womile lunxano. Loo ntwana yamanzi uyifumanayo, umele uyikhusele elangeni. Ukuze ufike apho uya khona kufuneka ufumane amanzi awaneleyo. Sonke namhlanje siphila kwihlabathi elingenamdla ekunquleni uYehova, apho ukholo lokwenene—njengamanzi entlango—lunqabile, okanye lukhawuleza lunyamalale oku komphunga ukuba alukhuselwa okanye lomelezwe. Ukholo lufuneka ngokungxamisekileyo; kanye njengokuba singenakuphila ngaphandle kwamanzi, asinakukwazi ukuba nolwalamano noYehova xa singenalukholo.—Roma 1:17.

3. UYehova usinceda njani sibe nokholo, ibe ziziphi izinto ezimbini esimele sizenze?

3 UYehova uyazi ukuba kungxamisekile ukuba sibe nokholo, ibe uyayazi indlela ekunzima ngayo ukuluhlakulela nokulomeleza. Yiyo le nto esinike imizekelo esinokuyixelisa. UYehova waphefumlela umpostile uPawulos ukuba abhale athi: ‘Yibani ngabaxelisa abo bathi ngokholo nomonde bazidle ilifa izithembiso.’ (Heb. 6:12) Yiyo loo nto intlangano kaYehova iye yasikhuthaza ukuba sizame ngandlela zonke ukuxelisa amadoda namabhinqa athembekileyo, njengalawo siye sathetha ngawo kule ncwadi. Kodwa yintoni esimele siyenze ngoku? Masikhumbule izinto ezimbini: (1) Simele sihlale silomeleza ukholo lwethu; (2) ithemba esinalo limele lihlale lithe thaa ezingqondweni zethu.

4. USathana uzingqine njani elutshaba lokholo, kodwa kutheni simele singamoyiki?

4 Hlala usomeleza ukholo lwakho. Ukholo lwethu lunotshaba—uSathana. Umlawuli weli hlabathi uye wenza kwanzima ukugcina ukholo kule nkqubo yezinto. Unamandla kakhulu kunathi. Ngaba simele soyike ukuba asinakukwazi ukwakha nokomeleza ukholo? Akunjalo! UYehova nguMhlobo omkhulu kubo bonke abafuna ukholo lokwenene. Usiqinisekisa ukuba uza kusinceda simelane noMtyholi size simenze asabe kuthi! (Yak. 4:7) Simelana naye ngokomeleza nokwakha ukholo lwethu imihla ngemihla. Njani?

5. Amadoda namabhinqa athembekileyo ekuthethwa ngawo eBhayibhileni alufumana njani ukholo? Cacisa.

5 Njengoko sibonile, amadoda namabhinqa okholo esifunda ngawo eBhayibhileni akazange azalwe enokholo. Abubungqina bokuba ukholo lungumphumo womoya oyingcwele kaYehova. (Gal. 5:22, 23) Acel’ uncedo kuYehova ngomthandazo, waza ngenxa yoko waqhubeka esomeleza ukholo lwawo. Nathi masenze kanye njengoko enzayo, singaze silibale ukuba uYehova ubanika umoya wakhe ngesisa bonke abawucelayo baze basebenzele kuwo. (Luka 11:13) Ngaba kukhona okungakumbi esinokukwenza?

6. Simele senze ntoni ukuze singenelwe ngokupheleleyo xa sifunda ngeengxelo eziseBhayibhileni?

6 Kule ncwadi, sixubushe ngabantu abambalwa ababonisa ukholo olubalaseleyo. Baninzi esingathethanga ngabo! (Funda amaHebhere 11:32.) Simele siziphe ithuba lokufunda, sithandaze size sicamngce ngaye ngamnye wabo. Ukuba sigqithis’ usana kunina xa sifunda ingxelo yeBhayibhile engabantu abanokholo, asiyi kulomeleza ukholo lwethu. Ukuze singenelwe ngokupheleleyo kufundisiso lwethu, sifanele sichithe ixesha siphanda ngomongo nemvelaphi yaloo ngxelo yeBhayibhile. Ukuba sihlala sikhumbula ukuba loo madoda namabhinqa ayengafezekanga yaye engabantu ‘abaneemvakalelo ezinjengezethu,’ umzekelo wabo uya kuba yingenelo kuthi. (Yak. 5:17) Ukuba novelwano kuya kusinceda sibone indlela ababevakalelwa ngayo njengoko babejamelene neemvavanyo ezifana nezethu.

7-9. (a) Amadoda namabhinqa aseBhayibhileni ebeya kuvakalelwa njani ngendlela esimnqula ngayo uYehova namhlanje? (b) Kutheni simele someleze ukholo lwethu ngezenzo?

