Yiya kwinkcazelo

Yintoni Ebonisa Ukuba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’ Okanye ‘Kwixesha Lesiphelo’?

Yintoni Ebonisa Ukuba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’ Okanye ‘Kwixesha Lesiphelo’?

Impendulo yeBhayibhile

 IBhayibhile isixelela ngezinto eziza kwenzeka xa “sekuza kupheliswa ihlabathi.” (Mateyu 24:3) Eli xesha iBhayibhile ilibiza ngokuba ‘yimihla yokugqibela’ okanye ‘ixesha lesiphelo.’ (2 Timoti 3:1; Daniyeli 8:19)

IBhayibhile yaprofeta yathini “ngemihla yokugqibela”?

 IBhayibhile yachaza izinto ezininzi ezaziza kwenzeka ngexesha elinye, ‘ezibonisa’ ukuba yimihla yokugqibela. (Luka 21:7) Nazi ezinye zazo:

 Iimfazwe ezinkulu. UYesu wathi: “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe.” (Mateyu 24:7) Ngokufanayo, iSityhilelo 6:4 sachaza ngomntu okhwele ihashe elalimela imfazwe, owayeza ‘kuphelisa uxolo emhlabeni.’

 Indlala. UYesu wathi: “Kuza kubakho indlala.” (Mateyu 24:7) Incwadi yeSityhilelo iphinda ichaze nangomnye umntu okhwele ihashe, elimela indlala eyayiza kubakho kwiindawo ezininzi.—ISityhilelo 6:5, 6.

 Iinyikima ezinamandla. UYesu wathi kuza kubakho ‘iinyikima kwiindawo ngeendawo.’ (Mateyu 24:7; Luka 21:11) Ezi nyikima zinamandla zaziza kubangela abantu baphile kabuhlungu baze basweleke kakhulu.

 Izifo. UYesu wathi kuza kubakho “nezifo ezingubhubhani.”—Luka 21:11.

 Abantu abophula umthetho. Nangona sekuyiminyaka abantu besophula umthetho, uYesu wathi ngemihla yokugqibela kuza kubakho ‘ukwanda kobubi.’—Mateyu 24:12.

 Ukonakaliswa komhlaba. ISityhilelo 11:18 sachaza kwangaphambili ukuba abantu baza ‘konakalisa umhlaba.’ Le nto babeza kuyenza ngeendlela ezininzi, ngokwenza izinto ezimbi nangokumosha umhlaba.

 Abantu abaziphethe kakubi. Ku-2 Timoti 3:1-4, iBhayibhile yachaza ukuba abantu abazukuba “nambulelo, bangathembeki, . . . babe nenkani, bangcolise amagama abantu, bangakwazi kuzibamba, babe ziindlobongela, bangazithandi izinto ezilungileyo, bajikele abahlobo babo, bangafuni kumamela mntu, bakhukhumale likratshi.” Abantu abaziphethe ngolu hlobo babeza kubonisa ngokucacileyo ukuba siphila kumaxesha “ekunzima ukuwanyamezela.”

 Ukungamanyani kweentsapho. Ku-2 Timoti 3:2, 3, iBhayibhile yachaza ukuba abantu abaninzi ‘abazukuzithanda’ iintsapho zabo ibe abantwana “bangathobeli bazali.”

 Abantu abazukumthanda uThixo. UYesu wathi: “Luza kuphola uthando lwabaninzi.” (Mateyu 24:12) UYesu wayethetha ukuba abantu abaninzi baza kuyeka ukumthanda uThixo. U-2 Timoti 3:4 uthi ngemihla yokugqibela, abantu abanjalo baza kuthanda “ulonwabo kunokuba bathande uThixo.”

 Iinkonzo zobuxoki. Ku-2 Timoti 3:5, iBhayibhile yathi abantu baza kubonakala ngathi bayamkhonza uThixo, kodwa indlela abaphila ngayo ibe ingatsho.

 Ziza kuqondwa bhetele iziprofeto zeBhayibhile. Incwadi kaDaniyeli yachaza kwakudala ukuba ‘ngexesha lesiphelo’ abantu abaninzi babeza kuyiqonda ngakumbi inyaniso yeBhayibhile, neziprofeto zayo babeza kuziqonda kakuhle.—Daniyeli 12:4, umbhalo osemazantsi.

 Kwakuza kushunyayelwa emhlabeni wonke. UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke.”—Mateyu 24:14.

 Kwakuzoxhaphaka ukuphathwa kakubi kwabantu. UYesu wachaza kwangaphambili ukuba abantu abazukubuhoya ubungqina bokuba sikwimihla yesiphelo. (Mateyu 24:37-39) Ngaphezu koko, u-2 Petros 3:3, 4 wachaza ukuba abanye baza kugxeka, besithi ubungqina obukhoyo abutheth’ into.

 Zizalisekile zonke iziprofeto. UYesu wachaza ukuba imihla yokugqibela yayiza kubonakala xa zonke ezi ziprofeto zisenzeka ngexesha elinye, hayi xa kusenzeka ezimbalwa kuzo.—Mateyu 24:33.

Ngaba siphila ‘kwimihla yokugqibela’?

 Ewe. Izinto ezenzeka emhlabeni nendlela abalwa ngayo amaxesha eBhayibhileni ibonisa ukuba imihla yokugqibela yaqala ngo-1914, xa kwakuqala iMfazwe Yehlabathi Yokuqala. Ukuze ubone ukuba izinto ezenzeka emhlabeni zibonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela, bukela le vidiyo ilandelayo:

 Ngo-1914, uBukumkani bukaThixo baqalisa ukulawula ezulwini ibe kwizinto zokuqala lo rhulumente awazenzayo, kukugxotha uSathana needemon zakhe ezulwini nokuqiniseka ukuba izinto abaza kuzenza, ziza kwenzeka emhlabeni kuphela. (ISityhilelo 12:7-12) Indlela alawula ngayo uSathana ibonakala kubantu abenza izinto ezimbi, nabenza le mihla yokugqibela ‘kube nzima ukuyinyamezela.’—2 Timoti 3:1.

 Abantu abaninzi baphila kabuhlungu kule mihla inzima. Abaninzi banexhala lokuba abantu abakwazi ukuhlala kunye. Abanye boyika ukuba baza kubulalana baphele.

 Kukho nabanye abantu abakhathazwa zizinto ezenzekayo, kodwa abanethemba lokuba kuseza kwenzeka izinto ezintle kwixesha elizayo. Baqinisekile ukuba uBukumkani bukaThixo buza kuzisusa zonke iingxaki ezisemhlabeni. (Daniyeli 2:44; ISityhilelo 21:3, 4) Bamlinde ngomonde uThixo ukuba uza kuzenza zonke izinto azithembisileyo ibe amazwi awathethwa nguYesu ayabathuthuzela kuba wathi: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uza kusindiswa.”—Mateyu 24:13; Mika 7:7.