Ithini IBhayibhile?
Ngaba siphila ‘kwimihla yokugqibela’?
Ubuya kuthini?
Ewe
Hayi
Mhlawumbi
Oko kuthethwa yiBhayibhile
“Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Timoti 3:1) Into eyathethwa kudala yiBhayibhile kunye nezinto ezenzeka ehlabathini ngoku zibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’
Enye into esiyifunda eBhayibhileni
Kuza kubonakala ukuba yimihla yokugqibela xa kukho iimfazwe, indlala, iinyikima nezifo ezininzi ezibulalayo.—Mateyu 24:3, 7; Luka 21:11.
Ngemihla yokugqibela abantu baza kuziphatha kakubi yaye bangamthandi uThixo. —2 Timoti 3:2-5.
Ikamva labantu liza kuba njani lona?
Abanye abantu bathi . . . imihla yokugqibela iza kuphela xa kutshatyalaliswa umhlaba nabantu abaphila kuwo. Abanye bona banethemba lokuba izinto ziza kuba ngcono. Wena uthini?
Oko kuthethwa yiBhayibhile
“Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”
Enye into esiyifunda eBhayibhileni
Imihla yokugqibela iza kuphela xa kupheliswa bonke ububi emhlabeni.
—1 Yohane 2:17. Umhlaba uza kwenziwa iparadesi.
—Isaya 35:1, 6.