Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUKHULISA ABANTWANA

Fundisa Abantwana Ukuthobeka

Fundisa Abantwana Ukuthobeka

INGXAKI

  • Unyana wakho una-10 kodwa uphakamile!

  • Ufuna ukuphathwa bhetele kunabanye abantu.

Uyazibuza, ‘Utheni na lo mntwana? Ndifuna azithande kodwa angacingi ukuba ubhetele kunabanye abantu!’

Ungakwazi ukufundisa umntwana ukuthobeka kodwa angazijongeli phantsi?

OKO UMELE UKWAZI

Mvanje kuthiwa abazali mababanike loo nto bayifunayo abantwana; babancome nokuba abenzanga nto incomisayo; bakhe bame ngokubalungisa nokubaqeqesha. Kwakucingwa ukuba xa abantwana bephathwa ngolu hlobo, baza kukhula bezithemba. Iye yenzeka ke loo nto? Incwadi ethi Generation Me ithi: “Le nto ibangele ukuba endaweni yokuba abantwana bakhule kakuhle bonwabile, babajongele phantsi abanye.”

Abantwana abakhule benconywa naxa bengenzanga nto, basuke bangazi ukuba benzeni xa bephoxekile, behlekwa okanye bengaphumeleli kwizinto abazenzayo. Kuba bekhule befumana yonke into abayifunayo, kuba nzima kubo ukuba nabahlobo ixesha elide. Loo nto ibenza basoloko benexhala kwaye belusizi.

Abantwana bazithemba nyhani xa bephumelela kwizinto abazenzayo, hayi kuba bexelelwa ukuba babhetele. Sekunjalo, akufuneki baphelele nje ekuzithembeni, kodwa kufuneka bafunde, benze baze baphucule ubugcisa abanabo. (IMizekeliso 22:29) Bamele bakwazi nokucingela abanye abantu. (1 Korinte 10:24) Kufuneka bathobeke ukuze bakwazi ukwenza yonke le nto.

OKO UNOKUKWENZA

Mncome umntwana xa enze kakuhle. Ukuba umntwana wakho upasile esikolweni mncome. Xa engapasanga, sukuvel’ ugxeke utitshala. Ukuba wenza loo nto, soze athobeke. Mncede abone indlela anokwenza bhetele ngayo kwiimviwo ezizayo. Mncome xa eye waphumelela.

Mlungise xa kufuneka njalo. Le nto ayithethi ukuba kufuneka umgxeke umntwana qho xa esenza impazamo. (Kolose 3:21) Kodwa zilungise izinto obonayo ukuba zifuna ukulungiswa nyhani. Mlungise xa enezinto ezinjengetshiki, ukungabi nambeko nezinye. Ukuba uyamyeka, uya kuya eqatsela.

Ngokomzekelo, masithi umntwana wakho uyathanda ukuqhayisa. Ukuba uyayekwa, angaziphakamisa aze azikhethe kwabanye. Mxelele ukuba ukuqhayisa kuza kumenza angathandwa ngabanye aze azihlazise. (IMizekeliso 27:2) Mxelele nokuba, umntu ozithandayo akunyanzelekanga ukuba aqhayisele abanye ngezinto azenzileyo. Xa umlungisa ngolu hlobo, uza kuthobeka, kodwa akazukuyeka ukuzithemba.​—Umgaqo weBhayibhile: Mateyu 23:12.

Menze alungele izinto eziza kwenzeka ebomini. Ukumnika yonke into ayifunayo kunokumenza acinge ukuba kunyanzelekile ayifumane into ayifunayo. Ngokomzekelo, ukuba ufuna into ongenamali yayo, mcacisele indlela ekubaluleke ngayo ukungayisebenzisi nje nakanjani imali. Ukuba kuye kwafuneka niyeke ukuzikhupha okanye ukuya eholideyini, mchazele ukuba ebomini umntu uye aphoxeke ngamanye amaxesha. Emva koko, ninokuncokola ngento oye uyenze xa uphoxeke ngolo hlobo. Endaweni yokusoloko ubafihlela abantwana xa kunzima, balungiselele izinto abaza kudibana nazo xa bebadala. ​—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 29:21.

Mfundise ukupha. Menze abone ukuba “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Unokumbonisa njani? Ninokubhala abantu abafuna ukuthengelwa izinto, abadinga imoto nabafuna ukulungiselelwa izinto. Hamba naye xa uyokubanceda. Makabone indlela ovuya ngayo xa unceda abanye. Loo nto iya kubangela ukuba umntwana wakho akubone apha kuwe ukuba kuyintoni ukuthobeka.​—Umgaqo weBhayibhile: Luka 6:38.