Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngoobani Abashumayela Iindaba Ezilungileyo?

Ngoobani Abashumayela Iindaba Ezilungileyo?

Ngoobani Abashumayela Iindaba Ezilungileyo?

“ . . . ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo.”—MATEYU 24:14.

IINDABA ezilungileyo zishunyayelwa ehlabathini lonke ngamaNgqina kaYehova. Ashumayela ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Enye indlela . . .

Lilizwi Elithethiweyo. NjengoYesu nabafundi bakhe, amaNgqina kaYehova aya kubantu neendaba ezilungileyo. (Luka 8:1; 10:1) Awalindelanga ukuba abantu beze kuwo. Ukunikela ubungqina kubantu ngoBukumkani bukaThixo yinto eyenziwa ngamaNgqina onke amalunga nezigidi ezisixhenxe. Ashumayela kwindlu ngendlu, ezitratweni, ngefowuni nangezinye iindlela. Kulo nyaka uphelileyo amaNgqina achithe iiyure ezingaphezu kwebhiliyoni enesiqingatha esenza lo msebenzi.

Afundisa abanye kungekuphela nje ngoBukumkani bukaThixo kodwa ngazo ‘zonke izinto abayalela zona uYesu.’ (Mateyu 28:20) Aqhuba izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwezigidi ezisibhozo.

AmaNgqina ashumayela ehlabathini lonke kumazwe angama-236. Ashumayela kuzo zonke iintlobo zabantu. Ashumayela emaphandleni nasezixekweni, kwiintshinyela zamahlathi eAmazon, neSiberia, kwiintlango zaseAfrika nakwIintaba zeHimalaya. Awahlawulwa ngalo msebenzi, awenza ngeendleko zawo ngexesha lawo, aqhutywa kukuthanda uThixo nommelwane. Kwakhona avakalisa iindaba ezilungileyo esebenzisa . . .

Uncwadi. Eli phephancwadi, elinomxholo opheleleyo othi IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova, ngoku lipapashwa ngeelwimi ezili-185 yaye kupapashwa iinkupho ezizigidi ezingama-42. Iqabane layo uVukani! nalo lipapasha uBukumkani, upapashwa ngeelwimi ezingama-83 yaye kwinkupho nganye kwenziwa iikopi ezizigidi ezimalunga nama-40.

Iincwadi, iincwadana ezinemifanekiso, amaphecana, iiCD/MP3, neeDVD ezicacisa iimfundiso zeBhayibhile zifumaneka ngeelwimi ezingama-540. AmaNgqina aye avelisa aze asasaza iibhiliyoni ezingaphezu kwama-20 azo kule minyaka ilishumi idluleyo, umntu ngamnye emhlabeni ebenokufumana umlinganiselo wezintathu zazo.

AmaNgqina kaYehova aye ashicilela okanye agunyazisa ukushicilelwa kweenguqulelo ezahlukeneyo zeBhayibhile. Inguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele—iguqulelwe, yashicilelwa yaza yasasazwa ngamaNgqina—ngoku ifumaneka iphelele okanye izinxalenye ngeelwimi ezingama-96. Kuye kwasasazwa imibhalo engaphezu kwezigidi ezili-166. AmaNgqina aphinda nawo ashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani . . .

Kwiintlanganiso ZamaKristu. Iintlanganiso zamaKristu eziqhutyelwa kwiiHolo zoBukumkani veki nganye asiyonkonzo nje; zenzelwe ukufundisa. Kunikelwa intetho ezinemixholo yeBhayibhile, yona ifundwa kunye nephephancwadi iMboniselo nezinye iimpapasho. Ezintlanganisweni, amaNgqina afundiswa nokuba ngabavakalisi beendaba ezilungileyo abanobuchule.

AmaNgqina afunda ezi mpapasho kumabandla angaphezu kwe-107 000 ehlabathini lonke, nto leyo ewenza amanyane. Kwezi ntlanganiso nabanye abantu bamkelekile. Ayikho inkongozelo. Kakade, ibingenakuba nantsingiselo yonke le nto ukuba amaNgqina ebengazenzi izinto azifundisayo. Ngaloo ndlela azama ukuphila ngokuvisisana neendaba ezilungileyo . . .

Ngokumisela umzekelo. Azama ukuba ngumzekelo kwihambo yobuKristu, azama ukuphatha abanye ngendlela ebengathanda ukuphathwa ngayo. (Mateyu 7:12) Nangona engafezekanga yaye maxa wambi esilela, anqwenela ukwenza ngokunyaniseka kubo bonke abantu kungekuphela ngokubashumayeza ngeendaba ezilungileyo kodwa nokubanceda naninina kunokwenzeka.

AmaNgqina kaYehova awazami ukuguqula ihlabathi ngokushumayela kwawo. Kunoko, xa lo msebenzi wenziwe ngendlela eyanelisa uYehova, isiphelo siya kufika njengokuba uYesu watshoyo. Iya kuthetha ntoni loo nto emhlabeni nakubantu abakuwo?

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Iindaba ezilungileyo zishunyayelwa ehlabathini lonke ngamaNgqina kaYehova