Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngokutshaya Ngoomatshini Necuba?

Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngokutshaya Ngoomatshini Necuba?

 “Kwindawo endihlala kuyo, kunqabile ukubona umntu oneminyaka engaphantsi kweyi-25 ongazanga watshaya.”—UJulia.

Kweli nqaku

 Into omele uyazi

  •   Icuba liyabulala. Lenziwe ngento eyingozi kakhulu ekuthiwa yi-nicotine, ibe umntu xa sele eyiqhelile kunokuba nzima ukuyiyeka. Intlangano ekuthiwa yi-CDC yase-US ithi, “icuba yenye yezinto ezibulala abantu nezibangela izifo emhlabeni wonke, ibe lo nto inokuphepheka.”

     “Ndisebenza kwezonyango, ibe ndihlola ukuba umzimba womntu unjani ngaphakathi. Ndikhe ndiyibone into eyenziwa kukutshaya emzimbeni womntu. Ndisoloko ndisothuka xa ndibona indlela imithambo yabantu ababetshaya engcole ngayo. Andisoze ndizame nokuzama ukutshaya, kuba ndiyawuthanda umzimba wam.”—UTheresa.

     Ngaba ubusazi? Icuba lineekhemikhali ezimalunga neziyi-7000, ibe ezininzi kuzo ziyingozi. Qho ngonyaka kusweleka iimiliyoni zabantu ngenxa yecuba.

  •   Abantu abatshaya ngoomatshini bangenisa iikhemikhali eziyingozi emizimbeni yabo. Iingcali zikholelwa ukuba ukutshaya usebenzisa icuba elisebenza ngebhetri ekuthiwa yiVape, nokutshaya ngoomatshini kuyayimosha imiphunga ibe kuyabulala. Ezi zinto zokutshaya ezisebenza ngebhetri nazo zibanayo i-nicotine njengecuba. Enye ingxelo ibonisa ukuba, ngenxa yokuba ezi zinto zokutshaya zenziwe nge-nicotine, kunokuba nzima kakhulu ukuziyeka, ibe “kunokubangela ukuba umntu afune ukusebenzisa nezinye iziyobisi.”

     “Kukho izinto zokutshaya ezisebenza ngebhetri ekuthiwa yi-cotton candy ne-cherry bomb, ibe zenziwe zamnandi ibe abantu abasebatsha bazithanda kakhulu. Ngenxa yokuba zimnandi, abayihoyi indlela eziyingozi ngayo.”—UMiranda.

     Ngaba ubusazi? Umsi ophuma kwezi zinto zokutshaya zenziwe ngebhetri, ayingomanzi nje qha. Unezinto eziyingozi kakhulu ezingena kwimiphunga yomntu.

 Iingozi ezenziwa kukutshaya nokusebenzisa oomatshini bokutshaya

  1.  (1) Umntu unokungacingi kakuhle, angahoyi, aze abe nengxaki yeemvakalelo, ingakumbi ukuba usemncinci

  2.  (2) Usenokumosheka amazinyo neentsini

  3.  (3) Abe nesigulo semiphunga nesifo sentliziyo

     Abe nesifuba

     Aphathwe sisisu nesicaphucaphu

 Into onokuyenza

  •   Phanda. Sukukholelwa yonke into oyivayo. Ngokomzekelo, abantu bathi ukutshaya ngezinto ezisebenza ngebhetri akuyongozi okanye kunokukunceda xa unestresi. Ziphandele ngokwakho uze uzenzele isigqibo.

     Umgaqo weBhayibhile: “Umntu ongalumkanga ukholelwa yonke into, kodwa olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.”—IMizekeliso 14:15.

     “Xa ucinga ngezinto ezimbi ezenzeka kubantu abatshayayo, uye ubone ukuba kuyingozi nangona abantu abadumileyo nobaziyo besenokwenza kubonakale ngathi ‘kukuzonwabisa’ nje qha.”—UEvan.

     Cinga ngale nto: Ngaba abantu abasebatsha abatshaya icuba okanye abatshaya ngezinto ezisebenza ngebhetri bonwabe nyhani? Ngaba ukutshaya kubanceda bakwazi ukulungela naziphi na iingxaki ezinokuvela ezinokubangela istres? Okanye ngaba bazibizela ezinye iingxaki?

  •    Zama iindlela ezinokukunceda umelane nezinto ezikwenza ixhala. Ezona zinto zinokukunceda xa unexhala zizinto eziza kukwenza ubesempilweni, njengokujima, ukufunda okanye ukuchitha ixesha nabahlobo abakuncedayo. Ukuba unezinto ezintle ezininzi ozenzayo, awuzukubona kunyanzelekile ukuba utshaye.

