Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngubani uYesu Kristu?

Ngubani uYesu Kristu?

Funda KwiLizwi LikaThixo

Ngubani uYesu Kristu?

Eli nqaku liphendula imibuzo ekunokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.

1. Ngubani uYesu Kristu?

Ngokungafaniyo nabanye abantu, uYesu wakha waphila ezulwini njengomntu womoya ngaphambi kokuba azalwe emhlabeni. (Yohane 8:23) Wayeyindalo yokuqala kaThixo yaye wancedisa xa kwakudalwa ezinye izinto. Nguye kuphela odalwe nguYehova ngenkqu ngenxa yoko ubizwa ngokuba nguNyana kaThixo “okuphela kozelweyo.” UYesu wayesiSithethi sikaThixo, ngenxa yeso sizathu ukwabizwa ngokuba “nguLizwi.”—Yohane 1:1-3, 14 funda IMizekeliso 8:22, 23, 30; Kolose 1:15, 16.

2. Kwakutheni ukuze eze emhlabeni uYesu?

UThixo wathumela uNyana wakhe emhlabeni ngokufudukisa ubomi bakhe ezulwini abuse kwisibeleko sentombi engumYudakazi uMariya. UYesu wayengenaye utata ongumntu. (Luka 1:30-35) UYesu weza emhlabeni (1) ukuze afundise abantu ngoThixo, (2) ukuba abe ngumzekelo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo (3) nokuze anikele ngobomi bakhe obufezekileyo ‘njengentlawulelo.’—Funda uMateyu 20:28; uYohane 18:37.

3. Kutheni sifuna intlawulelo?

Intlawulelo lixabiso elihlawulwa ukuze kukhululwe umntu. Ukufa nokwaluphala zazingeyonjongo kaThixo ngoluntu. Siyazi njani loo nto? UThixo waxelela indoda yokuqala, uAdam ukuba, xa esona, uya kufa. Ukuba uAdam wayengonanga, wayengazukufa. Nangona uAdam engazange afe kwade kwasemva kweenkulungwane, waqalisa ukufa ngalo mhla angazange amthobele ngawo uThixo. (Genesis 2:16, 17; 5:5) UAdam wadlulisela kwinzala yakhe isono nesohlwayo saso esikukufa. Ngaloo ndlela ukufa, ‘kwangena’ ehlabathini ngoAdam. Kungenxa yoko le nto sifuna intlawulelo.—Funda amaRoma 5:12; 6:23.

4. Kwakutheni ukuze afe uYesu?

Ngubani owayenokusihlawulela intlawulelo ukuze sikhululwe ekufeni? Xa sisifa sihlawula isohlwayo sezono zethu. Akakho umntu ongafezekanga onokuhlawulela abanye izono zabo.—Funda INdumiso 49:7-9.

Ekubeni uYesu wayezalwa ngubawo ongafezekanga, wafa kungekhona ngenxa yezono zakhe, kodwa ngenxa yezono zabanye. UThixo wathumela uNyana wakhe ukuba asifele esibonisa indlela aluthanda ngayo uluntu. NoYesu wabonisa ukuba uyasithanda ngokuthobela uYise nokunikela ubomi bakhe ngenxa yezono zethu.—Funda Yohane 3:16; Roma 5:18, 19.

5. Wenza ntoni uYesu ngoku?

Ngokuphilisa abagulayo, ukuvusa abafileyo nokunceda abantu abasezingxakini, uYesu wabonisa oko aya kukwenzela abantu abathobelayo ekugqibeleni. (Luka 18:35-42; Yohane 5:28, 29) Emva kokuba uYesu efile, uThixo wamvusela ebomini njengomntu wokomoya. (1 Petros 3:18) Emva koko, uYesu walinda ngasekunene kukaThixo de uYehova wamnika ilungelo lokulawula njengoKumkani emhlabeni. (Hebhere 10:12, 13) Ngoku uYesu ulawula njengoKumkani ezulwini, yaye abalandeli bakhe bavakalisa iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke.—Funda uDaniyeli 7:13, 14; Mateyu 24:14.

Kungekudala, uYesu uza kusebenzisa amandla akhe njengoKumkani ukuze aphelise konke ukubandezeleka nabo bakubangelayo. Izigidi ezibonisa ukholo kuYesu nezimthobelayo ziza kunandipha ubomi kumhlaba oyiparadesi.—Funda INdumiso 37:9-11.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 4 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 17]

Izigidi ezibonisa ukholo kuYesu nezimthobelayo ziza kunandipha ubomi kumhlaba oyiparadesi