Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Anyanzelisa Abantu Ukuba Batshintshe Iinkonzo Zabo?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Anyanzelisa Abantu Ukuba Batshintshe Iinkonzo Zabo?

Hayi, asenzi njalo. Iphephancwadi lethu iMboniselo lathi: “Ukunyanzela abantu ukuba batshintshe unqulo lwabo kuphosakele.” a Siyakuphepha ukunyanzelisa abantu ngenxa yezi zizathu zilandelayo:

  • UYesu akazange anyanzelise abantu ukuba bamkele iimfundiso zakhe. Wayesazi ukuba bambalwa abaza kusabela kwisigidimi sakhe. (Mateyu 7:13, 14) Xa abanye abafundi bakhe bakhutyekiswa koko wayekuthetha, wabayeka bahamba endaweni yokuba abanyanzelise ukuba bahlale.—Yohane 6:60-62, 66-68.

  • UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba abamele banyanzelise abantu ukuba batshintshe iinkolelo zabo. Kunokuba babanyanzele ukuba bamkele iindaba ezilungileyo zoBukumkani, abafundi bakhe babemele bakhangele abantu abakufunayo ukuphulaphula.—Mateyu 10:7, 11-14.

  • Ukutshintsha inkonzo kuba unyanzelisiwe akusebenzi, kuba uThixo wamkela kuphela unqulo olusuka entliziyweni.—Duteronomi 6:4, 5; Mateyu 22:37, 38

Ngaba umsebenzi wethu kukuguqula abantu?

Yinyaniso ukuba sisasaza isigidimi seBhayibhile “kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba,” “esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu,” njengoko kuyalelwe eBhayibhileni. (IZenzo 1:8; 10:42; 20:20) NjengamaKristu okuqala sityholwa ngokuba siguqula abantu ngokungekho semthethweni. (IZenzo 18:12, 13) Kodwa oku akuyonyaniso. Asimele sinyanzelise iinkolelo zethu kwabanye abantu. Kunoko, sikholelwa ukuba abantu bamele babe nolwazi ukuze bakwazi ukwenza ukhetho olufanelekileyo.

Asibanyanzeli abantu ukuba batshintshe iinkonzo zabo kwaye asisebenzisi unqulo ukuze sibhengeze ezopolitiko okanye siphe abantu izinto ukuze sifumane amalungu amatsha. Ngokwenza ezi zinto, abo bathi bangamaKristu baye abamhlonipha uKristu. b

Ngaba umntu unalo ilungelo lokutshintsha inkonzo yakhe?

Umprofeti uAbraham walushiya unqulo lwezalamane zakhe

Ewe, iBhayibhile ibonisa ukuba abantu banalo ilungelo lokutshintsha iinkonzo zabo. Ithetha ngabo baye bakhetha ukushiya unqulo lwezalamane zabo baza ngokuzithandela bakhonza uThixo oyinyaniso. Eminye imizekelo yabo bantu nguAbraham, uRute, abanye abantu baseAthene nompostile uPawulos. (Yoshuwa 24:2; Rute 1:14-16; IZenzo 17:22, 30-34; Galati 1:14, 23) Ukongezelela, iBhayibhile iyathetha nangabantu abaye benza isigqibo esingafanelekanga sokushiya unqulo olwamkelekileyo kuThixo.—1 Yohane 2:19.

IUniversal Declaration of Human Rights iyalixhasa ilungelo lokutshintsha inkonzo, ezithi xa zithetha ngalo iZizwe Ezimanyeneyo, “lingundoqo kumthetho wamalungelo abantu ehlabathini lonke.” IUniversal Declaration of Human Rights ithi wonk’ umntu “unelungelo lokutshintsha inkonzo okanye inkolelo yakhe.” Iphind’ ithi bonk’ abantu banelungelo “lokufuna, lokwamkela nelokwabelana nabanye ngolwazi nangeembono,” kuquka iimbono eziphathelele unqulo. c Kakade ke, kufuneka ahlonitshwe namalungelo abanye abantu okugcina iinkolelo zabo nokungayamkeli into abangavumelaniyo nayo.

Ngaba ukutshintsha inkonzo kukudelela amasiko nezithethe zentsapho?

Akumele kube njalo. IBhayibhile ikhuthaza ukuba kuhlonitshwe wonk’ umntu, enoba ukhonza phi. (1 Petros 2:17) Ukongezelela, amaNgqina KaYehova athobela umyalelo weBhayibhile wokuhlonipha abazali, enoba banezinye iinkolelo.—Efese 6:2, 3.

Sekunjalo, ayinguye wonk’ umntu ovumelana neBhayibhile. Eliny’ ibhinqa elakhulela eZambia lithi: “Apho ndihlala khona, ukutshintsha inkonzo . . . kwakusithiwa kukunganyaniseki, kukungcatsha intsapho nabantu basekuhlaleni.” Eli bhinqa ladibana nale ngxaki xa laqala ukufundiswa iBhayibhile ngamaNgqina KaYehova liselula laza lenza isigqibo sokutshintsha inkonzo. Lithi: “Abazali bam babesoloko bendixelela ukuba abayithandanga tu into endiyenzileyo futhi ndibaphoxile. Kwakunzima nyhani, kuba ukunconywa ngabazali kuyinto ebalulekileyo kum. . . . Ukukhetha ukunyaniseka kuYehova kunokunyaniseka kwizithethe zonqulo akuthethi kuthi andinyanisekanga kwintsapho yasekhaya.” d

 

a Funda iMboniselo kaJanuwari 1, 2002, iphepha 12, kwisiqendu 15.

b Ngokomzekelo, malunga nonyaka ka-785 C.E., uCharlemagne wakhuph’ umyalelo wokuba wonk’ umntu waseSaxony ongafuniyo ukubhaptizwa njengomKristu abulawe. Kwakhona, iPeace of Augsburg, eyasayinwa ngo-1555 C.E. ngamabutho alwayo kumazwe akumbindi weYurophu, yayisithi umlawuli wengingqi nganye makabe ngumRoma Katolika okanye umLuthere, baze bonke abangaphantsi kwakhe bangene kuloo nkonzo. Ababengavumi ukungena kwinkonzo yomlawuli wengingqi, kwakusithwa mabafuduke.

c Amalungelo anjalo abhaliwe nakwiAfrican Charter on Human and Peoples’ Rights, kwiAmerican Declaration of the Rights and Duties of Man, kwi-2004 Arab Charter on Human Rights, kwiASEAN (Association of Southeast Asian Nations) Human Rights Declaration, kwiEuropean Convention on Human Rights, nakwi-International Covenant on Civil and Political Rights. Kodwa ke, nakumazwe athi anawo la malungelo, ayifani indlela azibophelela ngayo ekuwanikeni abantu.

d UYehova ligama loThixo oyinyaniso njengoko libonisiwe eBhayibhileni.