Yiya kwinkcazelo

Ngaba Uyakwamkela Ukunyangwa?

Ngaba Uyakwamkela Ukunyangwa?

Ewe, amaNgqina kaYehova ayavuma ukunyangwa. Ngoxa sizama ukunyamekela imizimba yethu ukuze sibe sempilweni, maxa wambi ‘ugqirha uyafuneka.’ (Luka 5:31, iEasy-to-Read Version) Phofu ke, njengoko kwakunjalo ngomKristu wenkulungwane yokuqala uLuka, amanye amaNgqina kaYehova angoogqirha.—Kolose 4:14.

Ezinye iindlela zokunyanga ziyangqubana nemithetho yeBhayibhile, yaye asizamkeli. Ngokomzekelo, asilwamkeli utofelo-gazi kuba iBhayibhile ayivumi ukuba igazi lifakwe emzimbeni. (IZenzo 15:20) Ngokufanayo, iBhayibhile ayilufuni unyango olusebenzisa ubugqi.—Galati 5:19-21.

Noko ke, unyango oluninzi alungqubani nemithetho yeBhayibhile. Ngoko ke, umntu kufuneka azikhethele. Elinye iNgqina lisenokugqiba ekubeni lamkele uhlobo oluthile lwamayeza okanye lonyango, ngoxa elinye lisenokungalifuni.—Galati 6:5.