Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKWENZEKA EHLABATHINI

Unqulo Lubekw’ Esweni

Unqulo Lubekw’ Esweni

Unqulo belufanele lumanyanise abantu. Kodwa ubukhulu becala lungunobangela weengxwabangxwaba nokungathembani.

Ehlabathini

Abantu behlabathi abangaphezu kwe-75 pesenti bahlala kumazwe anemiqathango yonqulo, mhlawumbi ngenxa yomthetho karhulumente okanye inkcaso yasekuhlaleni. Kwisithuba seminyaka emihlanu yakutshanje, inani lamazwe aneziganeko zokuphathwa kakubi kweenkonzo ezinabantu abambalwa liphantse laphindaphindeka kabini.

KHAWUCINGE NGOKU: Kutheni abanye abantu bengaluthandi unqulo?—Mateyu 23:27, 28; Yohane 15:19.

ENgilani

Kwiphepha-ndaba iObserver, uTony Blair, obesakuba yiNkulumbuso ubhala athi “ukusetyenziswa kakubi konqulo” sesona sizekabani sezenzo zobugrogrisi zakutshanje. Woleka umsundulo athi “amadabi ale nkulungwane, awanakufane abangelwe lungquzulwano lwezopolitiko njengakwixesha elidlulileyo kunoko anokubangelwa yinkcubeko okanye unqulo.”

KHAWUCINGE NGOKU: Kutheni le nto unqulo lwasoloko lungunobangela wokwahlukana?—Marko 7:6-8.

EOstreliya

IAustralian Bureau of Statistics inikela ingxelo yokuba umntu omnye kwabahlanu akalolungu lonqulo. Le ngxelo ihlabela mgama isithi ukuba “lilungu lonqulo akufani nokuba nenxaxheba kwizinto zonqulo.” Yi-15 pesenti kuphela yamadoda ne-22 pesenti yamabhinqa engamalungu onqulo ethi inenxaxheba kwizinto zonqulo.

KHAWUCINGE NGOKU: Ziziphi izinto ezimbi ezenziwa lunqulo lwanamhlanje?— Mateyu 7:15-20.