Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Amacebiso Anokusinceda Sibe Seluxolweni Nabanye

Amacebiso Anokusinceda Sibe Seluxolweni Nabanye

UMdali wethu uyasixelela indlela esinokuba seluxolweni ngayo xa sisendlini, emsebenzini, naxa sikunye nabahlobo. Jonga eminye imizekelo yakhe yobulumko ekwazileyo ukubanceda abantu abaninzi.

Yiba Ngumntu Oxolelayo

“Qhubekani . . . ninyamezelana yaye nixolelana ngokusuka entliziyweni nokuba omnye unesizathu sokukhalazela omnye.”​—KOLOSE 3:13.

Sonke siyazenza iimpazamo. Sinokubakhubekisa abanye okanye bona bakhubekise thina. Loo nto ithetha ukuthi sonke funeka sixolele, yaye sixolelwe. Kaloku xa sixolela siye siyeke ukumcingela kakubi loo mntu ebesikhubekisile. Asiphindisi ububi ngobubi, yaye asisoloko sikhumbuza umntu osikhubekisileyo ngeempazamo zakhe nangezinto angakwaziyo ukuzenza kakuhle. (Roma 12:17) Simele senze ntoni xa loo mntu esikhathaze nyhani, yaye nathi singakwazi ukuyeka ukucinga ngaloo nto? Simele sithethe naloo mntu usikhathazileyo ngembeko ecaleni. Eyona nto ibalulekileyo asikokubonisa ukuba sithi abachanileyo, kodwa kukwenza ukuba kubekho uxolo.​—Roma 12:18.

Yiba Ngumntu Othobekileyo Nonembeko

“Nithobeke, nibajonga abanye njengababhetele kunani.”​—FILIPI 2:3.

Xa sithobekile yaye sinembeko abantu bayakonwabela ukuba kunye nathi. Bayayazi ukuba singabantu abanobubele nababacingelayo abanye, ibe asoze senze into eza kubakhathaza ngabom. Ukuba sizicingela bhetele kunabanye, size sifune izinto zenziwe ngendlela esifuna ngayo, siza kubangela iingxabano kuze kungavanwa. Abantu abazokufuna ukuhlala kunye nathi, ibe siza kuba nabahlobo abambalwa kakhulu okanye singabi nabo nokuba nabo.

Yiba Ngumntu Ongakhethiyo

“UThixo akakhethi, kodwa kuzo zonke iintlanga wamkela nabani na omoyikayo nowenza izinto ezilungileyo.”​—IZENZO 10:34, 35.

UMdali wethu akababoni bebhetele abanye ngenxa yelizwe abazalelwe kulo, ulwimi abaluthethayo, indlela abajongwa ngayo ekuhlaleni okanye ibala labo. “Zonke iintlanga wazenza ezikhupha emntwini omnye.” (IZenzo 17:26) Ngoko kuyafana ingathi sonke njengabantu siyazalana. Xa siphatha abanye ngembeko nobubele, siye sibenze bonwabe nathi siye sonwabe, yaye sivuyisa noMdali wethu.

Yiba Ngumntu Ozolileyo

“Nxibani . . . umoya ozolileyo.”​—KOLOSE 3:12.

Abantu bayakhululeka xa sizolile. Bangathetha nathi ngayo nantoni na ibe bangasilungisa nokusilungisa kuba bayayazi ukuba siza kuhlala sizolile. Xa simphendula sizolile umntu, nokuba ebenomsindo kangakanani ungaphela usihla. IMizekeliso 15:1 ithi: “Impendulo ezolileyo iphelisa umsindo, kodwa ilizwi elirhabaxa liyawunyusa.”

Yiba Ngumntu Ophayo Nonombulelo

“Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.”​—IZENZO 20:35.

Abantu abaninzi namhlanje bafuna izinto ezininzi kunezo sele benazo, ibe bacingela bona bodwa. Kodwa sisenokonwaba kakhulu ukuba singabantu abaphayo. (Luke 6:38) Abantu abaphayo bayavuya kuba bathanda abantu kunezinto abanazo. Olo thando lubenza babe nombulelo, ibe nabo bayayixabisa into yokuba besenzelwa izinto ngabanye abantu. (Kolose 3:15) Zibuze, ‘Ndithanda ukuhlala nabantu abanjani—ngaba ndithanda ukuhlala nabantu abavimbayo nabangenambulelo okanye nabaphayo nabanombulelo?’ Sifunda ntoni kule nto? Yiba yile nto ufuna abantu babe yiyo.​—Mateyu 7:12.