Yiya kwinkcazelo

Ngaba UYesu Wayeyindoda Nje Elungileyo?

Ngaba UYesu Wayeyindoda Nje Elungileyo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UYesu wayengeyondoda nje elungileyo. Enyanisweni, waba yeyona ndoda inefuthe embalini yabantu. Khawuve ukuba aba babhali baziwayo baye bathini ngaye:

UYesu waseNazarete . . . ngoyena udumileyo kwimbali yabantu.”—UH. G. Wells, umbhali-mbali waseNgilani.

Ubomi [bukaYesu] bobona bunempembelelo emhlabeni wonke yaye busenayo nangoku.”—UKenneth Scott Latourette, umbhali-mbali waseMerika.

IBhayibhile ibonisa isizathu sokuba uYesu abe uye wanempembelelo enkulu kunaye nawuphi na omnye umntu owakha waphila emhlabeni. Xa uYesu wabuza abalandeli bakhe ababesondele kuye ukuba bacinga ukuba ungubani, omnye wabo waphendula ngokuchanileyo wathi: “UnguKristu, uNyana woThixo ophilayo.”—Mateyu 16:16.