Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova AngamaProtestanti?

Ngaba AmaNgqina KaYehova AngamaProtestanti?

Akunjalo. AmaNgqina kaYehova angamaKristu, kodwa asizigqali njengamaProtestanti. Ngoba?

UbuProtestanti buchazwa “njengonqulo olunxamnye namaRoma Katolika.” Nangona iyinyaniso kona into yokuba amaNgqina kaYehova akavumelani neemfundiso zeCawa yamaKatolika, asizigqali njengamaProtestanti ngenxa yezi zizathu zilandelayo:

  1. Iinkolelo ezininzi zamaProtestanti ziyangqubana noko kufundiswa yiBhayibhile. Ngokomzekelo, iBhayibhile ifundisa ukuba “mnye uThixo” kungekhona uThixo Oneziqu Ezithathu. (1 Timoti 2:5; Yohane 14:28) Ikwafundisa ngokucacileyo ukuba uThixo uyabohlwaya abangendawo, kungekhona kwisihogo somlilo kodwa ngokubatshabalalisa ngonaphakade.​—INdumiso 37:9; 2 Tesalonika 1:9.

  2. Asikho nxamnye neCawa yamaKatolika okanye naluphi na olunye unqulo. Ngokwahlukileyo koko, sishumayela nje iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, sinceda abanye bakhe ukholo lwabo kuzo. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Sinomdla kungekhona ekuzameni ukutshintsha ezinye iicawa kodwa ekufundiseni bonke abantu inyaniso ngoThixo nangeLizwi lakhe iBhayibhile.​—Kolose 1:9, 10; 2 Timoti 2:24, 25.