Kubalisa UMateyu 23:1-39

  • Nize ningabalinganisi abaFarisi (1-12)

  • Baza kuthi shu ababhali nabaFarisi (13-36)

  • UYesu ulilela iYerusalem (37-39)

23  Emva koko uYesu wathi kubantu ababelapho nakubafundi bakhe:  “Ababhali nabaFarisi bazibeke endaweni kaMoses.  Ngoko ke zenzeni zonke izinto abanixelela zona, kodwa ningazenzi izinto abazenzayo, kuba abazenzi izinto abazithethayo.+  Babopha imithwalo enzima baze bayibeke emagxeni abantu,+ kodwa bona abafuni kuyichukumisa nangomnwe lo.+  Yonke into abayenzayo, bayenzela ukubonwa ngabantu,+ kuba bawenza makhulu amaqhaga anezibhalo abawanxibayo,+ ibe bayenza mide imisonto yempahla yabo.+  Bathanda ukuhlala kwiindawo zabona bantu babalulekileyo kwizidlo zangokuhlwa, nakwizihlalo eziphambili* kwizindlu ekukhonzelwa kuzo,*+  nokubuliswa ngembeko kwiindawo ekuthengiswa kuzo, nokubizwa Mfundisi* ngabantu.  Kodwa ke nina maningabizwa Mfundisi, kuba mnye uMfundisi wenu,+ kanti nonke nina ningabazalwana.  Ngaphezu koko, ningabizi nabani na ngokuthi ngutata* emhlabeni, kuba mnye uTata wenu,+ nguLowo usezulwini. 10  Ningabizwa nangokuba niziinkokheli, kuba inye iNkokheli yenu, nguKristu. 11  Kodwa oyena mkhulu phakathi kwenu mayibe nguye osebenzela abanye.+ 12  Nabani na oziphakamisayo uza kuthotywa,+ kodwa yena ozithobayo uza kuphakanyiswa.+ 13  “Niza kuthi shu nina babhali nani baFarisi, bahanahanisindini!* ngenxa yokuba nivalela abantu ukuba bangabufumani uBukumkani bamazulu kuba nina anizukubufumana, ibe nababufunayo anibavumeli ukuba babufumane.+ 14  *—— 15  “Niza kuthi shu nina babhali nani baFarisi, bahanahanisindini!+ kuba nihamba kulo lonke ulwandle nomhlaba ukuze niguqule nokuba ngumntu omnye abe ngumYuda, aze xa eguqukile nimenze isisulu seGehena* ngokuphindwe kabini kunani. 16  “Niza kuthi shu zinkokhelindini eziziimfama,+ enithi, ‘Ukuba nabani na ufunga ngetempile, asiyongxaki leyo; kodwa ukuba nabani na ufunga ngegolide yetempile, unyanzelekile enze ngokwesifungo sakhe.’+ 17  Zidengendini eziziimfama! Yeyiphi eyona ibalulekileyo phakathi kwegolide netempile engcwalise loo golide? 18  Ngaphezu koko, nithi, ‘Ukuba nabani na ufunga ngesibingelelo, asiyongxaki leyo; kodwa ukuba nabani na ufunga ngesipho esikweso sibingelelo, unyanzelekile enze ngokwesifungo sakhe.’ 19  Zimfamandini! Yeyiphi eyona ibalulekileyo phakathi kwesipho nesibingelelo esingcwalisa eso sipho? 20  Ngoko ke nabani na ofunga ngesibingelelo ufunga ngaso nangazo zonke izinto ezikuso; 21  nabani na ofunga ngetempile ufunga ngayo nangaLowo ukuyo;+ 22  nabani na ofunga ngezulu ufunga ngetrone kaThixo nangaLowo uhleli kuyo. 23  “Niza kuthi shu nina babhali nani baFarisi, bahanahanisindini! kuba ninikela ngesishumi semifuno enjengetyeleba, idile nekumin,+ kodwa nizibekele ecaleni ezona zinto zibalulekileyo zoMthetho, ezinjengobulungisa,+ inceba+ nokuthembeka. Benimele ninikele ngezishumi kakade, kodwa ningaziyekanga ezona zinto zibalulekileyo.+ 24  Zinkokhelindini eziziimfama,+ ezihluza imbuzane+ kodwa ziginye inkamela!+ 25  “Niza kuthi shu nina babhali nani baFarisi, bahanahanisindini! kuba niyihlamba ngaphandle indebe nesitya,+ kodwa ngaphakathi zigcwele kukunyoluka+ nokubawa.+ 26  MFarisindini oyimfama, qala uyihlambe ngaphakathi indebe nesitya, ukuze zicoceke nangaphandle. 27  “Niza kuthi shu nina babhali nani baFarisi, bahanahanisindini!+ kuba nifana namangcwaba apeyintwe mhlophe,+ abonakala emahle ngaphandle kodwa ngaphakathi agcwele ngamathambo abantu abafileyo nalo lonke uhlobo lokungcola. 28  Nani nibonakala ngathi ningamalungisa ebantwini, kodwa ngaphakathi ezintliziyweni ningabahanahanisi nezaphuli-mthetho.+ 29  “Niza kuthi shu nina babhali nani baFarisi, bahanahanisindini!+ kuba nakha amangcwaba abaprofeti, nihombise namangcwaba* amalungisa,+ 30  nize nithi, ‘Ukuba sasikho ngemihla yookhokho bethu, sasingazukuncedisa ekubulaleni abaprofeti.’ 31  Ngoko ke, niyazidiza ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti.+ 32  Ngoko ke, yigqibeni into eyaqalwa ngokhokho benu. 33  “Zinyokandini, nzalandini yamarhamba,+ niza kuwubaleka njani umgwebo weGehena?*+ 34  Yiloo nto ndinithumela abaprofeti+ namadoda azizilumko nalawo afundisa abantu.+ Amanye niza kuwabulala+ nize niwabethelele ezibondeni, amanye niwakatse kanobom+ kwizindlu enikhonzela kuzo, nize amanye niwatshutshise+ kwizixeko ngezixeko. 35  Ngoko ke ninetyala ngegazi lamalungisa elaphalalayo emhlabeni, ukususela kwigazi lika-Abheli+ olilungisa ukuyokutsho kwigazi likaZekariya unyana kaBharakhiya, enambulalela phakathi kwengcwele nesibingelelo.+ 36  Ndiyaniqinisekisa ukuba, esi sizukulwana siza kuphenduliswa ngazo zonke ezi zinto. 37  “Yerusalem, Yerusalem, wena ubulala abaprofeti nobabetha ngamatye abo bathunyelwa kuyo,+ kunini ndifuna ukuqokelela abantwana bakho, oku kwesikhukukazi siqokelela amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso! Kodwa anizange nivume.+ 38  Jonga! Iza kushiyelwa kuwe itempile* yakho.+ 39  Kuba ndithi kuni, anisoze nindibone de nithi, ‘Usikelelwe lowo uza egameni likaYehova!’”*+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ezibekekileyo.”
Okanye “kwizindlu zesikhungu.”
Okanye “Rabhi.”
UYesu wayenqanda ukuba abantu babizwe ‘tata’ ngenxa yesikhundla abanaso enkonzweni.
Oko kukuthi, abantu abazenza amalungisa bengengawo.
Okanye “namangcwaba enkumbulo.”
Ngokoqobo, “indlu.”