Yiya kwinkcazelo

Kwenzeka Ntoni KumaNgqina KaYehova Xa AmaNazi Ayebulala Abantu?

Kwenzeka Ntoni KumaNgqina KaYehova Xa AmaNazi Ayebulala Abantu?

 KumaNgqina KaYehova amalunga ne-35,000 awayehlala eJamani nakwamanye amazwe awayelawulwa ngamaNazi, kwafa AmaNgqina amalunga nayi-1,500 xa amaNazi ayebulala abantu. Asizazi zonke izinto ezababulalayo. Kodwa kusekho uphando olusaqhubekayo, amanani nezinye inkcukacha aza kubakhona ekuhambeni kwexesha.

 Bafa njani?

  • Ibleydi yokunqumla intloko eyayisetyenziswa ngamaNazi

      Babetshutshiswa: AmaNgqina kaYehova amalunga ne-400 atshutshiswa eJamani nakumazwe alawulwa ngamaNazi. Abaninzi kubo babexoxiswa kwiinkundla zamatyala, benikwa isigwebo sokufa, baze banqunyulwe intloko. Abanye babedutyulwa, abanye bexhonywa kungakhange kuxoxwe nokuxoxwa.

  •   Bevalelwa kwiimeko ezimbi: AmaNgqina angaphezu kwe-1,000 aye afela ejele nakwiinkampu zoxinaniso. Babesenziswa imisebenzi enzima bade bafe ngenxa yeentlungu, ukulamba, ukugodola, ukugula nokunganyangwa kakuhle. Kuba babephatheke kakubi kakhulu, abanye bafa nje emva kokuba bekhululwe, xa kwakuphela iMfazwe Yehlabathi Yesibini.

  •   Ezinye izinto: Amanye AmaNgqina abulawa ngegesi erhaxayo, aye abulawa nayinto yokuba oogqirha babewahlolela kuwo amayeza abo ukuba asebenza njani, betofwa nangezitofu eziyingozi.

 Kwakutheni ukuze batshutshiswe?

 AmaNgqina kaYehova atshutshiswa ngenxa yokuthobela iimfundiso zeBhayibhile. Xa urhulumente wamaNazi wanyanzela AmaNgqina ukuba enze izinto iBhayibhile engazifuniyo, AmaNgqina zange avume. Akhetha ‘ukuthobela uThixo njengomlawuli kunabantu.’ (IZenzo 5:29) Masive ngezinto ezimbini aye azenza.

  1.   Aqhubeka engathathi cala kwiipolitiki. NjengamaNgqina akumazwe onke namhlanje, amaNgqina kaYehova awayephila ngexesha lokulawula kwamaNazi ayengathathi cala kwezopolitiko. (Yohane 18:36) Ngenxa yoko, zange avume:

  2.   Ayesenza izinto azikholelwayo. Nangona ayengavunyelwa ukuba enze izinto azikholelwayo, AmaNgqina kaYehova aqhubeka:

 Uprofesa Robert Gerwarth uthi ngamaNgqina kaYehova “ngawo kuphela angazange avume ukuxhasa amaNazi aza atshutshiswa ngenxa yeenkolela zawo zenkonzo.” a Amanye amabanjwa ayewancoma AmaNgqina kaYehova ngenxa yokubambelela kwawo kwiinkolelo zawo. Elinye ibanjwa laseOstreliya lade lathi: “Abayi emfazweni. Babencamela ukuba babulawe kunokuba babulale abanye abantu.”

 Bafela phi?

  •   Kwiinkampu zoxinaniso: AmaNgqina kaYehova afela kwiinkampu zoxinaniso. Bavalelwa kwiinkampu eziseAuschwitz, eBuchenwald, eDachau, eFlossenbürg, eMauthausen, eNeuengamme, eNiederhagen, eRavensbrück, naseSachsenhausen. ESachsenhausen qha, kwafa malunga namaNgqina kaYehova ayi-200.

  •   Ejele. Amanye AmaNgqina abethwa alimala de afela ejele.

  •   Kwiindawo awayebulawelwa kuzo: AmaNgqina kaYehova abulawelwa kwiijele eziseBerlin-Plötzensee, eBrandenburg, naseHalle/Saale. Ukongezelela, ezinye iindawo eziyi-70 apho AmaNgqina abulawelwa khona kwabhalwa ngazo.

 Abanye babantu abaye babulawa

  •  Igama: Helene Gotthold

     Indawo awabulawelwa kuyo: Plötzensee (Berlin)

     UHelene, owayetshatile enabantwana ababini, wabanjwa amaxesha amaninzi. Ngo-1937, waphathwa kakubi kakhulu xa wayencinwa kangangokuba wade wafelwa ngumntwana wakhe ongekazalwa. NgoDisemba 8, 1944, wanqunyulwa intloko kwijele yasePlötzensee, Berlin.

  •  Igama: Gerhard Liebold

     Indawo awabulawelwa kuyo: Brandenburg

     UGerhard owayeminyaka eyi-20, wanqunyulwa intloko ngo-Meyi 6, 1943, emva nje kweminyaka emibini utata wakhe enqunyelwe intloko kwakwindawo enye. Wabhalela intsapho yakokwabo nomntu owayezotshata naye esithi: “Ngaphandle kwamandla kaThixo, bendingasoze ndikwazi ukuyenza le nto.”

  •  Igama: Rudolf Auschner

     Indawo awabulawelwa kuyo: Halle/Saale

     URudolf wayeneminyaka nje eyi-17 xa wanqunyulwa intloko ngoSeptemba 22, 1944. Waye wabhalela umama wakhe ileta wathi: “Abazalwana abaninzi baye bayihamba le ndlela, ngoko nam ndizokwenza njalo.”

a Hitler’s Hangman: The Life of Heydrich, iphepha 105.