Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Roma 12:12—“Vuyani Ngenxa Yokuba Ninethemba. Nyamezelani Xa Nisebunzimeni. Hlalani Nithandaza.”

Roma 12:12—“Vuyani Ngenxa Yokuba Ninethemba. Nyamezelani Xa Nisebunzimeni. Hlalani Nithandaza.”

 “Vuyani ngenxa yokuba ninethemba. Nyamezelani xa nisebunzimeni. Hlalani nithandaza.”—Roma 12:12, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.”—Roma 12:12, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

Oko Kuthethwa NgamaRoma 12:12

 Kule vesi, umpostile uPawulos wakhuthaza amaKristu aseRoma ukuba enze izinto ezintathu ezaziza kuwanceda ahlale ethembekile kuThixo naxa eneengxaki okanye echaswa.

 “Vuyani ngenxa yokuba ninethemba.” AmaKristu anethemba elihle lobomi obungunaphakade. Amanye aza kubufumana ezulwini aze amaninzi aphile kumhlaba oyiparadesi. (INdumiso 37:29; Yohane 3:16; ISityhilelo 14:1-4; 21:3, 4) Analo nethemba lokubona uBukumkani bukaThixo a bulungisa zonke izinto ezenza abantu baphile kabuhlungu. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:10) Kuba abakhonzi bakaThixo beqinisekile ngezinto abanethemba lazo ibe besazi ukuba xa benyamezela iingxaki abanazo bavuyisa uThixo, le nto inokubenza bonwabe naxa besebunzimeni.—Mateyu 5:11, 12; Roma 5:3-5.

 “Nyamezelani xa nisebunzimeni.” EBhayibhileni, igama lesiGrike elithi “nyamezela” lidla ngokuthetha ukuba “kunokuba ubaleke, uhlale uqinile; ungancami; ungagungqi.” Abalandeli bakaKristu abangabo “abehlabathi,” b ngoko bayazi ukuba baza kutshutshiswa, yiloo nto kufuneka banyamezele. (Yohane 15:18-20; 2 Timoti 3:12) Xa umKristu engayeki ukukhonza uThixo ngokuthembeka naxa enyamezela iingxaki ezininzi, ukholo lwakhe lokuba uThixo uza kumvuza luyaqina. (Mateyu 24:13) Ngenxa yolu kholo luqinileyo, utsho akwazi ukunyamezela iingxaki ngomonde ibe evuya.—Kolose 1:11.

 “Hlalani nithandaza.” Ukuze amaKristu ahlale ethembekile kuThixo, akhuthazwa ukuba angayeki ukuthandaza. (Luka 11:9; 18:1) Asoloko efuna ukukhokelwa nguThixo ibe athembele ngaye kuyo yonke into ayenzayo. (Kolose 4:2; 1 Tesalonika 5:17) Akathandabuzi ukuba uThixo uza kuyiphendula imithandazo yawo kuba ayayithobela imiyalelo yakhe ibe azama ngandlela zonke ukumvuyisa. (1 Yohane 3:22; 5:14) Ayazi nokuba ukuba ahlala ethandaza, uThixo uza kuwanika amandla awadingayo ukuze akwazi ukunyamezela iingxaki anazo.—Filipi 4:13.

Umongo wamaRoma 12:12

 UPawulos wabhalela amaKristu aseRoma ileta malunga no-56 C.E. Kwisahluko 12 seleta yakhe, uwacebisa ngezinto anokuzenza ukuze abe neempawu ezibonisa ukuba ngamaKristu. Uphinda athethe ngendlela amele aphathane ngayo njengabakhonzi bakaYehova. Uthetha nangendlela anokuhlala eseluxolweni ngayo xa etshutshiswa. (Roma 12:9-21) AmaKristu aseRoma awafumana ngexesha elifanelekileyo la macebiso kuba atshutshiswa kabuhlungu emva koko.

 Emva kweminyaka embalwa, ngo-64 C.E., kwabakho umlilo omkhulu owatshisa idolophu yaseRoma. Abantu abaninzi babesithi loo mlilo uqalwe nguMlawuli waseRoma uNero. UTacitus, owabhala imbali yamaRoma uthi uNero wazama ukuzikhusela ngokutyhola amaKristu. Ngenxa yaloo nto, amaKristu atshutshiswa kabuhlungu. Icebiso likaPawulos lokunyamezela intshutshiso lawanceda nyhani akwazi ukuhlala ethembekile kuThixo nangona esebunzimeni. (1 Tesalonika 5:15; 1 Petros 3:9) Abakhonzi bakaThixo kule mihla banokufunda izinto ezininzi kuwo.

 Bukela le vidiyo imfutshane, ukuze ubone nezinye izinto ongazifunda kwincwadi yamaRoma.

a UBukumkani bukaThixo ngurhulumente osezulwini omiselwe nguThixo ukuze enze ukuthanda kwakhe ngomhlaba. Ukuze ufunde nezinye izinto, funda inqaku elithi “Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

b EBhayibhileni, igama elithi “ihlabathi” linokuthetha abantu abangamaziyo uThixo.