Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lumele Unqulo Lokwenyaniso!

Lumele Unqulo Lokwenyaniso!

Inqaku Labaselula

Lumele Unqulo Lokwenyaniso!

Imiyalelo: Funda ezi ndinyana zeBhayibhile kwindawo ongazukuphazanyiswa kuyo. Njengoko ufunda, yiba ngathi ulapho nawe. Yiba ngathi uyayibona into eyenzekayo. Beve ngathi bayathetha abantu abalapho. Vakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo abantu abalapho.

Abalinganiswa abaphambili: UEliya, uAhabhi nabaprofeti abamalunga nama-450 bakaBhahali

Into eyenzeka kweli bali: UEliya ubonisa ukuba uYehova ungaphezulu kuBhahali.

1 HLALUTYA ESI SIGANEKO.—FUNDA 1 KUMKANI 18:17-40.

Zoba kwelinye iphepha, indawo ocinga ukuba wayekuyo uEliya, abaprofeti bakaBhahali nezibingelelo.

Ucinga ukuba babekhala njani abantu xa kwakusenzeka umbhodamo ochazwe kwivesi 26 ukusa ku-29?

․․․․․

Ucinga ukuba lalinjani ilizwi likaEliya njengoko wayethetha nabaprofeti bakaBhahali?

․․․․․

2 PHANDA.

Kwakutheni ukuze kufuneke ukuba uEliya abe nenkalipho ukuze athethe noAhabhi aze emva koko ayokwenza into eyayiza kuhlazisa amakhulu abaprofeti bakaBhahali? (Phinda ufunde: Eyoku-1 yooKumkani 18:4, 13, 14.)

․․․․․

Usebenzisa izixhobo zokuphanda onazo, phanda ngonqulo lukaBhahali. Ngokomzekelo, zintoni ezazinxulunyaniswa nolu nqulo? Lwawachaphazela njani amaSirayeli unqulo lukaBhahali?

․․․․․

Ucinga ukuba kwakutheni ukuze uEliya embe umsele owawujikeleze isibingelelo aze asizalise ngamanzi?

․․․․․

3 ZISEBENZISE IZINTO OZIFUNDILEYO. BHALA IZINTO OZIFUNDILEYO . . .

Inkalipho efunekayo ukuze umele unqulo lokwenyaniso.

․․․․․

Iingenelo zokukhalipha.

․․․․․

EZINYE IINDLELA ONOKUYISEBENZISA NGAZO LE NGXELO.

Ziziphi iinkalo ebomini bakho onokuyibonisa kuzo inkalipho xa umela unqulo lokwenyaniso?

․․․․․

4 YINTONI OYITHANDILEYO KWELI BALI YAYE KUTHENI UYITHANDA NJE?

․․․․․

Ukuba awunayo iBhayibhile cela amaNgqina kaYehova akuphathele okanye uyifunde kwi-Internet www.watchtower.org

[Ibhokisi ekwiphepha 31]

Inkcazelo Ephathelele Indibano YeSithili

Inkcazelo ephathelele imihla neendawo eziza kuba kuzo iindibano zesithili iza kufumaneka kwiWeb site ethi jw.org.