Yiya kwinkcazelo

Sele Kwakhiwe IiHolo ZoBukumkani Eziliwaka, Kodwa Ke Kuseza Kuqhutyekwa

Sele Kwakhiwe IiHolo ZoBukumkani Eziliwaka, Kodwa Ke Kuseza Kuqhutyekwa

NgoAgasti 2013 amaNgqina kaYehova akwiiPhilippines enza imbali xa agqiba ukwakha iHolo yoBukumkani yewaka kwelo. Njengokuba kunjalo kumazwe amaninzi, amabandla akwiiPhilippines akasoloko enayo imali okanye ubuchule bokwakha iiHolo zoBukumkani zawo ngaphandle koncedo. Kangangeminyaka, amaninzi ebenqulela emakhayeni abantu okanye kumanqugwala enziwe ngemithi.

Ukwanda kwamaNgqina kaYehova kwiiPhilippines nakwamanye amazwe kwenza kufuneke iiHolo zoBukumkani ezingakumbi. Ngenxa yoko, ngo-1999 iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova laseka iphulo lokwakha iiHolo zoBukumkani kumazwe angathath’ intweni. Xa kusakhiwa ezi holo, amaNgqina aloo ndawo kwakhiwa kuyo anikela ngaloo mali anayo ize idityaniswe neminikelo esuka kwamanye amazwe. Abakhi abaqeqeshiweyo bahlulwa babe ngamaqela ukuze bancede amabandla azakhele iiHolo zoBukumkani. Lo msebenzi wenziwa ehlabathini lonke waqalisa ngoNovemba 2001 kwiiPhilippines.

UIluminado ukhonza kwibandla laseMarilao elikwiphondo laseBulacan, apho yakhiwa khona le Holo yoBukumkani yewaka. Wathi: “Ndatsho ndawabona ukuba anjani kanye kanye amaKristu. Amaninzi—kuquka amadoda nabafazi, abantwana nabantu abadala baziphosa nofele emsebenzini. Sasebenza nangona ilanga laligqats’ ubhobhoyi. Nangona sasidiniwe emva kokusebenza nzima, savuya xa sibona umsebenzi esasiwenzile.”

Nabantu abangengomaNgqina bayithanda into abayibonayo. Umnikazi welori eyayimane isisa isanti negrabile esizeni wathi: “Nibaninzi ngathi ziimbovane! Wonke umntu uyasebenza. Ndiyaqala ukubona into enje.”

IHolo yoBukumkani egqityiweyo

La matshantliziyo ayigqiba le holo kwiiveki ezingaphantsi kwezintandathu emva kokuba eyiqalile. Ngokwakha kwawo le Holo yoBukumkani ngokukhawuleza, amalungu ebandla atsho akwazi ukuqhubeka nomsebenzi obalulekileyo wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.​—Mateyu 24:14.

UEllen naye ongena kweli bandla uthi: “IHolo yoBukumkani yethu yayincinane ibe abaninzi kuthi babehlala phandle. Le sinayo ngoku intle kwaye itofotofo, ngoko sonke siyakwazi ukuziphulaphula kakuhle izinto ezifundiswa ebandleni.”