Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Ubuchule Bokubona Indlela Benkuba-bulongo

Ubuchule Bokubona Indlela Benkuba-bulongo

UBULONGO busetyenziswa kakhulu yinkuba-bulongo. Iyabutya, kwaye izalele kubo. Xa inkunzi izithandisa kwithokazi ilipha ibhola yabo. Ezi zinambuzane ziyaxhwithana xa zibona ubulongo obutsha. Abaphandi bakhe babona iinkuba-bulongo eziyi-16 000 zigxalathelana ukuya kwimfumba yobulongo bendlovu yaye zabugqiba nje kwisithuba seeyure ezimbini.

Xa zifuna ukuzikhetha kwezinye, ezinye iinkuba-bulongo zenza iibhola zobulongwe zize ziziqengqele kude ukuze zizifihle phantsi komhlaba. Xa iqengqa le bhola, inkuba-bulongo ihamba ngendlela engqalileyo kuba loo nto iyinceda ikhawuleze iphele emehlweni nokuze ibhola yayo ingebiwa zezinye iinkuba-bulongo.

Kodwa ke inkuba-bulongo yenza njani ukuze ingazibhaqi sele ijikeleza ndawonye, ingakumbi ebusuku?

Khawucinge ngoku: Kuphando olwalukhe lwenziwa kwaye kwathiwa inkuba-bulongo incedwa kukukhanya kwelanga nenyanga ngoxa ikwazi ukubuqhuba nakwintsunguzi yobumnyama. Abaphandi baseMzantsi Afrika bafumanise ukuba inkuba-bulongo ayincedwa nje kukukhanyisa kwenkwenkwezi ethile kodwa incedwa yi-galaksi yeenkwenkwezi iyonke. Incwadi ethi Current Biology ithi, “kuyaqala ukubhalwa ngendlela igalaksi yeMilky Way esetyenziswa ngayo zizilwanyana ukuze zikhanyise.”

Umphandi uMarcus Byrne uthi, “iinkuba-bulongo zibona kakuhle naxa kukhanya luzizi.” Wongeza athi: “Zinako ukunceda uluntu lufunde indlela yokubona phantsi kweemeko ezinzima.” Ngokomzekelo, irobhothi inokwenziwa ikhangele nantoni na kwisakhiwo esidilikileyo kusetyenziswa le ndlela ibona ngayo inkuba-bulongo.

Ucinga ntoni wena? Ngaba Ubuchule Bokubona Indlela Benkuba-bulongo babakho ngamabona-ndenzile? Okanye ngaba badalwa?

Ngaba ubusazi?

Iinkuba-bulongo ziwenza uthambe uze uchume umhlaba ibe zisasaza imbewu zize zinciphise nenani leempukane.