     Umgaqo weBhayibhile: “Amaxhala ayayityhafisa intliziyo yomntu, kodwa ilizwi elilungileyo liyayidlamkisa.”—IMizekeliso 12:25.

     “Abantu bacinga ukuba ukutshaya icuba nokusebenzisa oomatshini bokutshaya kuphelisa istres. Kodwa nangona ezi zinto zinokukwenza ube bhetele okwexeshana zinokukwenzakalisa. Zikhona iindlela ezibhetele ezinokukunceda xa unestres.”—UAngela.

     Cinga ngale nto: Ziintoni wena ezinokukunceda xa unestres? Ukuba udinga uncedo, jonga inqaku elithi “Ndingajamelana Njani Nexhala” kwindawo ethi, Ulutsha Luyabuza.

Ukusebenzisa izinto ekunokuba nzima ukuziyeka xa unexhala kufana nokuyokungena elwandle kuba ubaleka imvula; kukuzongezela nje iingxaki!

  •    Zilungiselele ukuze ungavumi xa ukhuthazwa ukuba wenze into erongo. Ungakhuthazwa ngabantu ofunda nabo okanye zizinto ozonwabisa ngazo. Iimuvi, izinto ezidlala kwi-TV, neewebhsayithi zokuncokola, zinokwenza kubonakale ngathi ukutshaya nokusebenzisa oomatshini bokutshaya yinto entle, ibe kuyonwabisa.

     Umgaqo weBhayibhile: ‘Abantu abaqolileyo banengqondo eqeqeshekileyo, ekwaziyo ukwahlula into elungileyo nembi.’—Hebhere 5:14.

     “Xa ndandisesikolweni, abanye abantwana babendihlonipha kuba ndingatshayi, ndingabasebenzisi noomatshini bokutshaya. Ndayenza yacaca le nto, ibe babede bandithethelele. Iyothusa yona, kodwa xa usenza kucace indawo ome kuyo ngento ethile, lo nto ingakukhusela.”—UAnna.

     Cinga ngale nto: Ngaba ungakwazi ukungavumi xa ukhuthazwa ukuba wenze into erongo? Usakhumbula ixesha apho kwafuneka wenze lo nto? Ukuba udinga uncedo kule nto, jonga inqaku elithi, “Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga” kwisahluko 15 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2.

  •   Bakhethe kakuhle abahlobo. Xa unabahlobo abakholelwa izinto ezifana nezinto ozikholelwayo, awuzukulingeka ukuba utshaye okanye usebenzise oomatshini bokutshaya.

     Umgaqo weBhayibhile: “Ohamba nezilumko uza kuba sisilumko, kodwa osebenzisana nezidenge uza kungena engxakini.”—IMizekeliso 13:20.

     “Kunceda kakhulu ukuba nabahlobo abakwaziyo ukuzibamba nabathembekileyo. Xa ubona abanye bonwabile zizinto ezintle ezenzekayo ebomini babo, uye ukhuthazeke, ufune ukufana nabo.”—UCalvin.

     Cinga ngale nto: Ngaba abahlobo bakho bakukhuthaza ukuba ungayeki ukwenza izinto ezilungileyo nezikwenza ube sempilweni okanye bayakutyhafisa?

 Into endifanele ndiyazi ngentsangu

 Abantu abaninzi bathi akhonto irongo ngentsangu. Kodwa bubuxoki obo!

  •   Abantu abatsha abasebenzisa intsangu bangazibona sele bengakwazi ukuyiyeka. Ingxelo ibonisa ukuba ukusetyenziswa kwentsangu kungayimosha ingqondo yomntu nendlela acinga ngayo.

  •   I-U.S. Substance Abuse and Mental Health Services Administration ithi, “uphando lubonisa ukuba abantu abasebenzisa intsangu badla ngokuxabana nabantu, bangapasi esikolweni, bangaqhubi kakuhle emisebenzini ibe bangonwabi.”

     “Ndandiye ndikurhalele ukutshaya intsangu kuba ndandifuna indincede xa ndandinexhala. Kodwa ndaye ndacinga ngemiphumo yayo emibi, imali endandiza kuyisebenzisa kuyo, nendlela eyayiza kuyichaphazela ngayo impilo yam. Ndabona ukuba ukutshaya intsangu akuzulenza bhetele ixhala lam.”—UJudah.