Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Ndimele Ndibancede Abanye?

Kutheni Ndimele Ndibancede Abanye?

 Iimfihlelo ezimbini ezingaziwayo ngabantu abaninzi

Imfihlelo #1: Xa usipha abanye, nabo baya kukupha!

Abantu baya kuqaphela ukuba unesandla esivulekileyo. Ngenxa yoko nabo baya kukupha izinto. IBhayibhile iyibeka ngolu hlobo le nto:

  • “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha. . . . Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.”​—Luka 6:38.

Imfihlelo #2: Xa unceda abanye, uyazinceda nawe!

Ukwenzela abanye izinto ezintle kukunceda uzithembe kwaye waneliseke. IBhayibhile iyibeka ngolu hlobo le nto:

  • “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”​—IZenzo 20:35.

  • “Xa usenza itheko, mema amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama; yaye uya kuba noyolo, ngenxa yokuba abananto bangakubuyekeza ngayo.”​—Luka 14:13, 14.

Ulutsha olunenkathalo

 Luninzi ulutsha olubakhathaleleyo abanye! Nantsi eminye imizekelo.

“Ngamanye amaxesha, xa ndibawela ukuziphosa esofeni ndibukele iTV, ndiye ndicinge ngomama notata abasemsebenzini, nendlela abaza kube bedinwe ngayo xa bebuya. Ngoko ndiye ndiphakame, ndihlambe izitya, nditshayele, ndosule nothuli. Ndibilisa namanzi ekofu, kuba abazali bam bayayithanda. Xa umama efika uye athi, ‘Yhu akusekuhle apha! Loo nto kunuka kamnandi. Enkosi mntanam!’ Kundivuyisa kakhulu ukwenzela umama notata izinto ezintle ngolo hlobo.”​—UCasey.

“Abazali babesoloko bendixhasa, bendinceda ngayo yonke into endiyidingayo. Xa baba neengxaki zemoto kulo nyaka uphelileyo, ndabapha imali kwebendiyigcinile ukuze ilungiswe. Kakade ke, bazama ukwala kodwa ndandingafuni nokuva. Kufana nokungathi andibenzelanga nto. Kundivuyise kakhulu ukubanceda.”​—UHolly.

Ngaba ubusazi? Ulutsha oluninzi olungamaNgqina kaYehova luye lwafumana uvuyo olukhulu ngokunceda abanye bayazi iBhayibhile. Olunye lude lwafudukela kumazwe adinga abashumayeli abangakumbi.

“Ndafudukela eMexico, ndisuka eUnited States, ndize kushumayela. Ngamanye amaxesha kunzima ukupha abantu imali okanye izinto zexabiso kuba andinazinto zingako. Kodwa, ndiye ndafumanisa ukuba, xa ndiphisa ngexesha namandla am ndishumayela, abantu baba nombulelo ongaphezu kwalo wokubapha izinto zexabiso.”​—UEvan.

Ndingabanceda njani abanye?

 Ngaba ungathanda ukufumana uvuyo lokunceda abanye? Nanga amacebiso ambalwa.

Ukunceda intsapho yakho:

  • Tshayela, hlamba izitya okanye ucoce indlu​—ungakhange ucelwe

  • Pheka

  • Bhalela abazali bakho ikhadi elibancomayo

  • Nceda umntwana wakowenu ngomsebenzi wakhe wesikolo

Ukunceda abo bangengabo abakowenu:

  • Thumela ikhadi kumntu ogulayo

  • Nceda ummelwane osele ekhulile ekucoceni iyadi yakhe

  • Tyelela umntu ogulayo

  • Thenga isipho uze usinike umntu onzinyelwe bubomi

Icebiso: Khawuze nawakho amacebiso. Zimisele ukunceda okungenani umntu omnye kule veki. Mhlawumbi ingakothusa indlela oya kuvuya ngayo!

“Xa unceda abanye uyonwaba. Uziva uphumeze into enkulu, kwaye uyabona ukuba abanye bayayixabisa. Ungonwaba ngoxa unceda omnye umntu, nakubeni ekuqaleni ubungacingi ukuba kuza kuba njalo. Loo nto uyenzileyo, usenokungayijongi njengokuzincama, ngoba ekugqibeleni nawe uye uzuze lukhulu.”​—UAlana.