Yiya kwinkcazelo

Bakhonza UYehova Nangona Kunzima EVenezuela

Bakhonza UYehova Nangona Kunzima EVenezuela

 Kule mihla, eVenezuela kuye kwakho iingxaki ezininzi zemali nendlela abantu abaphila ngayo. Omnye umzalwana ekuthiwa nguEdgar uthi, “Kule minyaka imbalwa idlulileyo, indlela yokuphila iye yatshintsha kakhulu. Kangangokuba siye saziva ngathi sikwelinye ilizwe, kodwa siselapha eVenezuela!”

 Yintoni eye yanceda uEdgar waqhelana nolu tshintsho? Uthi: “Mna nomfazi wam uCarmen siye sacinga ngomzekelo omhle wabavangeli abaye bayokuhlala kwamanye amazwe apho kungekho zinto zininzi baza bafunda ukuphila ngezinto ezimbalwa. Loo nto iye yasinceda sazama ukuphila ubomi obulula, saza senza izinto ezintsha, njengokuzilimela ukutya kwethu.”

UCarmen noEdgar

 Kodwa uEdgar noCarmen baye benza nezinye izinto. Baye bathuthuzela abanye abazalwana noodade, kunye nabo bakhathazeke kakhulu. (1 Tesalonika 5:11) UEdgar uthi, “Ngaphezu nje kokubathuthuzela, siye sabakhuthaza ukuba nabo bancede abanye, kuba loo nto iza kubenza bavuye.”—IZenzo 20:35.

Baye Basikelelwa Abo Bashumayelayo

 Xa bekuqala ikhorona, umzalwana uArgenis uye washumayela kubantu azalana nabo. Abanye babo baye bavuma ukufunda iBhayibhile ngefowuni.

UArgenis

 Umzalwana uArgenis ebefuna abantu azalana nabo abangena-intanethi bakwazi ukubukela indibano yengqingqi ka-2020. Ngoko, umzalwana okwidolophu ekufutshane nabo uye wabanika ucwangciso olurekhodiweyo. Ibe aba bantu azalana nabo baye baboleka iTV enkulu nezipikha. UArgenis uye wabafowunela ngaphambi kocwangciso ukuze athandaze nabo. Ngenxa yendlela umzalwana uArgenis aye wakhuthala ngayo, abantu abayi-4 azalana nabo kunye nabanye abayi-15 baye bakwazi ukubukela indibano.

Bebeqhutywa Lukholo Nothando

 Umzalwana uJairo nenkosikazi yakhe uJohana ngabo kuphela abanemoto ebandleni labo. Ngoko bayisebenzisela ukuze bancede abanye kuba benobubele. Kodwa eyona ngxaki banayo kukuba kunzima ukufumana ipetrol eVenezuela. UJairo uthi, “Silinda iiyure ezininzi, ngamanye amaxesha ubusuku bonke, silinde ukugalela ipetrol.”

UJohana noJairo

 UJairo uthi abazisoli tu ngayo yonke le nto bayenzayo kuba bAnceda abazalwana. Uthi: “Xa siphathela abazalwana izinto abazidingayo, sivuya kakhulu xa sibabona bebulela uYehova, onika abantu bakhe zonke izinto abazidingayo.”—2 Korinte 9:11, 14.

Wonke umntu anganceda

 Omnye udade ona-28, uNorianni ucinga ukuba umncinci kakhulu ukuba anganceda abanye. Kodwa uye wafunda u-1 Timoti 4:12 othi: “Makungabikho mntu ukujongela phantsi kuba umncinci. Kunoko, yiba ngumzekelo kwabo bathembekileyo.”

UNorianni

 Esi sibhalo siye sakhuthaza uNorianni ukuba achithe ixesha elininzi ekunye nabantu abakhulileyo abasebandleni lakhe, abancedise xa beshumayela ngeeleta, aze abameme naxa eqhuba izifundo zakhe zeBhayibhile. Uyabafowunela aze abathumelele nemiyalezo ekhuthazayo. Uthi, “UYehova undibonisile ukuba ininzi nyhani into endinokuyenza.”

 Abazalwana noodade abaseVenezuela baneengxaki ezininzi kule mihla yokugqibela. Nangona kunjalo, bakukhuthalele ukushumayela ibe ‘bayathuthuzelana.’—Kolose 4:11; 2 Timoti 4:2.