Yiya kwinkcazelo

Ngoobani Abachasi-Kristu?

Ngoobani Abachasi-Kristu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Umchasi-Kristu asingomntu okanye iqela elinye kuba iBhayibhile ithi ‘baninzi abachasi-Kristu.’ (1 Yohane 2:18) Kunoko, igama elithi “abachasi-Kristu” elivela kwigama lesiGrike elithetha ukuba “nxamnye noKristu” libhekisela kuye nabani na owenza ezi zinto ezilandelayo:

Xa ithetha ngomchasi-Kristu, iBhayibhile ayibhekiseli kumntu omnye kodwa ikwabhekisela nakwiqela, ‘abachasi-Kristu.’ (2 Yohane 7) Abachasi-Kristu baqala ukuvela ngamaxesha abapostile ukuza kuthi ga ngoku. Isiprofeto seBhayibhile saxela kwangaphambili ngoku.—1 Yohane 4:3.

Ungababona njani abachasi-Kristu

  • Basasaza ubuxoki ngoYesu. (Mateyu 24:9, 11) Ngokomzekelo, abo bafundisa ngoThixo oneziqu ezithathu okanye abathi uYesu unguThixo uSomandla banxamnye nemfundiso kaYesu, owathi: “uBawo mkhulu kunam.”—Yohane 14:28.

  • Abachasi-Kristu banxamnye noko kwathethwa nguYesu ngendlela uBukumkani bukaThixo obusebenza ngayo. Ngokomzekelo, abanye abefundisi bathi usebenzisa oorhulumente babantu. Sekunjalo, le mfundiso iyangqubana noko kwathethwa nguYesu owathi: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi.”—Yohane 18:36.

  • Bathi uYesu yiNkosi, kodwa abayithobeli imithetho yakhe, kuquka lowo wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.—Mateyu 28:19, 20; Luka 6:46; IZenzo 10:42.