Daniyeli 8:1-27

  • Umbono wenkunzi yegusha nenkunzi yebhokhwe (1-14)

    • Uphondo oluncinci luyaziphakamisa (9-12)

    • Kude kudlule iingokuhlwa neentsasa eziyi-2 300 (14)

  • UGabriyeli uchaza umbono (15-27)

    • Kucaciswa inkunzi yegusha neyebhokhwe (20, 21)

    • Ukumkani obonakala endlongondlongo uyema (23-25)

8  Ngonyaka wesithathu wokulawula kukaKumkani uBheleshatsare,+ mna Daniyeli, ndabona omnye umbono, emva kwalowo ndandisele ndiwubonile.+  Ndawubona lo mbono, ndawubukela ndikwindlu kakumkani* iShushan,*+ kwiphondo lase-Elam;*+ ibe ndandimi ngasemfuleni waseUlayi.  Xa ndaphakamisa amehlo, jonga! ndabona inkunzi yegusha+ imi phambi komfula, ineempondo ezimbini.+ Ezi mpondo zimbini zazinde, kodwa olunye lwalulude kunolunye, yaye olu lude lwathi gqi mva.+  Ndayibona le nkunzi yegusha ibhekisa ngasentshona nangasemntla nangasemzantsi, yaye kwakungekho rhamncwa linako ukumelana nayo, kungekho nabani na onokuhlangula emandleni ayo.*+ Yayisenza unothanda, inamatshamba.  Ndathi ndisabukele njalo, kwavela inkunzi yebhokhwe+ ngasentshona* inqumla phezu komhlaba wonke, inganyatheli phantsi. Le nkunzi yebhokhwe yayinophondo olukhulu phakathi kwamehlo.+  Yangqala kulaa nkunzi yegusha ineempondo ezimbini ndandiyibone imi phambi komfula; yaya kuyo ibaleka inomsindo omkhulu.  Ndayibona isondela kwinkunzi yegusha, yayihlasela ngenkohlakalo. Yayihlaba yazaphula zombini iimpondo zayo, yaza loo nkunzi yegusha ayabi namandla okulwa nayo. Yayikhahlela phantsi inkunzi yegusha, yayinyathela, yaye kwakungekho mntu unokuyisindisa emandleni ayo.*  Emva koko, le nkunzi yebhokhwe yazikhukhumalisa kakhulu, kodwa yathi nje yakuba namandla, lwaphuka olo phondo lukhulu. Endaweni yalo kwavela iimpondo ezine ezinkulu, zijonge macala onke omhlaba.+  Kolunye lwezi mpondo kwaphuma olunye uphondo oluncinci, lwaya lusiba lukhulu kakhulu, lwabhekisa ngasemzantsi nangasempuma* nangakwilizwe Elihle.+ 10  Lwakhula lwada lwafika nakumkhosi wamazulu, yaye lwayijula phantsi emhlabeni inxalenye yomkhosi nenxalenye yeenkwenkwezi, lwaza lwazinyathela. 11  Lwaziphakamisa nakwiNkosana yomkhosi, lwawuphelisa umbingelelo ebisoloko iwenzelwa, lwayikhahlela phantsi nendawo emisiweyo yengcwele yayo.+ 12  Wanikelwa kolu phondo umkhosi, nombingelelo wezono owenziwa qho; yaye lwayiphosa emhlabeni inyaniso, lwaza lwaphumelela kuyo yonke into oluyenzayo. 13  Emva koko, ndeva ongcwele ethetha, waza omnye ongcwele wathi kulowo wayethetha: “Uza kuqhubeka usenzeka ixesha elingakanani lo mbono wokupheliswa kombingelelo owenziwa rhoqo, nowesono esitshabalalisayo,+ nowokunyathelwa kwendawo engcwele nomkhosi?” 14  Wathi kum: “Kude kudlule iingokuhlwa neentsasa eziyi-2 300; ize emva koko indawo engcwele ibuyiselwe ngokuqinisekileyo kwimeko yayo entle.” 15  Mna Daniyeli, ndathi ndisabukele lo mbono, ndifuna ukuwuqonda kakuhle, suka ndabona sekumi phambi kwam umntu ongathi yindoda. 16  Emva koko, ndeva ilizwi lomntu phakathi kweUlayi+ likhwaza lisithi: “Gabriyeli,+ cacisela loo mntu aqonde le nto ayibonileyo.”+ 17  Ngoko wasondela kweli cala ndandimi kulo, kodwa xa wayesiza ndandityhwatyhwa kukoyika ndade ndaqubuda. Wathi kum: “Qonda, nyana womntu, ukuba lo mbono ngowexesha lesiphelo.”+ 18  Ngoxa esathetha ndalala yoyi ngobuso emhlabeni. Ngoko wandichukumisa waza wandimisa kulaa ndawo ndandikade ndimi kuyo.+ 19  Emva koko wathi: “Ndikwazisa izinto eziza kwenzeka ekupheleni kwesigwebo, kuba lo mbono ngowexesha elimisiweyo lesiphelo.+ 20  “Laa nkunzi yegusha ineempondo ezimbini uyibonileyo imela ookumkani bamaMedi namaPersi.+ 21  Inkunzi yebhokhwe enoboya obuninzi imela ukumkani waseGrisi;+ lona uphondo olukhulu olwaluphakathi kwamehlo ayo, lumela ukumkani wokuqala.+ 22  Iimpondo ezine ezavela endaweni yophondo olwaphulwayo,+ zimela izizwe ezine eziza kuvela kuhlanga lwakhe, kodwa amandla azo aza kuba ngaphantsi kwawakhe. 23  “Yaye ekupheleni kobukumkani* bazo, xa kanye aboni beqatsela, kuza kuma ukumkani obonakala endlongondlongo noziqondayo izafobe.* 24  Uza komelela nyhani yena, kodwa kungengamandla akhe. Uza kwenza umonakalo omkhulu kakhulu, kwaye uza kuphumelela kuyo yonke into ayenzayo. Uza kubatshabalalisa abo banamandla, kwanabo bangcwele.+ 25  Kuba enamaqhinga, uza kuphumelela ngokuxoka; yaye uza kuzikhukhumalisa entliziyweni yakhe; ibe xa kanye abantu bezibona bekhuselekile,* uza kutshabalalisa abaninzi. Uza kude alwe neNkosana yeenkosana, kodwa uza kwaphulwa kungengasandla samntu. 26  “Izinto ezithethwe embonweni malunga nokuhlwa nokusa ziyinyaniso, kodwa kufuneka uwugcine uyimfihlelo lo mbono, kuba usengowemihla emininzi ezayo.”*+ 27  Mna ke, Daniyeli, ndaphelelwa ngamandla kwaza kwadlula iintsuku ezimbalwa ndigula.+ Emva koko ndavuka ndenza umsebenzi endandiwuphathiswe ngukumkani;+ kodwa ndaba ndindisholo ngenxa yaloo mbono, ekungekho mntu unokuwuqonda.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ndikwinqaba.”
Okanye “iSusa.”
Okanye “kwingingqi yase-Elam.”
Ngokoqobo, “esandleni sayo.”
Okanye “ngasentshonalanga.”
Ngokoqobo, “esandleni sayo.”
Okanye “nangasempumalanga.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “noyincutshe yezishiqi.”
Okanye kusenokwenzeka, “engabhungisanga.”
Okanye “kuba ubhekisela kwinto eza kwenzeka kwikamva.”