Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Singakoyisa Njani Ukungazithembi?

Singakoyisa Njani Ukungazithembi?

USANA olubomvu luye lubonakale lungenakukwazi ukuzenzela nto. Xa sasizalwa, sasixhomekeke ngokupheleleyo kubazali bethu. Sathi sakukwazi ukuhamba, sadibana nabantu esingabaziyo abade kunathi. Babesoyikisa, kodwa ke kube bhetele xa sikunye nabazali bethu. Sasiziva sikhuselekile xa sibanjwe sisandla sikamama okanye sikatata.

Xa sasikhula, ukuzithemba kwethu kwakuxhomekeke kuthando nokhuthazo lwabazali bethu. Xa sibona ukuba siyathandwa ngabazali bethu, sasiye sizithembe kakhulu. Xa besincoma, sasiye sizithembe nangakumbi size siphucule.

Njengoko sikhula, saye sanabahlobo abasenza sizithembe ngakumbi. Sasikhululeka xa sikunye nabo, babebangela ukuba singoyiki nto nasesikolweni.

Yonke le nto isichazela indlela abemele ukuba ukhula ngayo umntwana. Abanye abantwana banabahlobo abambalwa, kwaye abaninzi abakhathalelwa kangako ngabazali. UMelissa * uthi: “Xa ndibona iifoto zentsapho eyonwabileyo isenza izinto kunye, ndiye ndithi, ‘Akwaba nam ndandikhule ngolu hlobo.’” Mhlawumbi nawe ucinga ngale ndlela.

IINGXAKI ZOKUKHULA UNGAZITHEMBANGA

Kusenokwenzeka ukuba wawungazithembanga ngexesha lokufikisa kwakho. Mhlawumbi wawungakhuthazwa kwaye ungathandwa ngokwaneleyo. Kusenokwenzeka ukuba ukhumbula indlela ababehlala besilwa ngayo abazali bakho, nto leyo eyabangela ukuba uphele umtshato wabo, waza wena ngempazamo wacinga ukuba nguwe obangele ukuba bohlukane. Mhlawumbi omnye wabazali bakho wayede athethe amazwi ahlabayo okanye akungombe.

Uye enze ntoni umntwana ongazithembanga? Abanye baye babalekele kwiziyobisi okanye bazintyintye ngotywala besebancinci. Abanye bazidibanisa namaqela emigulukudu ukuze bazive bamkelekile. Kanti abanye basenokuthandana namakhwenkwe okanye namantombazana kuba nje befuna ukuthandwa. Kodwa akufane kwenzeke ukuba bathandane ixesha elide, nto leyo ebangela ukuba bangazithembi nangakumbi.

Ulutsha olufikisayo olungangeniyo kwezi ngxaki nalo lusenokukhula luzijongela phantsi. UAna uthi: “Ndandizixelele ukuba akukho yam kuba umama wayesoloko esitsho. Andikhumbuli endincoma okanye ethetha amazwi othando kum.”

Asiyondlela esikhuliswe ngayo kuphela ebangela ukungazithembi. Esinye isizathu ingakukuphela kabuhlungu komtshato, iingxaki zokwaluphala, nokuxhalabela indlela esikhangeleka ngayo. Nokuba siyintoni isizathu, ukungazithembi kusenokubangela ukuba singonwabi size siphelelwe nangabahlobo. Singenza ntoni ukuze sikoyise ukungazithembi okunjalo?

UTHIXO USIKHATHALELE

Kufuneka sazi ukuba uncedo lukhona. Sonke sinaye umntu onokusinceda, nokufunayo ukusinceda—uThixo ngokwakhe.

Esebenza umprofeti uIsaya, uThixo wathetha la mazwi: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. Musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene. Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa.” (Isaya 41:10, 13) Ngokwenene kuyasithuthuzela ukwazi ukuba uThixo ukulungele ukusingcambazisa! Asinaso tu isizathu sokuxhalaba!

IBhayibhile isixelela ngabakhonzi bakaThixo ababexhalabile kodwa bafunda ukubamba isandla sikaThixo. UHana, umama kaSamuweli, wayezibona kungekho yakhe kuba wayengafumani bantwana. Kwakudla ngokuhlekiswa ngaye kuba engafumani bantwana. Ngenxa yoko, uHana wayengadli kwaye wayesoloko elila. (1 Samuweli 1:6, 8) Kwathi emva kokuba ethandaze kuThixo, wayeka ukuxhalaba.—1 Samuweli 1:18.

Nomdumisi uDavide wayekhe angazithembi. Kangangeminyaka uKumkani uSawule wayezama ukumbulala. UDavide wasinda izihlandlo ezininzi ekubulaweni, ibe ngamanye amaxesha wayekhe onganyelwe ziingxaki awayenazo. (INdumiso 55:3-5; 69:1) Sekunjalo wabhala wathi: “Xa kukho uxolo ndiya kungqengqa ndize ndilale ngoxolo, kuba nguwe wedwa, Yehova, ondenza ndihlale ndinqabisekile.”—INdumiso 4:8.

