Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kuthekani Ukuba Ndiyagula? (Inxalenye 3)

Kuthekani Ukuba Ndiyagula? (Inxalenye 3)

Xa umntu esemtsha usoloko edlamkile ibe esemandleni. Sekunjalo olunye ulutsha luthintelwa kukugula okungathethekiyo. Ngaba kunjalo nakuwe? Ukuba kunjalo, usenokukhuthazwa ngamava kaV’loria, uJustin, noNisa—bobathathu bangamaNgqina kaYehova. Jonga indlela abaye bamelana ngayo neengxaki zokugula ezinganyamezelekiyo.

 UV’loria

Xa ndandineminyaka eyi-14, ndaba nesigulo ekuthiwa yifibromyalgia. Ndisa kuba neminyaka eyi-20, ndandisele ndinesifo samathambo, ilupus (ingxaki yolusu), neLyme disease. Kunzima ukwenza zonke izinto ofuna ukuzenza xa usoloko ubuthathaka. Maxa wambi, ndandikhe ndife amazantsi kuze kufuneke isitulo esinamavili.

Eyona nto yayinzima ngokugula kwam kukukhathazwa kukungakwazi ukwenza izinto ezilula njengokubhala okanye ukuvula ijagi. Ndandiye ndibone abantwana bezihambela ndize ndizibuze ukuba kutheni kunzima kangaka kum ukwenza oko. Ndandiziva ndingeyonto.

Okuvuyisayo kukuba ndandilufumana uncedo—kungekuphela nje kumalungu entsapho kodwa nasebandleni lamaNgqina kaYehova endandikulo. Amalungu ebandla ayesoloko endityelela, nto leyo eyandenza andabi nasithukuthezi. Abanye babendimemel’ ezimbuthweni, nangona kungelula ukususwa kwisitulo samavili, ukungeniswa, nokukhutshwa emotweni.

Abantu abakhulileyo ebandleni babendinceda ngokukhethekileyo kuba babeyazi ukuba kunjani ukuba neengxaki zempilo. Bandinceda ndayamkela imeko yam ibe andaziva ndinetyala ngokungakwazi kwam ukwenza izinto ezininzi njengabanye. Ndikuvuyela kakhulu ukuba kwiintlanganiso zebandla nasentsimini. (Hebhere 10:25) Ngamaxesha anjalo, ndiye ndiqonde ukuba nangona ndigula, andohlukanga kangako kwabanye abantu.

Ndihlala ndikhumbula ukuba uYehova usinika oko sikudingayo ukuze sinyamezele. Ngokomzekelo iBhayibhile ithi, ukuba umntu esinguye ngaphandle uya esonakala, ngokuqinisekileyo umntu esinguye ngaphakathi “wenziwa mtsha.” (2 Korinte 4:16) Ndivakalelwa kanye ngaloo ndlela!

Khawucinge Ngoku: Ukuba unengxaki yempilo, kutheni kubalulekile ukuba ufune uncedo kwabanye? Ukuba usempilweni, ungamnceda njani umntu ogulayo?—IMizekeliso 17:17.

 UJustin

Ndawa ibe andizange ndikwazi ukuphakama. Isifuba sam saba ngathi sinenkantsi ibe ndandingakwazi nokushukuma. Ndabalekiselwa kwigumbi labantu abagula kakhulu. Ekuqaleni oogqirha abazange bayibone into endandinayo. Kodwa emva kokuba indehlele kaninzi le nto, bafumanisa ukuba ndineLyme disease.

Esi sifo siyichaphazele kakhulu imithambo luvo yam. Phofu ndikhe ndingcangcazele, ngamanye amaxesha ngendlela engalawulekiyo, nangona sekudlule iminyaka ndinesi sigulo. Kubakho iimini apho umzimba wam uye uqaqambe neminwe ibe buhlungu kakhulu de ndingakwazi nokuyishukumisa. Kuba ngathi onke amalungu am arusile.

