Kubalisa UMateyu 12:1-50

  • UYesu “uyiNkosi yeSabatha” (1-8)

  • Indoda efe isandla iyaphiliswa (9-14)

  • Umkhonzi kaThixo amthandayo (15-21)

  • Kukhutshwa iidemon ngomoya oyingcwele (22-30)

  • Isono esingenakuxolelwa (31, 32)

  • Umthi waziwa ngeziqhamo zawo (33-37)

  • Ummangaliso kaYona (38-42)

  • Xa ibuya idemon (43-45)

  • Umama kaYesu nabantakwabo (46-50)

12  Ngelo xesha uYesu wadlula emasimini ngeSabatha. Abafundi bakhe balamba baza bakha izikhwebu, batya.+  Bakuyibona loo nto abaFarisi, bathi kuye: “Jonga! Abafundi bakho benza into engekho mthethweni ngeSabatha.”+  Wathi kubo: “Anizange nifunde na ngento eyenziwa nguDavide, xa yena namadoda akhe babelambile?+  Akazange na angene endlini kaThixo, baza batya izonka ezibekwa phambi kukaThixo,*+ nto leyo yayingekho mthethweni, kuba zazimele zityiwe ngababingeleli kuphela?+  Okanye, anizange nifunde na eMthethweni ukuba ababingeleli abasebenza etempileni bayawaphula umthetho weSabatha, kodwa bangabi natyala?+  Kodwa ndithi kuni, ngoku kufike umntu obaluleke ngaphezu kwetempile.+  Ngoko ke, ukuba beniwazi ukuba athetha ukuthini amazwi athi, ‘Ndithanda inceba+ kunemibingelelo,’+ ngeningakhange nibagwebe abo bangenatyala.  Kuba uNyana womntu uyiNkosi yeSabatha.”+  Emva kokuba emkile kuloo ndawo, waya kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda,* 10  wafika apho kukho indoda efe isandla.+ Ngoko ke bambuza bathi, “Kusemthethweni na ukuphilisa ngeSabatha?”+ kuba babefuna ukummangalela. 11  Wathi kubo: “Ukuba omnye wenu ebenegusha enye, ize yeyele emngxunyeni ngeSabatha, ebengazukuyikhupha na?+ 12  Akaxabisekanga ngaphezu kwegusha na ke yena umntu? Ngoko ke kusemthethweni ukwenza into entle ngeSabatha.” 13  Emva koko wathi kule ndoda: “Yolula isandla sakho.” Yasolula, saza saphila njengesinye. 14  Kodwa abaFarisi baphuma baza bacebisana ngokumbulala. 15  Akuyazi loo nto, uYesu wemka apho. Walandelwa ngabantu abaninzi,+ wabaphilisa bonke, 16  kodwa wabayala kabukhali ukuba bangaxeleli mntu ngaye,+ 17  ukuze yenzeke into eyayithethwe ngumprofeti uIsaya, esithi: 18  “Jonga! Umkhonzi wam+ endimkhethileyo, endimthandayo, nondivuyisayo!+ Ndiza kumfaka umoya wam,+ ibe uza kucacisela iintlanga ukuba buyintoni obona bulungisa.* 19  Akazukuxambulisana namntu+ okanye akhwaze, kungekho mntu oza kuva ilizwi lakhe kwizitrato ezikhulu. 20  Akukho ngcongolo yaphukileyo aza kuyityumza, yaye akukho msonto weflekisi ocima-cimayo aza kuwucima,+ de abuzise ngokupheleleyo ubulungisa.* 21  Ngokuqinisekileyo, iintlanga ziza kuthembela egameni lakhe.”+ 22  Emva koko bamzisela indoda enedemon, engaboniyo nengakwazi kuthetha. Wayiphilisa, yatsho yakwazi ukuthetha nokubona. 23  Bonke abantu ababelapho bamangaliswa yile nto, baza bathi: “Akungebi nguNyana kaDavide lo?” 24  Xa abaFarisi bayivayo le nto, bathi: “Lo mfo ukhupha iidemon ngoBhelezebhubhe,* umlawuli weedemon.”+ 25  Eyazi into abayicingayo, uYesu wathi kubo: “Nabuphi na ubukumkani obulwa bodwa buyawa, ibe nasiphi na isixeko okanye ikhaya elilwa lodwa alizukuphumelela. 26  Ngoko, ukuba uSathana ukhupha uSathana, ulwa yedwa; buza kuma njani ke ubukumkani bakhe? 27  Khona, ukuba ndizikhupha ngoBhelezebhubhe iidemon, bazikhupha ngabani ke bona oonyana benu? Yiloo nto abalandeli benu beza kunigweba. 