Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Ndingenazo Nje Iitshomi?

Kutheni Ndingenazo Nje Iitshomi?

Ubuka iifoto zetheko ebelikhe lakhona kwi-intanethi. Zonke iitshomi zakho bezipha, kuyabonakala ukuba bekumnandi. Kodwa ikhona into engekhoyo. Phofu, kukho umntu ongekhoyo​—nguwe ke lowo!

Uyazibuza ‘Kutheni ndingamenywanga?’

Ukubuka nje ezi foto kujika kukucaphukise. Ungathi ujikelwe! Ingathi bonke ubuhlobo ozakhele bona buphasalakile. Usuke uzive ungahoywanga uze uzibuze, ‘Kutheni ndingenazitshomi nje?’

 Khawuphendule apha

Yinyaniso okanye Bubuxoki

  1. Ukuba uneetshomi ezininzi, awusoze ube nesithukuthezi.

  2. Ukuba usebenzisa iwebhsayithi yokuncokola, awusoze ube nesithukuthezi.

  3. Ukuba uthumela ii-sms kangangoko ufuna, awusoze ube nesithukuthezi.

  4. Ukuba wenzela abanye izinto, awusoze ube nesithukuthezi.

Zone ezi zinto zibubuxoki.

Ngoba?

 Izibakala ngobuhlobo

  • Ukuba neetshomi ezininzi akuthethi ukuba awusoze ube nesithukuthezi.

    “Ndiyazithanda iitshomi zam, kodwa ngamanye amaxesha ndicinga ukuba zona azindithandi. Esona sithukuthezi kukuthi ukunye neetshomi zakho kodwa zibe zingakuthandi okanye zingafuni ukuba kunye nawe.”—UAnne.

  • Ukusebenzisa iwebhsayithi yokuncokola akuthethi ukuba awusoze ube nesithukuthezi.

    “Abanye abantu baqokelela iitshomi njengabantu abaqokelela oonopopi. Kodwa ukuba negumbi elinoonopopi abaninzi akuzange kwenze mntu azive ethandwa. Ukuba awunabo ubuhlobo bokwenene, iitshomi onazo kwi-intanethi zifana noonopopi.”—UElaine.

  • Ukuthumela ii-sms kangangoko ufuna akuthethi ukuba awusoze ube nesithukuthezi.

    “Ngamanye amaxesha xa unesithukuthezi umane ujonga ukuba akukho mntu ukuthumelele i-sms na. Xa ubunesithukuthezi kakade, uze ubone ukuba akukho mntu ukhe wazama ukuthetha nawe, kuba buhlungu nangakumbi!”—USerena.

  • Ukwenzela abanye izinto akuthethi ukuba awusoze ube nesithukuthezi.

    “Ndisoloko ndizama ukwenzela abahlobo bam izinto, kodwa ndiye ndafumanisa ukuba bona abakhe bandenzele nto. Andizisoli ngokubenzela izinto, kodwa ndixakwa nje yindlela bona abandiphethe ngayo.”—URichard.

Inyaniso yile: Isithukuthezi siqala engqondweni. Intwazana enguJeanette ithi “siqala ngaphakathi emntwini, kungekhona ngaphandle.”

Ungenza ntoni ukuba uziva ungenazitshomi okanye unesithukuthezi?

 Oko unokukwenza

Phucula indlela ozijonga ngayo.

“Ukuba nesithukuthezi kunokubangelwa kukungazithembi. Kunzima ukuqalisa ubuhlobo nabanye xa ungazithembanga.”— UJeanette.

IBhayibhile ithi: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Galati 5:14) Ukuze sakhe ubuhlobo obuhle nabanye, kufuneka sizithembe kodwa singade siziphakamise.​—Galati 6:3, 4.

Kuphephe ukuzisizela.

“Umntu angabambiseka sisithukuthezi. Okukhona uzisizela kokukhona uya kubambiseka. Abantu baya kubhekela kuwe, ube nesithukuthezi nangakumbi.”—UErin.

IBhayibhile ithi: “Uthando . . . alufuni ezalo izilangazelelo.” (1 Korinte 13:4, 5) Inyaniso kukuba xa sicingela iziqu zethu kuphela, siye singabacingeli abanye yaye kuya kuba nzima ukuba neetshomi. (2 Korinte 12:15) Xa impumelelo yakho ixhomekeke kwabanye abantu, awusoze uye ndawo! Ukuthi “Akukho mntu ukhe andifowunele” okanye “Andikhe ndimenywe ezindaweni” kuya kwenza ukonwaba kwakho kuxhomekeke kwabanye. Awubavumeli balawule ubomi bakho ke ngoku?

Sukukhetha nje nabani na ukuba abe yitshomi yakho.

“Abantu abanesithukuthezi bafuna ukuhoywa yaye banokude bangakhathali nokuba bahoywe ngubani. Bafuna nje ukuthandwa. Kodwa abanye abantu banokukwenza uzive uthandwa ukuze nje badlale ngawe. Xa kunjalo uya kuba nesithukuthezi nangakumbi.”—UBrianne.

IBhayibhile ithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” (IMizekeliso 13:20) Umntu olambileyo angatya nantoni na. Ngokufanayo, abantu abangenazo iitshomi bangaxolela ukuzifuna nakwiindawo ezingalunganga. Banokude baqhathwe ngabanye, babe bona becinga ukuba akukho ngxaki ukuba neetshomi ezinjalo.

Ukuqukumbela: Wonke umntu ukhe abe nesithukuthezi, kodwa abanye sibafumana ngaphezu kwabanye. Nangona ukuba nesithukuthezi kusenokuba buhlungu, yimvakalelo nje kuphela. Iimvakalelo zethu zidla ngokuqala ngento esiyicingayo yaye sinako ukuyilawula into esiyicingayo.

Kufuneka ube nengqiqo kwizinto ozilindeleyo kwabanye. UJeanette, ebekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Asinguye wonke umntu oya kuba ngumhlobo wakho osondeleyo, kodwa unokubafumana abantu abakukhathaleleyo. Eyona nto ifunekayo yileyo. Oko kuya kukunceda ungabi nasithukuthezi.”

Ngaba udinga uncedo olungakumbi? Funda inqaku elithi “ Ukoyisa Uloyiko Onalo Ngobuhlobo.” Unokuzikhuphelela nePDF ethi “Ukujongana Nengxaki Yokuba Nesithukuthezi.”