Yiya kwinkcazelo

Kuthetha Ukuthini Ukuza KukaKristu?

Kuthetha Ukuthini Ukuza KukaKristu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IZibhalo zikuchaza izihlandlo eziliqela ukuza kukaKristu ukuze agwebe abantu abasemhlabeni. a Ngokomzekelo uMateyu 25:31-33 uthi:

“Xa uNyana womntu efika esebuqaqawulini bakhe, nazo zonke iingelosi zikunye naye, uya kwandula ke ahlale phantsi kwitrone yakhe yobuqaqawuli. Kwaye zonke iintlanga ziya kuhlanganiselwa phambi kwakhe, abahlule abantu omnye komnye, kanye njengokuba umalusi esahlula izimvu ezibhokhweni. Uya kuzibeka izimvu ngasekunene kwakhe, kodwa zona iibhokhwe ngasekhohlo kwakhe.”

Ngokwahlukileyo kuyo nantoni na kwimbali yoluntu, eli xesha lokugweba liza kuba yinxalenye ‘yembandezelo enkulu.’ Le mbandezelo iza kulandelwa yimfazwe yeArmagedon. (Mateyu 24:21; ISityhilelo 16:16) Iintshaba zikaKristu, ezichazwe kumzekeliso wakhe njengeebhokhwe, ‘ziya kuva isohlwayo sesigwebo sentshabalalo engunaphakade.’ (2 Tesalonika 1:9; ISityhilelo 19:11, 15) Kwelinye icala, abakhonzi bakhe abathembekileyo, izimvu, ziza kufumana ‘ubomi obungunaphakade.’—Mateyu 25:46.

Uza kufika nini uKristu?

UYesu wathi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa.” (Mateyu 24:36, 42; 25:13) Noko ke, wazichaza ‘izinto’ ezaziza kwenzeka ezibonisa ukufika kwakhe.—Mateyu 24:3, 7-14; Luka 21:10, 11.

Ngaba uKristu uza ekumzimba womoya okanye wenyama?

UYesu wavuswa ekumzimba womoya, ngoko uza kufika njengesidalwa somoya, kungekhona esenyama. (1 Korinte 15:45; 1 Petros 3:18) Ngenxa yoku, kusuku lwangaphambi kokufa kwakhe, uYesu wathi kubapostile bakhe: “Selisondele ixesha lokuba ihlabathi lingabi sandibona.”—Yohane 14:19.

Ubuxoki obuxhaphakileyo ngokufika kukaKristu

Ubuxoki: Xa iBhayibhile isithi abantu baza kumbona uYesu “esiza esemafini,” loo nto ithetha ukuba uYesu uza kubonkala ngokoqobo.—Mateyu 24:30.

Inyaniso: Ngamanye amaxesha iBhayibhile ithetha ngamafu njengento engabonakaliyo. (Levitikus 16:2; Numeri 11:25; Duteronomi 33:26) Ngokomzekelo, uThixo wathi kuMoses: “Ndiza kuwe ndisefini elimnyama.” (Eksodus 19:9) UMoses akazange ambone ngokoqobo uThixo. Ngokufanayo, uKristu ‘uza esemafini,’ ngohlobo lokuba abantu bayakuqonda ukuza kwakhe nangona bengakwazi ukumbona ngokoqobo.

Ubuxoki: Xa lithetha ngokuza kukaKristu, ibinzana elithi “onke amehlo aya kumbona,” elikwiSityhilelo 1:7 lithetha ukuthi uya kubonakala.

Inyaniso: Ngamanye amaxesha, amagama aseBhayibhileni esiGrike elithi ‘iliso’ nelithi ‘ukubona’ asetyenziselwa ukuqonda kungekhona ukubona ngokoqobo. b (Mateyu 13:15; Luka 19:42; Roma 15:21; Efese 1:18) IBhayibhile ithi uYesu ovusiweyo ‘ngokuphela . . . kohlala ekukhanyeni okungenakufikeleleka, ekungekho namnye umntu . . . unokumbona.’ (1 Timoti 6:16) Ngenxa yoko, amazwi athi “onke amehlo aya kumbona” athetha ukuba bonke abantu baya kuqonda ukuba uYesu ngulowo uzisa umgwebo kaThixo.—Mateyu 24:30.

Ubuxoki: Amazwi akweye-2 kaYohane 7 abonisa ukuba uYesu uza kuza esenyameni.

Inyaniso: Le vesi ibonisa ukuba: “Kungene abakhohlisi abaninzi ehlabathini, abangavumiyo ukuba uYesu Kristu weza esenyameni.”

Ngomhla kampostile uYohane, abanye babeyikhanyela into yokuba uYesu weza emhlabeni ekumzimba wokwenyama. Babebizwa ngokuba ngamaGnostiki. Eyesibini kaYohane 7 yayibhalelwe ukuphikisa ubuxoki babo.

a Nangona abantu abaninzi besebenzisa ibinzana elithi “ukubuya” xa bechaza ukuza kukaKristu, eli binzana alikho eBhayibhileni.

bonke abantu baya kuqonda ukuba uYesu ngulowo uzisa umgwebo kaThixo.—Mateyu 24:30.

b Jonga iThe New Thayer’s Greek-English Lexicon of the New Testament (1981), iphepha 451 no-470