Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Itshintshiwe?

Ngaba IBhayibhile Itshintshiwe?

Akunjalo. Xa ithelekiswa nemibhalo-ngqangi yamandulo kubonakala ukuba ayitshintshwanga nangona iguqulelwe kangangamawaka eminyaka, iguqulelwa kwizinto ezonakalayo.

Ngaba le nto ithetha ukuba akuzange kwenziwe zimpazamo xa yayiguqulelwa?

Kufunyenwe imibhalo-ngqangi yeBhayibhile emininzi. Eminye yayo ithetha into eyahlukileyo eBhayibhileni, nto leyo ebonisa ukuba zenziwa iimpazamo xa kwakuguqulelwa iBhayibhile. Uninzi lwezi zinto zahlukileyo zincinci ibe aziwutshintshi umxholo weBhayibhile. Kodwa ke, kukho izinto ezitshintshiweyo ezibalulekileyo ezifunyenweyo, ezinye zazo kubonakala ukuba zenziwe ngabom ukuze kutshintshwe umxholo weBhayibhile. Nantsi imizekelo emibini:

  1. Kweyo-1 kaYohane 5:7, kwezinye iiBhayibhile zakudala kukho la mazwi: “ngokuba bathathu abo bangqinayo emazulwini, uYise, noLizwi, noMoya oyiNgcwele; abo bathathu banye.” Kodwa ke, imibhalo-ngqangi ethembekileyo ayinawo la mazwi. Aye afakwa kamva. a Ngoko, imibhalo-ngqangi ethembekileyo ekhoyo kule mihla yethu nayo iwakhuphile.

  2. Igama likaThixo livela kaninzi kwimibhalo-ngqangi yeBhayibhile yakudala. Sekunjalo, iinguqulelo zeBhayibhile ezininzi zilisusile zaza zafaka isibizo esinjengesithi “Nkosi” okanye “Thixo.”

Sinokuqiniseka njani ukuba akufunyanwa ezinye iimpazamo?

Ngoku mininzi imibhalo-ngqangi efunyenweyo oko kubangele kwalula kunakuqala ukubona iimpazamo. b Ukuthelekisa le mibhalo kubonise njani ukuchana kweBhayibhile namhlanje?

  • Ethetha ngeZibhalo ZesiHebhere ezibizwa ngokuba (“yiTestamente Endala”), umphengululi weBhayibhile uWilliam H. Green wathi: “Kunokutshiwo kuthiwe ayikho enye inkcazelo yezinto zakudala eguqulelwe ngokuchane njengeBhayibhile.”

  • Ethetha ngeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike okanye “iTestamente entsha,” umphengululi weBhayibhile uF. F. Bruce wabhala wathi: “Ubungqina bokuchana kweTestamente entsha buninzi kakhulu xa sibuthelekisa nezinto ezibhaliweyo namhlanje kwaye akukho mntu unokubuphikisa.”

  • UMnumzan’ uFrederic Kenyon, isazi ngemibhalo-ngqangi yeBhayibhile wathi: “Umntu unokuyiphatha ngesandla iBhayibhile aze athi ngaphandle koloyiko okanye ngaphandle kwamathandabuzo ukuba uphethe iLizwi likaThixo, elidluliselwe ngokuchanileyo kangangeminyaka kwizizukulwana ngezizukulwana.”

Ziziphi ezinye izizathu ezikhoyo ezisenza siqiniseke ukuba iBhayibhile iguqulelwe ngokuchanileyo?

a La mazwi awekho kwiCodex Sinaiticus, kwiCodex Alexandrinus, kwiVatican Manuscript 1209, kwiLatin Vulgate yokuqala, kwiPhiloxenian-Harclean Syriac Version, okanye kwiSyriac Peshitta.

b Ngokomzekelo, ingaphezu kwe-5 000 imibhalo-ngqangi yesiGrike okanye iTestamente Entsha okanye iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike efunyenweyo.

c IBhayibhile ayitsho ukuba abantu bakaThixo abazenzi iimpazamo. Itsho phandle ukuba: “Akukho mntu ungoniyo.”​—1 Kumkani 8:46

d Nangona uThixo engazange abayalele ukuba babhale igama negama ababhali beBhayibhile, waqinisekisa ukuba babhala iingcinga zakhe.​—2 Timoti 3:​16, 17; 2 Petros 1:​21.