Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokuhlalisana?

Ithini IBhayibhile Ngokuhlalisana?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 IBhayibhile ithi uThixo ufuna abantu ‘bakuphephe ukuziphatha kakubi ngesondo.’ (1 Tesalonika 4:3) EBhayibhileni, “ukuziphatha kakubi ngesondo” kudibanisa ukukrexeza, ukulala kwendoda nenye indoda okanye ibhinqa nelinye ibhinqa, nokwabelana ngesondo kwabantu abangatshatanga.

 Kutheni kubalulekile kuThixo ukuba indoda nebhinqa batshate?

  •   NguThixo oze nomtshato. Weza nawo xa watshatisa indoda nomfazi wokuqala. (Genesis 2:22-24) Wayengafuni indoda nomfazi bahlalisane.

  •   UThixo uyazazi izinto ezinceda abantu. Wenza umtshato ukuze abo batshatileyo bangohlukani nto leyo eza kunceda ize ikhusele lonke usapho. Masenze umzekelo. Xa uthenga ifenitshala kuye kubekho iphepha elibhaliweyo elichaza indlela yokudibanisa amacala ayo kakuhle. Ngendlela efanayo noThixo uyasichazela indlela yokwenza umtshato uphumelele. Imiyalelo kaThixo iyabanceda abantu abayithobelayo.​—Isaya 48:17, 18.

    Iphepha eliphuma nefenitshala libhalwe ngumntu obeyenza, likuxelela indlela omele uyidibanise ngayo. Nemiyalelo kaThixo ke isixelela izinto esimele sizenze ukuze sibe nemitshato ephumelelayo.

  •   Ukwabelana ngesondo kwabantu abangatshatanga kuza neengxaki. Ngokomzekelo, kunokwenza umntu amithe engafuni, afumane isifo esifumaneka xa wabelane ngesondo okanye ophuke intliziyo. a

  •   UThixo udale abantu bakwazi ukuba nabantwana xa besabelana ngesondo. KuThixo ubomi bungcwele, ibe ukwazi ukuba nabantwana sisipho esixabisekileyo. Ufuna sisihloniphe esi sipho ngokuhlonipha umtshato.​—Hebhere 13:4.

 Yintoni embi ngokuhlalisana ukuze sibone ukuba singonwaba na?

 Ukuqala nihlalisane ngaphambi kokuba nitshate akuthethi ukuba niza kuba nomtshato ophumelelayo. Endaweni yoko, xa abantu abathandanayo bobabini bezimisele futhi besebenzisana ukuze balwe neengxaki ezivelayo, baye baphumelele. b Uze umtshato uqinise loo nto.​—Mateyu 19:6.

 Abantu abatshatileyo bangawuqinisa njani umtshato wabo?

 Awukho umtshato ongenazingxaki. Kodwa abantu abatshatileyo banokuba nomtshato ophumelelayo ukuba basebenzisa amacebiso asuka eBhayibhileni. Nantsi imizekelo yaloo macebiso:

a Funda inqaku elithi “Ulutsha Luyabuza . . . Kuthekani Xa Abanye Bendilingela Ukuba Ndilale Naye?

b Funda inqaku elithi “Ukonwaba Kosapho—Ukuzimisela.”