Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Baqala Njani Ubomi?

Baqala Njani Ubomi?

Gqibezela esi sivakalisi singezantsi

UBOMI ․․․․․.

  1. BAZIVELELA

  2. BADALWA

ABANYE abantu basenokucinga ukuba umntu othanda isayensi angathi “bazivelela” aze othanda unqulo athi “badalwa.”

Kodwa ke akusoloko kunjalo.

Inyani kukuba, izifundiswa ezininzi kunye nabanye oososayensi abavumelani nemfundiso yokuba izinto zazivelela.

Khawucinge nje ngoGerard, uprofesa ophanda ngezinambuzane nowafundiswa eyunivesithi ukuba izinto zazivelela. Uthi: “Xa ndibhala iimviwo, ndandidla ngokubhala iimpendulo ezifunwa ngooprofesa—kodwa ndandingazikholelwa.”

Kutheni kunzima nakwabanye abantu abathanda isayensi ukukholelwa ukuba ubomi bazivelela? Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe siqale ngale mibini ibhida abaphandi abaninzi: (1) Ubomi baqala njani? nokuba (2) Izinto eziphilayo zakhula njani?