Yiya kwinkcazelo

Ngaba Zikhona Izinto Ezinokundithuthuzela EBhayibhileni?

Ngaba Zikhona Izinto Ezinokundithuthuzela EBhayibhileni?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Ewe. (Roma 15:4) Khawujonge ezinye iivesi zeBhayibhile eziye zathuthuzela abantu abaninzi abaneengxaki nabakhathazekileyo.

Kweli nqaku

 Ubunzima

 INdumiso 23:4: “Nangona ndihamba kwintlambo emnyama kakhulu, andoyiki kwenzakala, kuba unam wena.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: Xa uthandaza kuThixo uze ulithembe icebiso elikwiLizwi lakhe, iBhayibhile, unokumelana neengxaki ungoyiki.

 Filipi 4:13: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UThixo angakunika amandla okumelana neengxaki.

 Ukuswelekelwa ngumntu omthandayo

 INtshumayeli 9:10: “Akukho msebenzi nakuceba nakwazi nabulumko engcwabeni, apho uya khona.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: Abantu abaswelekileyo abeva ntlungu, abanakusenzakalisa ibe akhonto bayivayo.

 IZenzo 24:15: “Uza kuvusa abantu.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UThixo uza kubavusa abantu abaswelekileyo esibathandayo.

 Ukutyiwa sisazela

 INdumiso 86:5: “Kaloku wena Yehova, a ulungile futhi usoloko ufuna ukuxolela; uthando lwakho olungagungqiyo luyaphuphuma kwabo bakhalela kuwe.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UThixo uyabaxolela abo bazisola nyhani ngeempazamo abazenzayo, nabazimisele ukungaziphindi.

 INdumiso 103:12: “Uzibhekelisele kude nathi izono zethu, njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: Xa uThixo esixolela, uyazisusa kuthi iimpazamo zethu. Akasikhumbuzi ngazo kuba efuna ukusohlwaya.

 Ukukhathazeka

 INdumiso 31:7: “Uyibonile inkxwaleko yam; uyayibona intlungu yam engathethekiyo.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UThixo uzazi kakuhle zonke izinto ezikwehlelayo. Uyiqonda kakuhle indlela oziva ngayo, naxa abanye bengayiqondi.

 INdumiso 34:18: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; uyabasindisa abo batyumkileyo emoyeni.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UThixo uthembisa ukuba uza kukuxhasa xa ukhathazekile. Angakunika amandla okunyamezela intlungu okuyo.

 Ukugula

 INdumiso 41:3: “UYehova uza kumxhasa xa egula esebhedini.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UThixo angakunceda xa ugula ngokukunika uxolo lwengqondo, amandla aze akuncede unyamezele uze ube nobulumko bokwenza izigqibo ezifanelekileyo.

 Isaya 33:24: “Akakho umhlali wakhona oza kuthi: ‘Ndiyagula.’”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UThixo uthembisa ukuba kuza ixesha apho abantu baza kuhlala besempilweni.

 Ukuba Nexhala Nestres

 INdumiso 94:19: “Xa amaxhala ayengaphezu kwamandla am, wena wandithuthuzela waza wandenza ndazola.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: Ukuba sithi xa sinestres sisondele kuThixo, unokusinceda sizole.

 1 Petros 5:7: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UThixo uyayibona intlungu yethu, kangangokuba usikhuthaza ukuba sithandaze kuye, simxelele iingxaki esinazo.

 Iimfazwe

 INdumiso 46:9: “Uphelisa iimfazwe emhlabeni wonke.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UBukumkani bukaThixo sele buza kuziphelisa zonke iimfazwe.

 INdumiso 37:11, 29: “Kodwa umhlaba uza kuba ngowabalulamileyo, ibe baza kuphila kamnandi kukho uxolo oluninzi. . . . Umhlaba uza kuba ngowamalungisa, ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: Abantu abalungileyo baza kuphila emhlabeni kamnandi ngonaphakade kukho uxolo.

 Ukuba Nexhala Ngekamva

 Yeremiya 29:11: “‘Kuba mna ndizazi kakuhle izinto endizicingayo ngani,’ utsho uYehova, ‘ndicinga ngoxolo, kungekhona intlekele, ukuze ndininike ithemba nekamva.’”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UThixo uqinisekisa abantu bakhe ukuba baza kuphila kamnandi.

 ISityhilelo 21:4: “Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”

 Ithetha Ukuthini Le Nto: UThixo uthembisa ukuba zonke izinto ezimbi ezenzekayo ziza kuphela.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?”