KwabaseGalati 5:1-26

  • Inkululeko yamaKristu (1-15)

  • Ukukhokelwa ngumoya kaThixo (16-26)

    • Izinto ezenziwa ngumzimba onesono (19-21)

    • Isiqhamo somoya (22, 23)

5  UKristu wasikhulula ukuze sibe naloo nkululeko. Ngoko ke yimani ningagungqi,+ ningazivumeli ukuba niphinde ningene phantsi kwedyokhwe yobukhoboka.+  Mna Pawulos ndithi kuni, ukuba niyoluka, uza kube akanincedanga nganto uKristu.+  Kwakhona ndikhumbuza wonke umntu owolukayo ukuba, kuza kufuneka awuthobele wonke uMthetho.+  Nina nizama ukuba ngamalungisa ngokuthobela umthetho,+ nimshiyile uKristu, nabushiya nobubele bakhe.  Ngenxa yomoya oyingcwele nangenxa yokholo lwethu, silindele ukuba ngamalungisa.  Xa simanyene noKristu, ukoluka nokungoluki akubalulekanga,+ kodwa into ebalulekileyo kukuba nokholo, uqhutywa luthando.  Benibaleka kakuhle.+ Ngubani ke ngoku onenze nayeka ukuthobela inyaniso?  Olo hlobo lwemfundiso alusuki kulowo unibizayo.  Igwele elincinci liyibilisa yonke intlama.+ 10  Ndiqinisekile ukuba nina nimanyene neNkosi,+ anizukucinga ngenye indlela, kodwa nabani na onisokolisayo+ uza kufumana isohlwayo esimfaneleyo. 11  Bazalwana, ukuba ndisashumayela ukuba abantu boluke, kutheni ke ndisatshutshiswa? Ukuba bekunjalo, isibonda sokungcungcutheka*+ besiza kuyeka ukuba sisikhubekiso. 12  Akwaba la madoda azama ukunisokolisa, ebenokuzithena.* 13  Bazalwana nabizelwa kwinkululeko, kodwa sanukuyithatha njengethuba lokwenza izinto ezifunwa yimizimba yenu enesono,+ kodwa omnye makabe likhoboka lomnye kuba nithandana.+ 14  Kuba uMthetho xa uwonke uzalisekiswa* ngomyalelo omnye othi: “Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”+ 15  Kodwa ukuba niyagrenyana, niqwengane,+ lumkani ningenzakalisani.+ 16  Ndithi kuni, Qhubekani nikhokelwa ngumoya kaThixo,+ ibe anizukuzenza izinto ezifunwa yimizimba yenu enesono.+ 17  Kuba izinto ezifunwa ngumzimba onesono zilwisana nomoya kaThixo, yaye umoya kaThixo ulwisana nomzimba onesono; kuba ezi zinto azidibani, ukuze ningazenzi izinto enifuna ukuzenza.+ 18  Ngaphezu koko, ukuba nikhokelwa ngumoya kaThixo, anikho phantsi komthetho. 19  Izinto ezenziwa ngumzimba onesono zibonakala kakuhle. Kukuziphatha kakubi ngesondo,*+ ukungcola, ukuziphatha ngokungenazintloni,*+ 20  ukukhonza izithixo, ukusebenzelana nemimoya,+ ubutshaba, iingxabano, ikhwele, ukugqajukelwa ngumsindo, ukungavani, ukwahlukanisa abantu, ukulandela abantu, 21  umona, ukunxila,+ iipati ezingalawulekiyo nezinto ezinjengezi.+ Ndiyanilumkisa ngezi zinto, njengokuba ndandinilumkisile ukuba abantu abazenzayo, abazukubufumana uBukumkani BukaThixo.+ 22  Kwelinye icala isiqhamo somoya luthando, uvuyo, uxolo, umonde, ububele, ukulunga,+ ukholo, 23  ukululama* nokukwazi ukuzibamba.*+ Akukho mthetho othi mazingenziwa ezi zinto. 24  Abo ke bangabakaKristu Yesu bazibulele* iinkanuko neminqweno yemizimba yabo enesono.+ 25  Ukuba sikhokelwa ngumoya kaThixo, masiqhubeke sikufuna ukukhokelwa nguwo.+ 26  Masingaziphakamisi,+ singakhuphisani nabanye abantu,+ singamonelani.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “isibonda sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ebenokuba ngamathenwa,” atsho angakufanelekeli nokuzenza izinto zaloo mthetho awukhuthazayo.
Okanye kusenokwenzeka, “ushwankathelwa.”
Okanye “Kukuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ukuqaqadeka.” NgesiGrike, a·selʹgei·a. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ubulali.”
Okanye “nokuzeyisa.”
Ngokoqobo, “bazibethelele esibondeni.”