Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Amehlo Anorhatyazo Esigcawu Esitsiba-tsibayo

Amehlo Anorhatyazo Esigcawu Esitsiba-tsibayo

ISIGCAWU esitsiba-tsibayo siyakwazi ukuqikelela ukuba ukude kangakanani umgama esifanele sitsibele kuwo. Sincedwa yintoni?

Cinga ngoku: Ukuze sibale umgama esifanele siwutsibe ukusuka kwenye into ukuya kwenye, esi sigcawu sincedwa ngamehlo aso amabini aneretina eneenwebu eziliqela. Ngoxa enye inwebu ingenisa ukukhanya kunjengokuba kunjalo, enye iyakutshintsha ikwenze kufiphale kancinane. Xa loo nto siyijongileyo ibonakala ngathi ikude kule nwebu yesibini, isigcawu siye siqonde ukuba yeyona ikufutshane. Oku kusinceda siwuqonde kakuhle umgama esifanele siwutsibe ukuze sibambise ixhoba laso.

Abaphandi bangathanda ukwenza iikhamera ze3-D kunye neerobhothi ezinokukwazi ukubala umgama ophakathi kwazo naloo nto kufuneka ziye kuyo. Elinye ijelo leendaba zezenzululwazi lithi indlela asebenza ngayo amehlo esi sigcawu sitsiba-tsibayo, “angumzekelo omangalisayo wendlela izilwanyana ezinobuchopho nje obuncinane ezikwazi ngayo ukubona ngendlela entsonkothileyo.”

Ucinga ntoni? Ngaba amehlo esi sigcawu asebenza ngendlela emangalisayo abakho ngamabona ndenzile? Okanye ngaba adalwa?