28  Kodwa ukuba ndizikhupha ngomoya kaThixo iidemon, kucacile ukuba uBukumkani bukaThixo bunifikele ningalindelanga.+ 29  Okanye ukuba umntu ufuna ukungena endlini yendoda enamandla, aze athathe izinto zayo, engakhange aqale ayibophe, uza kuzithatha njani ezo zinto? 30  Umntu ongekho kwicala lam, ulwa nam, nalowo ungandincedisiyo ekuqokeleleni, uyachitha.+ 31  “Yiloo nto ndisithi kuni, abantu baza kuzixolelwa zonke iintlobo zezono nokunyelisa, kodwa abasoze baxolelwe xa benyelisa umoya.+ 32  Ngokomzekelo, nabani na othetha kakubi ngoNyana womntu, uza kuxolelwa;+ kodwa nabani na othetha kakubi ngomoya oyingcwele, akasoze axolelwe, kweli hlabathi* nakwelizayo.+ 33  “Ukuba umthi wenu mhle, neziqhamo zawo ziba zihle, kanti ukuba ubolile neziqhamo zawo ziyabola, kaloku umthi waziwa ngeziqhamo zawo.+ 34  Nzalandini yamarhamba,+ ningakwazela phi nina ukuthetha izinto ezintle, ningalunganga ninje? Kuba umlomo uthetha izinto ezigcwele entliziyweni.+ 35  Umntu olungileyo ukhupha izinto ezintle kwizinto ezintle abezigcinile, kanti umenzi-bubi ukhupha izinto ezimbi kwizinto ezimbi abezigcinile.+ 36  Ndithi ke kuni, umntu othetha izinto ezingakhiyo uza kuphenduliswa+ ngazo zonke ngeMini Yomgwebo; 37  umntu uza kugwetywa okanye kuthiwe ulilungisa ngokwamazwi akhe.” 38  Emva koko, abanye ababhali nabaFarisi bamphendula bathi: “Mfundisi, senzele ummangaliso.”+ 39  UYesu wathi kubo: “Esi sizukulwana singalunganga nesikrexezayo* sihlala sifuna ummangaliso, kodwa akukho mmangaliso siza kuwenzelwa ngaphandle kokamprofeti uYona.+ 40  Kuba kanye njengokuba uYona wayesesiswini sentlanzi enkulu iintsuku ezintathu nobusuku bazo,+ noNyana womntu uza kuba semathunjini omhlaba iintsuku ezintathu nobusuku bazo.+ 41  Abantu baseNineve baza kuvuka xa kugwetywa baze basimangalele esi sizukulwana, kuba bona baguquka xa uYona wayeshumayela kubo.+ Kodwa, jongani! ngoku kufike umntu omkhulu kunoYona.+ 42  Ukumkanikazi wasemzantsi uza kuvuswa xa kugwetywa aze asimangalele esi sizukulwana, kuba yena weza evela kwindawo ekude ezokuva ubulumko bukaSolomon.+ Kodwa, jongani! ngoku kufike umntu omkhulu kunoSolomon.+ 43  “Xa idemon iphuma emntwini, igqitha entlango, ikhangela indawo yokuhlala, ibe xa ingayifumani+ 44  iye ithi, ‘Ndiza kubuyela kulaa ndlu yam bendisuka kuyo.’ Ifika apho kungekho nto, kutshayelwe ibe kuhonjisiwe. 45  Emva koko iyahamba iyokulanda iidemon ezisixhenxe ezinobubi kakhulu kunayo, zingene kuloo mntu, zihlale apho. Imeko yaloo mntu iba mbi kakhulu kunakuqala.+ Kuza kuba njalo ke nangesi sizukulwana singalunganga.” 46  Ngoxa uYesu wayesathetha nabo bantu baninzi, umama wakhe nabantakwabo+ babemi ngaphandle, befuna ukuthetha naye.+ 47  Ngoko omnye umntu wathi kuye: “Umama wakho nabantakwenu bemi apha phandle, bafuna ukuthetha nawe.” 48  Wathi kuloo mntu: “Ngubani umama, ingoobani bona abantakwethu?” 49  Ekhomba ngakubafundi bakhe, wathi: “Jonga! Nanku umama nabantakwethu!+ 50  Kuba nabani na owenza ukuthanda kukaTata osezulwini, nguye ongumntakwethu, udadewethu nomama.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “izonka zokubonisa.”
Okanye “kwindlu yesikhungu.”
Okanye “kuyintoni okona kusesikweni.”
Okanye “okusesikweni.”
Oku kubhekisela kuSathana.
Okanye “nesingathembekanga.” Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.