Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Anayo Imiyalelo Ngokuthandana?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Anayo Imiyalelo Ngokuthandana?

AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba imigaqo nemiyalelo yeBhayibhile ingasinceda senze izigqibo ezikholisa uThixo neziluncedo kuthi. (Isaya 48:17, 18) Le migaqo nemiyalelo ayenziwanga sithi, kodwa siphila ngayo. Phawula indlela eminye yale migaqo nemiyalelo engena ngayo kumbandela wokuthandana. a

  • Umtshato lumanyano olungenasiphelo. (Mateyu 19:6) Ngenxa yokuba ukuthandana kuyindlela esa emtshatweni, amaNgqina kaYehova akadlali ngako.

  • Ukuthandana kokwabo badala ngokwaneleyo ukuba batshate. Ngabo sele ‘bedlulile entlahleni yobutsha’ okanye ekuvutheni kwenkanuko yesini.—1 Korinte 7:36.

  • Abo bathandanayo bafanele bakhululeke ukuba bangatshata. Ngenxa yokuba umgaqo kaThixo usithi abantu bafanele baqhawule umtshato kuphela xa behenyuzile, abanye abantu abaqhawule umtshato uThixo akabajongi njengabo banokuphinda batshate.—Mateyu 19:9.

  • AmaKristu afuna ukutshata ayalelwa ukuba atshate kuphela nomntu akholwa naye. (1 Korinte 7:39) AmaNgqina kaYehova, lo mthetho awujonga njengongathethi ukutshata nomntu ozihloniphayo iinkolelo zethu kodwa ukutshata nomntu othetha ngazo noziphilayo njengeNgqina elibhaptiziweyo. (2 Korinte 6:14) UThixo ebesoloko eyalela abakhonzi bakhe ukuba batshate kuphela nabo bakholwa nabo. (Genesis 24:3; Malaki 2:11) Lo myalelo usasebenza, njengoko abaphandi befumanisile. b

  • Abantwana bafanele bathobele abazali babo. (IMizekeliso 1:8; Kolose 3:20) Kubantwana abahlala ekhaya, lo myalelo uquka ukuthobela izigqibo zabazali ngokuthandana. Oku kusenokuquka iminyaka aqalisa ngayo ukuthandana unyana okanye intombi nezinto avumelekileyo ukuzenza.

  • Esebenzisa imigaqo yeZibhalo, amaNgqina ayakhetha enoba aza kuthandana na kwaye nabani. Oku kuvisisana nalo mgaqo: “Ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.” (Galati 6:5) Abanye baye bacele icebiso ngokuthandana kumaNgqina anamava abawathanda ngokwenene.—IMizekeliso 1:5.

  • Izinto ezininzi eziqhele ukwenziwa xa kuthandanwa iba zizono ezinzulu. Ngokomzekelo, iBhayibhile iyalela ukuba sikuphephe ukuziphatha kakubi ngokwesondo. Oku akuquki ukwabelana ngesondo nje kuphela kodwa nezinye izenzo ezingcolileyo ezenziwa ngabantu abangatshatanga, njengokuphululana amalungu esini okanye ukuba neentlobano zesini emlonyeni okanye ezimpundu. (1 Korinte 6:9-11) Nkqu nabantu abangatshatanga abavuselela inkanuko yesondo nto leyo ephantse ibe kukuhenyuza ‘kukungahlambuluki’ okungamkholisiyo uThixo. (Galati 5:19-21) Iincoko ezingcolileyo eziquka ‘intetho engamanyala’ nazo azivunyelwa yiBhayibhile.—Kolose 3:8.

  • Intliziyo okanye umntu wangaphakathi inenkohliso. (Yeremiya 17:9) Inokubangela umntu enze izinto azaziyo ukuba azilunganga. Ukuze bathintele iintliziyo zabo ekubakhohliseni, abantu abathandanayo baye baphephe ukuba bodwa kwindawo enokubafaka esilingweni. Basenokukhetha ukuzikhusela ngokuhlala kwindawo enabantu abaninzi okanye bahambe nomntu wesithathu. (IMizekeliso 28:26) AmaKristu angekatshati nakhangela iqabane lomtshato ayabuqonda ubungozi bokuthandana kwi-intanethi, ingakumbi ukuthandana nomntu ongamazi kangako.—INdumiso 26:4

a Ezinye iintlanga ziyathandana ngaphambi kokuba zitshate ngoxa ezinye zingayenzi loo nto. IBhayibhile ayitsho ukuba simele sithandane okanye ukuthandana kuphela kwento enokwenziwa ngaphambi kokuba abantu batshate.

b Ngokomzekelo, inqaku elikwiphepha ncwadi iMarriage & Family Review lathi: “Uphando olwenziweyo labantu abasele benethuba betshatile lubonise ukuba, ukuba kunqulo olunye kusesona sizathu sibangela ukuba imitshato ihlale ixesha elide (iminyaka eyi-25-50 nangaphezulu).”—Umqulu 38, inqaku loku-1, iphepha 88 (2005).