7 Enye indlela esilomeleza ngayo ukholo lwethu kungezenzo zethu. Kakade ke, ‘ukholo ngaphandle kwemisebenzi lufile.’ (Yak. 2:26) Khawufan’ ucinge nje indlela ebeya kuvuya ngayo la madoda namabhinqa sithethe ngawo ukuba ebenikwe lo msebenzi siwabelwe nguYehova namhlanje!

8 Ngokomzekelo, ucinga ukuba kwakunokuba njani ukuba uAbraham wayexelelwe ukuba akazukunqula uYehova entlango kwisibingelelo esenziwe ngamatye, kunoko uza kunqula kunye namaqela alungelelanisiweyo kwiiHolo zoBukumkani nakwiindibano ezinkulu, apho kucaciswa izithembiso awayezibona “zisekude” ngokweenkcukacha? (Funda amaHebhere 11:13.) Ibe kwakunokuba njani ukuba uEliya wayexelelwe ukuba umsebenzi wakhe asikokubulala abaprofeti bakaBhahali abangendawo nokukhonza uYehova phantsi kolawulo lukakumkani owexukileyo, kodwa kukutyelela abantu ukuze abathuthuzele aze abanike ithemba? Amadoda namabhinqa aseBhayibhileni ebeya kulitsibela ithuba lokunqula uYehova ngendlela esimnqula ngayo namhlanje!

9 Ngoko masiqhubeke sisomeleza ukholo lwethu ngezenzo. Ngokwenza oko, siya kube sixelisa ukholo lwamadoda namabhinqa ekuthethwa ngawo kwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. Njengoko besitshilo kwiNtshayelelo, kuya kuba ngathi ngabahlobo bethu abasenyongweni. Kungekudala obo buhlobo buza kuba bobokwenene.

10. Luluphi uvuyo esiya kuba nalo eParadesi?

10 Gcina ithemba lakho lithe thaa engqondweni yakho. Amadoda namabhinqa athembekileyo ebesoloko esomelezwa lithemba alinikwe nguThixo. Kuthekani ngawe? Ngokomzekelo, khawucinge indlela ekuza kuba mnandi ngayo ukubona abakhonzi bakaThixo bevuswa ekufeni ‘kuvuko lwamalungisa.’ (Funda iZenzo 24:15.) Yiyiphi imibuzo ongathanda ukubabuza yona?

11, 12. Kwihlabathi elitsha, yiyiphi imibuzo ongathanda ukuyibuza (a) uAbheli? (b) uNowa? (c) uAbraham? (d) uRute? (e) uAbhigali? (f) uEstere?

11 Xa udibana noAbheli, akunakuba nomdla wokwazi ukuba babenjani abazali bakhe? Okanye usenokubuza: “Wawukhe uthethe nezaa kherubhi zazigade umyezo wase-Eden? Zazikuphendula?” Kuthekani ngoNowa? Usenokubuza: “Wawungazoyiki iiNefili? Wazinyamekela njani zonke eza zilwanyana emkhombeni unyaka wonke?” Ukuba udibana noAbraham, usenokubuza: “Wawukhe udibane noShem? Wafundiswa ngubani ngoYehova? Ngaba kwakunzima ukushiya iUre?”

12 Ngokufanayo, cinga ngeminye imibuzo ongathanda ukuyibuza amabhinqa athembekileyo aza kube evusiwe. “Rute, yintoni eyakuchukumisela ukuba ube ngumkhonzi kaYehova?” “Abhigali, wawungoyiki ukuxelela uNabhali indlela owamnceda ngayo uDavide?” “Estere, kwenzeka ntoni kuwe noMordekayi emva kokuphela kweziganeko ekuthethwa ngazo eBhayibhileni?”

13. (a) Yiyiphi imibuzo abanokukubuza yona abo baza kuvuswa? (b) Uvakalelwa njani ngokufumana ithuba lokudibana namadoda namabhinqa athembekileyo amandulo?

13 Ngokuqinisekileyo, nawo loo madoda namabhinqa okholo anemibuzo afuna ukukubuza yona. Kuya kuba mnandi ukubaxelela ngale mihla yesiphelo nendlela uYehova aye wabasikelela ngayo abantu bakhe kuloo maxesha anzima! Ngokungathandabuzekiyo baya kuchukumiseka kukuva indlela uYehova azizalisekise ngayo zonke izithembiso zakhe. Kwihlabathi elitsha akusayi kufuneka sibathelekelele abakhonzi bakaThixo abathembekileyo abaseBhayibhileni. Siza kube sikunye nabo eParadesi! Hlala usenza konke okusemandleni akho ngoku ukuze ubenze babe ngabantu bokwenene kuwe. Qhubeka uxelisa ukholo lwabo. Kwanga ungaqhubeka unandipha ukukhonza uYehova kunye nabo njengabahlobo bakho ngonaphakade!