Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abantu abasindileyo kwimihla yokugqibela baza kuphila eparadesi

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Ngaba siphila ‘kwimihla yokugqibela’?

Ubuya kuthini?

  • Ewe

  • Hayi

  • Mhlawumbi

Oko kuthethwa yiBhayibhile

“Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Timoti 3:1) Into eyathethwa kudala yiBhayibhile kunye nezinto ezenzeka ehlabathini ngoku zibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’

Enye into esiyifunda eBhayibhileni

  • Kuza kubonakala ukuba yimihla yokugqibela xa kukho iimfazwe, indlala, iinyikima nezifo ezininzi ezibulalayo.—Mateyu 24:3, 7; Luka 21:11.

  • Ngemihla yokugqibela abantu baza kuziphatha kakubi yaye bangamthandi uThixo. —2 Timoti 3:2-5.

Ikamva labantu liza kuba njani lona?

Abanye abantu bathi . . . imihla yokugqibela iza kuphela xa kutshatyalaliswa umhlaba nabantu abaphila kuwo. Abanye bona banethemba lokuba izinto ziza kuba ngcono. Wena uthini?

Oko kuthethwa yiBhayibhile

“Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”INdumiso 37:29.

Enye into esiyifunda eBhayibhileni