Isaya 33:1-24
33 Uza kuthi shu wena utshabalalisayo, ube wena ungatshatyalaliswa,+Nawe wena wenza ngobumenemene, ube wena ungenzelwa bumenemene!
Wakugqiba ukutshabalalisa, nawe uza kutshatyalaliswa.+
Wakugqiba ukwenza ubumenemene, nawe uza kwenzelwa ubumenemene.
2 Yehova, sicela usenzele inceba.+
Sithembele kuwe.
Yiba yingalo yethu*+ ntsasa nganye,Usindiso lwethu ngexesha lentlungu.+
3 Kuthi kwakuvakala ingxolo, ziphele emehlweni izizwana.
Xa usithi thwasu, zithi saa iintlanga.+
4 Amaxhoba enu aza kudityaniswa oku kokuqokelelana kweenkumbi ezitshabalalisayo;Abantu baza kugxalathelana ukuya kuwo oku kweenkumbi ezininzi.
5 UYehova uza kuphakanyiswa,Kuba uhlala kwiindawo eziphezulu.
Uza kugcwalisa iZiyon ngokusesikweni* nobulungisa.
6 Uyintsika yexesha lakho;Umthombo wosindiso,+ ubulumko, ulwazi, nokumoyika uYehova,+Zonke zibubutyebi bakhe.
7 Jongani! Amaqhawe awo* atsho ngesikhalo esitratweni;Abathunywa batsho ngesikrakra sona isikhalo.
8 Oohola beendlela bashiywe apho;Akusahanjwa kwiindledlana.
Lusaphule* isivumelwano;Alusenaxesha lazo izixeko;Alunaxesha lamntu.+
9 Ilizwe liyazila* yaye liyabuna.
ILebhanon ihlazekile;+ ibolile.
ISharon ibe njengentlango;Ibe iBhashan neKarmele zivuthulula amagqabi azo.+
10 “Ngoku ndiza kuphakama,” utsho uYehova,“Ngoku ndiza kuziphakamisa;+Ngoku ndiza kuzenza mkhulu.
11 Niye namitha ingca eyomileyo naza nazala iindiza.
Izinto enizicingayo ziza kunidla oku komlilo.+
12 Yaye izizwana ziza kuba njengokutshiswa kwekalika.
Ziza kutshiswa oku kwameva ageciweyo.+
13 Nina bakude, mamelani ukuba ndiza kwenza ntoni!
Nina bakufutshane, vumani amandla am!
14 Aboni abaseZiyon bayankwantya;+Ibabambile ingevane abawexuki:
‘Ngubani kuthi onokuhlala kwindawo enomlilo oqwengayo?+
Ingubani kuthi onokuhlala namalangatye angacimekiyo?’
15 Lowo uqhubeka ehamba ngobulungisa,+Othetha okulungileyo,+Okukhabela pha kude ukuqhatha, nenzuzo efunyenwe ngondlela-mnyama,Ozandla zakhe zalayo ukuthatha isinyobo, endaweni yokusitsibela,+Ozivalayo iindlebe zakhe kwintetho engokuchitha igazi,Nowavalayo amehlo akhe ukuze angaboni bubi.
16 Uza kuhlala kwiindawo eziphezulu;Indawo yakhe ekhuselekileyo abalekela kuyo iza* kuba semaweni,Uza kusinikwa isonka sakhe;Nesibonelelo sakhe samanzi asizukuphela.”+
17 Amehlo akho aza kubona ukumkani ekuzuko lwakhe;Aza kubona ilizwe elikude.
18 Entliziyweni yakho kuza kuthi qatha* izinto ezazikoyikisa:
“Uphi unobhala?
Uphi umntu owayebeka izinto esikalini?+
Uphi umntu owayebala iinqaba?”
19 Soze uphinde ubabone abantu abasileyo,Abathetha izinto ezinzulu ekunzima ukuziqonda,Ongenakuzilandela ngenxa yokuthintitha kwabo.+
20 Jongani iZiyon, isixeko samatheko!+
Amehlo akho aza kubona iYerusalem iyindawo ekwenza uphole engqondweni,Iyintente engasoze ifuduswe.+
Izikhonkwane zayo soze zincothulwe,Neentambo zayo soze ziqhawuke.
21 Phaya eYerusalem, Lowo Umkhulu, uYehova,Uza kuba yindawo yemilambo kuthi, imijelo ebanzi.Akuzukuhamba mkhosi wazikhephe apho,Kungazukudlula nazinqanawa zinkulu.
22 Kuba uYehova nguMgwebi wethu,+UYehova nguMniki-mthetho wethu,+UYehova nguKumkani wethu;+Nguye oza kusisindisa.+
23 Iintambo zeentshaba zakho ziza kuba yekeyeke;Zingakwazi ukuyibamba ime imasti; neseyile zingakwazi ukuyolula.
Ngelo xesha izinto ezininzi ezifunyenwe emfazweni ziza kwahlulwa;Nkqu neziqhwala ezi ziza kuzithaphulela kwezo zinto.+
24 Akakho umhlali wakhona oza kuthi: “Ndiyagula.”+
Abantu baloo ndawo baza kuzixolelwa iziphoso zabo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Yiba ngamandla ethu.”
^ Okanye “ngobulungisa.”
^ Kubonakala ukuba apha kuthethwa ngamaqhawe akwaYuda.
^ Kuthethwa ngotshaba.
^ Okanye kusenokwenzeka, “liyoma.”
^ Okanye “Ikhusi lakhe eliphezulu liza.”
^ Okanye “Uza kucingisisa.”