Isaya 33:1-24

  • Umgwebo nethemba lamalungisa (1-24)

    • UYehova nguMgwebi, uMniki-mthetho noKumkani (22)

    • Akukho mntu uza kuthi: “Ndiyagula” (24)

33  Uza kuthi shu wena utshabalalisayo, ube wena ungatshatyalaliswa,+Nawe wena wenza ngobumenemene, ube wena ungenzelwa bumenemene! Wakugqiba ukutshabalalisa, nawe uza kutshatyalaliswa.+ Wakugqiba ukwenza ubumenemene, nawe uza kwenzelwa ubumenemene.   Yehova, sicela usenzele inceba.+ Sithembele kuwe. Yiba yingalo yethu*+ ntsasa nganye,Usindiso lwethu ngexesha lentlungu.+   Kuthi kwakuvakala ingxolo, ziphele emehlweni izizwana. Xa usithi thwasu, zithi saa iintlanga.+   Amaxhoba enu aza kudityaniswa oku kokuqokelelana kweenkumbi ezitshabalalisayo;Abantu baza kugxalathelana ukuya kuwo oku kweenkumbi ezininzi.   UYehova uza kuphakanyiswa,Kuba uhlala kwiindawo eziphezulu. Uza kugcwalisa iZiyon ngokusesikweni* nobulungisa.   Uyintsika yexesha lakho;Umthombo wosindiso,+ ubulumko, ulwazi, nokumoyika uYehova,+Zonke zibubutyebi bakhe.   Jongani! Amaqhawe awo* atsho ngesikhalo esitratweni;Abathunywa batsho ngesikrakra sona isikhalo.   Oohola beendlela bashiywe apho;Akusahanjwa kwiindledlana. Lusaphule* isivumelwano;Alusenaxesha lazo izixeko;Alunaxesha lamntu.+   Ilizwe liyazila* yaye liyabuna. ILebhanon ihlazekile;+ ibolile. ISharon ibe njengentlango;Ibe iBhashan neKarmele zivuthulula amagqabi azo.+ 10  “Ngoku ndiza kuphakama,” utsho uYehova,“Ngoku ndiza kuziphakamisa;+Ngoku ndiza kuzenza mkhulu. 11  Niye namitha ingca eyomileyo naza nazala iindiza. Izinto enizicingayo ziza kunidla oku komlilo.+ 12  Yaye izizwana ziza kuba njengokutshiswa kwekalika. Ziza kutshiswa oku kwameva ageciweyo.+ 13  Nina bakude, mamelani ukuba ndiza kwenza ntoni! Nina bakufutshane, vumani amandla am! 14  Aboni abaseZiyon bayankwantya;+Ibabambile ingevane abawexuki: ‘Ngubani kuthi onokuhlala kwindawo enomlilo oqwengayo?+ Ingubani kuthi onokuhlala namalangatye angacimekiyo?’ 15  Lowo uqhubeka ehamba ngobulungisa,+Othetha okulungileyo,+Okukhabela pha kude ukuqhatha, nenzuzo efunyenwe ngondlela-mnyama,Ozandla zakhe zalayo ukuthatha isinyobo, endaweni yokusitsibela,+Ozivalayo iindlebe zakhe kwintetho engokuchitha igazi,Nowavalayo amehlo akhe ukuze angaboni bubi. 16  Uza kuhlala kwiindawo eziphezulu;Indawo yakhe ekhuselekileyo abalekela kuyo iza* kuba semaweni,Uza kusinikwa isonka sakhe;Nesibonelelo sakhe samanzi asizukuphela.”+ 17  Amehlo akho aza kubona ukumkani ekuzuko lwakhe;Aza kubona ilizwe elikude. 18  Entliziyweni yakho kuza kuthi qatha* izinto ezazikoyikisa: “Uphi unobhala? Uphi umntu owayebeka izinto esikalini?+ Uphi umntu owayebala iinqaba?” 19  Soze uphinde ubabone abantu abasileyo,Abathetha izinto ezinzulu ekunzima ukuziqonda,Ongenakuzilandela ngenxa yokuthintitha kwabo.+ 20  Jongani iZiyon, isixeko samatheko!+ Amehlo akho aza kubona iYerusalem iyindawo ekwenza uphole engqondweni,Iyintente engasoze ifuduswe.+ Izikhonkwane zayo soze zincothulwe,Neentambo zayo soze ziqhawuke. 21  Phaya eYerusalem, Lowo Umkhulu, uYehova,Uza kuba yindawo yemilambo kuthi, imijelo ebanzi.Akuzukuhamba mkhosi wazikhephe apho,Kungazukudlula nazinqanawa zinkulu. 22  Kuba uYehova nguMgwebi wethu,+UYehova nguMniki-mthetho wethu,+UYehova nguKumkani wethu;+Nguye oza kusisindisa.+ 23  Iintambo zeentshaba zakho ziza kuba yekeyeke;Zingakwazi ukuyibamba ime imasti; neseyile zingakwazi ukuyolula. Ngelo xesha izinto ezininzi ezifunyenwe emfazweni ziza kwahlulwa;Nkqu neziqhwala ezi ziza kuzithaphulela kwezo zinto.+ 24  Akakho umhlali wakhona oza kuthi: “Ndiyagula.”+ Abantu baloo ndawo baza kuzixolelwa iziphoso zabo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Yiba ngamandla ethu.”
Okanye “ngobulungisa.”
Kubonakala ukuba apha kuthethwa ngamaqhawe akwaYuda.
Kuthethwa ngotshaba.
Okanye kusenokwenzeka, “liyoma.”
Okanye “Ikhusi lakhe eliphezulu liza.”
Okanye “Uza kucingisisa.”