Kubalisa UMateyu 19:1-30

  • Umtshato nokuqhawula umtshato (1-9)

  • Isiphiwo sokungatshati (10-12)

  • UYesu usikelela abantwana (13-15)

  • Umbuzo womfana osisityebi (16-24)

  • Ukuncama izinto ngenxa yoBukumkani (25-30)

19  Uthe uYesu akugqiba ukuthetha ezi zinto, wemka eGalili waya kufika kwimimandla ekwimida yakwaYuda phesheya kweYordan.+  Walandelwa ngabantu abaninzi, waza wabaphilisa.  AbaFarisi beza kuye, bambuza bemlinga, bathi: “Kusemthethweni na ukuba indoda iqhawule umtshato nomfazi wayo nangasiphi na isizathu?”+  Wabaphendula wathi: “Anizange nifunde na ukuba lowo wabadalayo wabadala baba yindoda nomfazi kwasekuqaleni,+  waza wathi: ‘Yiloo nto indoda iza kumshiya utata nomama wayo, ithi nca emfazini wayo, baze babe nyama-nye’?+  Ngoko ke, abasekho babini, kodwa bangumntu omnye.* Abo ke uThixo abadibanise ngedyokhwe, makungabikho mntu ubahlukanisayo.”+  Bathi kuye: “Kwakutheni ke ukuze uMoses athi indoda imele inike umfazi isatifiketi sokuqhawula umtshato ukuze yahlukane naye?”+  Wathi kubo: “UMoses wanivumela ngenxa yenkani yenu ukuba niqhawule umtshato nabafazi benu,+ kodwa kwakungenjalo ekuqaleni.+  Ndithi kuni, nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, engakhange ahenyuze,* aze atshate omnye, uyakrexeza.”+ 10  Abafundi bathi kuye: “Xa kunjalo ke ngendoda nomfazi, kungcono umntu angatshati.” 11  Wathi kubo: “Asingabo bonke abantu abanokukwazi ukuyenza le nto ndiyithethayo, kodwa kuphela ngabo banesiphiwo sokungatshati.+ 12  Kuba kukho abantu abangakwazi kutshata* kuba bazalwa benjalo, kubekho abo bangakwazi kutshata* kuba bethenwe ngabantu, kukwakho nabo bangatshati* ngenxa yoBukumkani bamazulu. Lowo unako ukuhlala engatshatanga, makenjenjalo.”+ 13  Emva koko kwaziswa abantwana abancinci kuye, ukuba ababeke izandla aze abathandazele, kodwa abafundi bakhe babangxolisa.+ 14  UYesu wathi: “Bayekeni abantwana, sanukubanqanda, kuba uBukumkani bamazulu bobabantu abafana nabo.”+ 15  Ngoko wababeka izandla waza wemka. 16  Kweza omnye umntu kuye, wathi: “Mfundisi, yintoni elungileyo endimele ndiyenze ukuze ndifumane ubomi obungunaphakade?”+ 17  Wathi kuye: “Kutheni undibuza ngento elungileyo? NguThixo kuphela olungileyo.+ Ngoko ukuba ufuna ukufumana ubomi obungunaphakade, qhubeka uthobela imithetho kaThixo.”+ 18  Wathi kuye: ­“Eyiphi?” UYesu wathi: “Uze ungabulali,+ uze ungakrexezi,*+ uze ungebi,+ uze ungangqini buxoki,+ 19  mhloniphe utata wakho nomama wakho,+ uze uthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”+ 20  Lo mfana wathi kuye: “Ndizenzile zonke ezi ­zinto; ­kusashota ntoni?” 21  UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukugqibelela,* hamba uyokuthengisa yonke into onayo, uze loo mali uyinike amahlwempu, utsho ube nobutyebi ezulwini;+ emva koko, uze kum, ube ngumlandeli wam.”+ 22  Uthe akuyiva loo nto lo mfana, wahamba ekhathazeke kakhulu, kuba wayenezinto ezininzi.+ 23  Emva koko uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, kuza kuba nzima ngesityebi ukungena eBukumkanini bamazulu.+ 24  Kwakhona ndithi kuni, kungalula ukuba inkamela ingene emngxunyeni wenaliti kunokuba isityebi singene eBukumkanini bukaThixo.”+ 25  Bathe bakuyiva loo nto abafundi, bothuka kakhulu, besithi: “Ngubani ke onokusindiswa?”+ 26  Ebathe ntsho emehlweni, uYesu wathi kubo: “Ebantwini ibonakala ingenakwenzeka le nto, kodwa kuThixo yonke into ingenzeka.”+ 27  Emva koko uPetros wathi: “Khawutsho! Sishiye zonke izinto zethu, sakulandela; ngoko ke, siza kufumana ntoni?”+ 28  UYesu wathi kubo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, xa zonke izinto zisenziwa ntsha, naxa uNyana womntu ehlala etroneni yakhe ezukileyo, nina eniye nandilandela niza kuhlala kwiitrone eziyi-12, nigwebe izizwe zakwaSirayeli eziyi-12.+ 29  Ibe wonke umntu oye washiya ikhaya lakhe, abantakwabo, oodadewabo, utata wakhe, umama wakhe, abantwana bakhe okanye amasimi akhe ngenxa yegama lam, uza kuzifumana zonke ngokuphindwe kalikhulu, aze afumane nobomi obungunaphakade.+ 30  “Kodwa abaninzi abangabokuqala baza kuba ngabokugqibela baze abokugqibela babe ngabokuqala.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “banyama-nye.”
Okanye “aziphathe kakubi ngesondo.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “abangamathenwa.”
Okanye “bangamathenwa.”
Okanye “bangamathenwa.”
Oko kukuthi, ungalali nomntu ongatshatanga naye.
Okanye “ufuna ukwenza yonke into uThixo ayifunayo.”