Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingamelana Njani Nokufikisa?

Ndingamelana Njani Nokufikisa?

“Amantombazana akakuthandi ukufikisa. Kubuhlungu, kuncangathi, kuyabhida—yonke nje into enento yokwenza nokufikisa iyadika!”—UOksana.

“Ndonwaba nje umzuzu, emva koko ndinxunguphale. Andazi noba iyenzeka na kwabanye abafana kodwa kum iyenzeka.”—UBrian.

Ukufikisa kunokufaniswa namahla-ndinyuka—kuyavuyisa ibe kuyoyikisa kwangaxeshanye! Unokumelana njani nala mahla-ndinyuka?

  • Yintoni ukufikisa?

  • Ukutshintsha komzimba

  • Ukutshintsha kweemvakalelo

  • Oko unokukwenza

Yintoni ukufikisa?

Ukufikisa lixesha ebomini apho kwenzeka utshintsho emzimbeni nakwiimvakalelo kuba uza kuba mdala. Kweli xesha, kwenzeka utshintsho olukhawulezileyo emzimbeni wakho nto leyo ekwenza ulungele ukuvelisa inzala.

Oku akuthethi kuthi ukulungele ukuba ngumzali. Kunoko ukufikisa kubonisa ukuba uyayeka ukuba ngumntwana—nto leyo enokukwenza uvuye okanye udakumbe.

Umdlalo: Nguwuphi kule minyaka onokuthi ngowokuqalisa ukufikisa?

  • 8

  • 9

  • 10

  • 11

  • 12

  • 13

  • 14

  • 15

  • 16

Impendulo: Yonke le minyaka kudla ngokuqaliswa ukufikiswa ngayo.

Loo nto ayithethi kuthi ufanele ube nexhala lokuba sele ugabhule iminyaka yokufikisa kodwa kube kungekenzeki oko—okanye ungaphantsi kweminyaka elishumi kodwa ube sele ufikisa. Ukufikisa kwenzeka ngexesha lako ongenakukwazi ukulilawula.

Njengamahla-ndinyuka, ukufikisa kunokuvuyisa kwangaxeshanye koyikise—kodwa unokumelana namahla-ndinyuka ako

Ukutshintsha komzimba

Mhlawumbi olona tshintsho lucaca nakuthathatha lokufikisa kukukhawuleza ukhule. Ingxaki kukuba, amalungu akho omzimba akakhuli ngokufanayo. Ngoko ingakothusi indlela owenza ngayo izinto. Qiniseka ukuba ekuhambeni kwexesha, kuza kuphinda kulunge.

Zininzi ezinye izinto ezenzekayo xa ufikisa.

Ukufikisa emakhwenkweni:

  • Ukukhula kwamalungu obudoda

  • Iinwele ezikhula emakhwapheni, esineneni, nasebusweni

  • Ukutshintsha kwelizwi

  • Ukubatywa esithubeni nokuba manzi kwelungu lobudoda xa uvuka

Ukufikisa kumantombazana:

  • Ukukhula kwamabele

  • Iinwele ezikhula emakhwapheni nasesineneni

  • Ukuqalisa ukuba sexesheni

Ukufikisa kwamakhwenkwe namantombazana:

  • Ukunuka komzimba, okubangelwa kukubila neentsholongwane.

    Icebiso: Unokumelana nokunuka komzimba ngokuhlamba umzimba rhoqo nokusebenzisa iziqholo.

  • Amaqhakuva abangelwa yintsholongwane evaleleke kumadlala amafutha.

    Icebiso: Nangona kungelula ukumelana nala maqhakuva, ukuhlamba ubuso bakho usebenzisa icleanser kunganceda.

Ukutshintsha kweemvakalelo

Inkqubo eyenzekayo ebangelwa lutshintsho lokufikisa inokuchaphazela iimvakalelo zakho. Unokude uzibhaqe sele uneemvakalelo eziguquguqukayo.

“Namhlanje uyalila, ngomso wonwabile. Ngoku uyacaphuka, kuthi kusenjalo ubonwe sele uzivalele endlini udandathekile.”—UOksana.

Xa befikisa, abantwana abaninzi baba nexhala, ngokungathi kukhona mntu uthile ubajongileyo nothetha kakubi ngabo. Ibe ukutshintsha kwendlela oyiyo akuncedi!

“Xa ndaqalisa ukufikisa, ndandiziyekelela ibe ndinxiba noowaxa. Nangona ndandisazi isizathu sokutshintsha komzimba wam, ndandingakhululekanga ibe ndiziva ndiphoxekile. Kwakungathi ayindim.”—UJanice.

Mhlawumbi okona kutshintsha kweemvakalelo oza kujamelana nako yindlela entsha oza kubonakala ngayo kubantu besini esahlukileyo.

“Ndayeka ukucinga ukuba onke amakhwenkwe ayadika. Ngoku amanye awo ayenomtsalane, ibe ukuthandana nawo kwakungeyonto imbi. Phofu, ‘ukuthandana kwethu nawo’ kwakuyinto esasidla ngokuncokola ngayo.”—UAlexis.

Xa befikisa, abanye abantwana bazibhaqa sele befuna ukuthandana nabantu besini esifana nesabo. Ukuba nakuwe iyenzeka le nto, sukucinga ukuba ulifanasini. Amaxesha amaninzi, ezo mvakalelo ziphelel’ esithubeni.

“Ngenxa yokusoloko ndizithelekisa namanye amakhwenkwe, ndaqalisa ukufuna ukuthandana nawo. Zange kube kudala kwasebutsheni apho, ndatsaleleka kumantombazana. Iimvakalelo zobufanasini ngoku ziyinto yexesha elidluleyo.”—UAlan.

Oko unokukwenza

  •   Zama ukuba nembono entle. Enyanisweni, ukufikisa lutshintsho olufanele lwenzeke. Unokude uqinisekiswe nangamazwi omdumisi uDavide, owathi: “Ndenziwe ngokumangalisayo.”—INdumiso 139:14.

  • Kuphephe ukuzithelekisa nabanye, uze ulumkele nokuhlala ugxekana nendlela omile ngayo. IBhayibhile ithi: “Umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.”—1 Samuweli 16:7.

  • Jima uze uphumle ngokwaneleyo. Ukulala ngokwaneleyo kuya kukunceda ungadikwa, ungaxinezeleki, ibe ungahlali uqumbile xa uvukile.

  • Kuphephe ukuzigweba. Ngaba nyhani ujongwe ngumntu wonke? Enoba abantu bayathetha ngokukhula kwakho, khawuyijonge ngenye indlela loo nto. IBhayibhile ithi: “Musa ukuyinikela intliziyo yakho kuwo onke amazwi abawathethayo abantu.”—INtshumayeli 7:21.

  • Funda ukuzeyisa kwiminqweno yesini onayo ukuze ingakulawuli. IBhayibhile ithi: “Sabani kulo uhenyuzo! . . . Lowo uqhelisela uhenyuzo wona nxamnye nomzimba wakhe.”—1 Korinte 6:18.

  • Thetha nomnye wabazali bakho okanye umntu omdala omthembileyo. Yinyaniso kona ukuba kusenokungabi lula ekuqaleni. Kodwa uncedo onokulufumana luya kwenza uncedakale.—IMizekeliso 17:17.

Ingongoma: Ukufikisa kuza neengxaki zako. Kukunceda ube nethuba lokukhula—kungekuphela nje emzimbeni kodwa engqondweni, ngokweemvakalelo nangokomoya.—1 Samuweli 2:26.