Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 15

Abadala Balinceda Njani Ibandla?

Abadala Balinceda Njani Ibandla?

EFinland

Bayafundisa

Bayalusa

Bayashumayela

Kwintlangano yethu asinabefundisi babhatalwayo. Kunoko, njengoko kwakunjalo ukuqalisa kwebandla lamaKristu, kumiselwa abaveleli abafanelekayo ukuze ‘baluse umhlambi kaThixo.’ (IZenzo 20:28) Aba badala ngamadoda aqolileyo ngokomoya akhokela ibandla nalalusayo, “kungengakunyanzelwa, kodwa ngokuzithandela; kungekhona ngokuthanda inzuzo yokunganyaniseki, kodwa ngentumekelelo.” (1 Petros 5:1-3) Yintoni abasenzela yona?

Bayasinyamekela baze basikhusele. Abadala bakhokela yaye banceda ibandla ngokomoya. Besazi ukuba nguThixo obanike le mbopheleleko ibalulekileyo, ababalawuli ngegqudu abantu bakaThixo, kunoko, bafuna sonwabe. (2 Korinte 1:24) Kanye njengokuba umalusi enyamekela nganye yezimvu zakhe, abadala bazama ukwazi mntu ngamnye osebandleni.—IMizekeliso 27:23.

Basifundisa indlela yokwenza ukuthanda kukaThixo. Veki nganye, abadala bayafundisa kwiintlanganiso zebandla ukuze bomeleze ukholo lwethu. (IZenzo 15:32) Kwakhona, la madoda azinikeleyo ayakhokela kumsebenzi wokushumayela, esebenza kunye nathi yaye esiqeqeshela zonke iinkalo zobulungiseleli.

Bayasikhuthaza. Ukuze basincede kwizinto zokomoya, abadala basenokuya kuncokola nathi emakhaya okanye kwiHolo yoBukumkani ukuze basincede okanye basithuthuzele ngeZibhalo.—Yakobi 5:14, 15.

Ukongezelela kumsebenzi webandla, abadala abaninzi bayaphangela yaye baneembopheleleko zentsapho ezifuna ixesha nengqalelo yabo. Sifanele sibahloniphe aba bazalwana basebenza nzima.—1 Tesalonika 5:12, 13.

  • Uyintoni umsebenzi wabadala bebandla?

  • Ziziphi iindlela abadala abawubonisa ngazo umdla kuthi?