Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Amaphupha Awayevela KuThixo

Amaphupha Awayevela KuThixo

Ngaba uThixo ebesebenzisa amaphupha ukuze athethe nabantu?

“[Umprofeti kaThixo] uDaniyeli wabona iphupha . . . esemandlalweni wakhe. Waza walibhala phantsi iphupha elo. Wachaza zonke iinkcukacha zalo.” Daniyeli 7:1.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

UThixo uye wadlulisela isigidimi sakhe ebantwini ngeendlela ezahlukeneyo. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, wayekhe asebenzise amaphupha. Kodwa la yayingengomaphupha angacacanga nangenangqiqo. Amaphupha kaThixo ayecacile, enentsingiselo, yaye esisigidimi esiqinisekisiweyo. Ngokomzekelo, iphupha elabonwa ngumprofeti uDaniyeli lamarhamncwa limela ookumkani bezopolitiko bexesha lamandulo ukususela eBhabhiloni ukuza kutsho kweli xesha siphila kulo. (Daniyeli 7:1-3, 17) UThixo waxelela uYosefu waseNazarete ephupheni ukuba abalekele eYiputa kunye nomfazi wakhe nomntwana wabo uYesu. Kwathi kanti uYesu osemncinci ubalekiswa kwingozi yokubulawa ngukumkani okhohlakeleyo uHerode. Xa uHerode wafayo, uThixo waphinda waxelela uYosefu kwangephupha ukuba abuyele kwilizwe lokuzalwa kunye nentsapho yakhe.—Mateyu 2:13-15, 19-23.

 Ngaba uThixo usebenzisa amaphupha ukuze athethe nathi namhlanje?

“Ningegqithi kwizinto ezibhaliweyo.”—1 Korinte 4:6.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Amaphupha aseBhayibhileni abhalelwe ukutyhilela thina bantu. Ngokuphathelele esi sityhilelo, eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17 ithi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.”

IBhayibhile isenza ‘sixhobe ngokupheleleyo’ ngokusityhilela konke oko kufuneka sikwazi ngoThixo, iimpawu zakhe, imigaqo yakhe yokusesikweni, kunye nendima esiyidlalayo kwinjongo yakhe ngomhlaba. Ngenxa yoko, uThixo akasawasebenzisi amaphupha ukuze adlulisele isigidimi sakhe. Ukuba sifuna ukufunda ngekamva nenjongo kaThixo ngathi, asimele ‘sigqithe kwizinto ezibhaliweyo’— oko kukuthi ezibhalwe eBhayibhileni. Ngaphezu koko, bonke abantu bayakwazi ukufikelela kule ncwadi baze bafunde izityhilelo zayo ezivela kuThixo neziquka amaphupha.

Kutheni unokuwathemba nje amaphupha nemibono eseBhayibhileni?

“Abantu bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.”—2 Petros 1:21.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Amaphupha amaninzi kunye nemibono eseBhayibhileni achaza izinto eziza kwenzeka kwikamva. Ukubhalwa kwala maphupha nemibono kwenza sizibonele ngokwethu ukunyanisa kweBhayibhile kunye nababhali bayo. Ngaba izinto abazibhalayo zangqineka ziyinyani? Khawuve nje lo mzekelo—wombono okuDaniyeli 8:1-7, owabhalwa ngasekupheleni kolawulo lwaseBhabhiloni.

Ngendlela efuziselayo esi siprofeto siquka inkunzi yegusha ekhahlelwayo nelahlelwa ngaphandle yinkunzi yebhokhwe. UDaniyeli zange kufuneke ayiqashisele intsingiselo yalo mbono, kuba umthunywa kaThixo oyingelosi wathi: “Inkunzi yegusha oyibonileyo ineempondo ezimbini imela ookumkani bamaMedi namaPersi. Yaye inkunzi yebhokhwe exhonti imela ukumkani waseGrisi.” (Daniyeli 8:20, 21) Imbali ibonisa ukuba igunya lehlabathi lamaMedi namaPersi layoyisa iBhabhiloni. Kwiminyaka engamakhulu amabini emva koko, amaMedi namaPersi oyiswa nguAlesandire Omkhulu waseGrisi. Oku kubonisa ukunyanisa kweziprofeto zeBhayibhile namaphupha. Le nyani iyodwa nje ibonisa ukuba iBhayibhile inkqenkqeza phambili kwiincwadi ezaziwa ngokuthetha inyani.