Ndandidla ngokuzixelela oku, ‘Ndisemncinci ukuba mandigule,’ yaye yayidla ngokundicaphukisa loo nto. Ndandidla ngokukhala kuThixo, ndize ndimbuze oku, “Kutheni ndisehlelwa yile nto?” Ndade ndaqalisa ukucinga ukuba uThixo undilahlile. Kodwa ndaye ndacinga ngomzekelo kaYobhi oseBhayibhileni. UYobhi akazange asiqonde kakuhle isizathu sokuba adibane neengxaki ezininzi, sekunjalo wahlala ethembekile kuThixo. Ukuba uYobhi wakwazi ukwenza oko phezu kwazo nje iingxaki ezinzulu awayenazo, nam ndingakwazi.

Basoloko bendixhasa kakhulu abadala abasebandleni lam. Basoloko bendibuza ukuba ndiziva njani. Omnye umdala wandixelela ukuba ndingamfowunela nanini na ndidinga umntu wokuthetha. Ndimbulela yonke imihla uYehova ngokundinika abahlobo abanje!—Isaya 32:1, 2.

Ngamany’ amaxesha xa sigula kakhulu, siye siyilibale inyaniso yokuba—uYehova uyayazi intlungu esikuyo. IBhayibhile ithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.” (INdumiso 55:22) Ndizama ukwenza loo nto yonke imihla.

Khawucinge Ngoku: Bangakunceda njani abantu abakuthandayo unyamezele ingxaki yempilo?—IMizekeliso 24:10; 1 Tesalonika 5:11.

 UNisa

Xa ndandisemtsha, kwafunyaniswa ukuba ndineMarfan syndrome—isigulo esihlasela amalungu size siwenze buthathaka. Esi sigulo sinokuhlasela nentliziyo, amehlo, namanye amalungu abalulekileyo. Andisoloko ndisiva iintlungu yonke imihla, kodwa xa zifikile, ndiye ndiqaqanjelwe.

Xa kwathiwa ndinesi sigulo, ndakhala kakhulu. Ndakhathazwa kukuba ndingazi kukwazi ukwenza zonke izinto ebendithanda ukuzenza. Ngokomzekelo bendithanda ukudanisa, ibe ukucinga ukuba ngenye imini kusenokuba buhlungu kakhulu ukwenza oko—mhlawumbi de kube buhlungu nokuhamba—kundenza ndiyoyike into eza kwenzeka kwixesha elizayo.

Udade wethu wayendixhasa kakhulu. Wandinceda ndayeka ukuzisizela kakhulu. Wathi, mandingoyiki kuba loo nto ingakhawuleza indibulale. Wandikhuthaza nokuba ndihlale ndithandaza, kuba akekho umntu owayeyiqonda kakuhle imeko endandikuyo ngaphandle koYehova.—1 Petros 5:7.

Isibhalo esindikhuthazayo yiNdumiso 18:6, ethi: “Ekubandezelekeni kwam ndaqhubeka ndibiza kuYehova, ndaqhubeka ndikhalela uncedo kuThixo wam. Esetempileni yakhe waliva ilizwi lam, nokukhalela uncedo kwam phambi kwakhe kwafika ezindlebeni zakhe.” Eso sibhalo sandinceda ndaqonda ukuba xa ndithandaza kuYehova ndicela andincede ndinyamezele, uya kundiva aze andincede. Usoloko ekulungele ukundinceda.

Ndifunde ukuba akho ntw’ imbi ngokudana nokucaphuka ngenxa yentlekele esehlelayo kuba ezo mvakalelo ziqhelekile—ukuba nje asizivumeli ezo mvakalelo zicuthe ubomi bethu zize zichaphazele nobuhlobo bethu noThixo. Akangonobangela weengxaki zethu, ibe akasayi kuze asishiye ukuba nje simbeka kuqala ebomini bethu.—Yakobi 4:8.

Khawucinge Ngoku: Ngaba sinokumbeka ityala uThixo ngokubandezeleka kwethu?—Yakobi 1:13.