Yiya kwinkcazelo

Emva Kokuba UYesu Evusiwe Ngaba Wayenomzimba Oyinyama Okanye Ongumoya?

Emva Kokuba UYesu Evusiwe Ngaba Wayenomzimba Oyinyama Okanye Ongumoya?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ithi uYesu ‘wabulawa esenyameni, kodwa wenziwa waphila [wavuswa] esemoyeni.’—1 Petros 3:18; IZenzo 13:34; 1 Korinte 15:45; 2 Korinte 5:16.

Amazwi kaYesu abonisa ukuba akunakuba wavuswa enomzimba oyinyama negazi. Wathi wayeza kunikela ‘inyama yakhe ngenxa yobomi behlabathi,’ njengentlawulelo yoluntu. (Yohane 6:51; Mateyu 20:28) Ukuba wayenomzimba wenyama xa wayevuswa, wayeya kuba uliphelisile idini lentlawulelo. Phofu ke bekungenakwenzeka oko kuba iBhayibhile ithi wanikela ngenyama negazi “kwaba kanye.”—Hebhere 9:11, 12.

Ukuba uYesu wavuswa enomzimba womoya, babeza kumbona njani abafundi bakhe?

  • Izidalwa zomoya zinokuba nemizimba yenyama. Ngokomzekelo, iingelosi ezayenzayo loo nto ngaphambili zazisidla yaye zisela nabantu. (Genesis 18:1-8; 19:1-3) Sekunjalo, zisezizidalwa zomoya ibe zinokuyishiya imizimba yenyama.—ABagwebi 13:15-21.

  • Emva kokuba evusiwe, uYesu naye wazambathisa umzimba wenyama okwexeshana, kanye njengokuba iingelosi zenzayo. Njengesidalwa somoya, wayekwazi ukubonakala kuze kuthi kusenjalo athi shwaka ngokukhawuleza. (Luka 24:31; Yohane 20:19, 26) Imizimba yenyama awayenayo yayingafani. Kangangokuba, kwanabahlobo bakaYesu abakhulu babemazi kuphela xa ethethile okanye enze okuthile.—Luka 24:30, 31, 35; Yohane 20:14-16; 21:6, 7.

  • Xa uYesu wabonakala kumpostile uTomas, wayenomzimba onamanxeba. Wakwenza oku ukuze omeleze ukholo lukaTomas, ekubeni uTomas wayethandabuza ukuba uvusiwe.—Yohane 20:24-29.