Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Icangca Leenyosi

Icangca Leenyosi

IINYOSI zenza amacangca ngencindi eveliswa ngamadlala asezuswini zazo. Icangca leenyosi lijongwa njengomsebenzi wobugcisa okumngangatho ophezulu. Kutheni?

Khawucinge ngoku: Kangangamakhulu eminyaka izazi ngezibalo bezicinga ukuba ukwenza isakhiwo sibe namacala amathandathu kokona kubhetele kunokusenza sibe namacala amathathu, okanye amane alinganayo—okanye nawo nawaphi na amanye. Zazisithi loo nto yenza kubekho indawo ephangeleleyo yokwakha ngoxa kusongiwa izinto zokwakha. Kodwa bezingakwazi ukusichaza kakuhle isizathu. Ngo-1999, uProfesa Thomas C. Hales weza nobungqina obuxhasa le ngcamango yezi zazi zezibalo yokuba amacala amathandathu ankqenkqeza phambili. Wabonisa ukuba amacala amathandathu ngawona akwaziyo ukwenza isakhiwo sibe namacala alinganayo singakhange sixhaswe kangako.

Xa zisenza imingxuma eba kwicangca lazo, iinyosi ziyenza ibe namacala amathandathu ukuze zingasebenzisi incindi eninzi, ibe loo nto izinceda zibe nendawo ephangaleleyo yokwenza icangca, libe khaphukhaphu nangona lomelele, lize libe nobusi obuninzi. Akumangalisi ukuba kuthiwe icangca leenyosi “ngumsebenzi wobugcisa osemagqabini.”

Namhlanje, oososayensi balinganisa icangca leenyosi xa besenza into eyomeleleyo nekungafuneki ide ibe nendawo ephangaleleyo. Ngokomzekelo, iinjineli ezenza iinqwelo-moya, zenza amacala afana necangca leenyosi ukuze iinqwelo-moya zomelele, zibe khaphukhaphu kwangaxeshanye zingawatyi amafutha.

Ucinga ntoni? Ngaba indlela egqwesileyo elenziwe ngayo icangca leenyosi yazivelela? Okanye ngaba yadalwa?