Bobabini uHana noDavide balahlela umthwalo kuYehova, ibe wabaxhasa. (INdumiso 55:22) Singayenza njani thina loo nto?

IINDLELA EZINTATHU ZOKUSENZA SIZITHEMBE

1. Funda ukumthemba uYehova uBawo wethu.

UYesu wathi simele simazi uYise, “okuphela koThixo oyinyaniso.” (Yohane 17:3) Umpostile uPawulos wasiqinisekisa ukuba ‘akakude kuye ngamnye wethu.’ (IZenzo 17:27) UYakobi wathi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.

Ukwazi ukuba sinoBawo osithandayo nosikhathaleleyo kubalulekile kuba kusenza sithobe amaxhala. Ewe kona kusenokuthatha ixesha ukuthembela kuYehova, kodwa abaninzi bakufumanise kuluncedo. UCaroline uthi: “Xa uYehova waba nguTata wam, ndafumana umntu endandinokuphalaza imbilini yam kuye ngokukhululekileyo. Kwatsho kwathi xibilili.”

URachel uthi: “NguYehova owandincedayo ndakwazi ukuzithemba xa ndashiywa ngabazali bam, ndandiye ndithethe naye ndimcele andincede. Kwaye wandinceda.” *

2. Zifumanele intsapho ethanda uThixo.

UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba baphathane njengabazalwana noodade. Wathi kubo: “Nonke nina ningabazalwana.” (Mateyu 23:8) Wayefuna abalandeli bakhe bathandane baze babe yintsapho enkulu ethanda uThixo.—Mateyu 12:48-50; Yohane 13:35.

Amabandla amaNgqina kaYehova azama ngokunyanisekileyo ukuba yintsapho efudumeleyo neyonwabileyo. (Hebhere 10:24, 25) Abaninzi baye bafumanisa ukuba iintlanganiso zamaKristu zinjengeyeza eliphilisa amanxeba.

UEva uthi: “Ndandinomhlobo wokwenene ebandleni, owayeyiqonda intlungu endandikuyo. Wayendiphulaphula, endifundela kwaye ethandaza kunye nam. Wayeqiniseka ukuba andindedwa. Wayendinceda ndiphalaze imbilini yam kuye. Ukuxhaswa nguye kwandenza ndazithemba kakhulu.” URachel uthi: “Ebandleni ndafumana umama notata. Bandenza ndaziva ndithandwa ndaza ndazithemba.”

3. Bathande abanye uze ube nobubele.

Ukubathanda nokuba nobubele kwabanye kwenza ubuhlobo buqine. UYesu wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Okukhona sithanda abantu kokukhona siya kuphiwa. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha.”—Luka 6:38.

Xa sibathanda abantu, nabo besithanda, siya kuzithemba ngakumbi. Njengokuba iBhayibhile isitsho, “uthando aluze lutshitshe.” (1 Korinte 13:8) UMaría uthi: “Ndiyazi ukuba izinto ezimbi endizicingayo ngesiqu sam azikho njalo. Ndiyakulumkela ukusoloko ndizicingela kakubi ngokunceda abanye, ndingacingi ngesiqu sam. Ndihlala ndivuya xa ndisenzela abantu izinto.”

UKUKHUSELEKA KWABANTU BONKE

Ezi zinto sithethe ngazo aziyomimangaliso izisa isiqabu kunoko zenza umahluko omkhulu. UCaroline uthi: “Ndikhe ndingazithembi. Kodwa eyona nto ndiyiqondayo kukuba ndixabisekile. Ndiyazi ukuba uThixo undikhathalele ibe ndinabahlobo bokwenene abandenza ndizithembe.” URachel naye ubona ngale ndlela kuba uthi: “Ndikhe ndingonwabi. Kodwa ndinabazalwana noodade endifumana kubo amacebiso okubona izinto ngenye indlela. Ngaphezu kwako konke, ndinoBawo wasezulwini endithetha naye yonke imihla. Loo nto yenza umahluko omkhulu.”

IBhayibhile isixelela ngehlabathi elitsha elizayo apho wonke umntu eza kuhlala ekhuselekile

Sikhona nesicombululo esihlala sisebenza. IBhayibhile isixelela ngehlabathi elitsha elizayo apho wonke umntu eza kuhlala ekhuselekile. ILizwi likaThixo lithembisa oku: “Kwaye okunene baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo.” (Mika 4:4) Ngelo xesha, akukho mntu uya kusenza soyike okanye asenzakalise. Nezinto ezibuhlungu ezasehlela kwixesha elidluleyo ‘asiyi kuzikhumbula.’ (Isaya 65:17, 25) UThixo noNyana wakhe uKristu uYesu, baya kumisela “ubulungisa bokwenyaniso.” Imiphumo yoko iya kuba ‘kukuzola nonqabiseko.’—Isaya 32:17.

^ isiqe. 5 Onke amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 21 AmaNgqina kaYehova aqhubela abantu abanomdla wokusondela kuThixo izifundo zeBhayibhile zasimahla.