Kubalisa UMateyu 15:1-39

  • Kubhencwa izithethe zabantu (1-9)

  • Umntu ungcoliswa zizinto eziphuma entliziyweni (10-20)

  • Umfazi waseFenike onokholo olukhulu (21-28)

  • UYesu uphilisa izifo ezininzi (29-31)

  • UYesu upha amadoda ayi-4 000 ukutya (32-39)

15  Emva koko kweza kuYesu abaFarisi nababhali bevela eYerusalem,+ bathi kuye:  “Kutheni abafundi bakho besijongela phantsi nje isithethe sookhokho bethu? Ngokomzekelo, abazihlambi* izandla xa beza kutya.”+  Wathi kubo: “Nina, kutheni nisaphula imithetho kaThixo ngenxa yezithethe zenu?+  Ngokomzekelo, uThixo wathi, ‘Mhloniphe utata wakho nomama wakho,’+ waphinda wathi, ‘Nabani na othuka utata wakhe okanye umama wakhe makabulawe.’+  Kodwa nina nithi, ‘Nabani na othi kutata wakhe okanye kumama wakhe: “Nantoni na endinayo ebinokukunceda sendiyinikele kuThixo njengesipho,”+  nithi makangamhloniphi tu utata wakhe.’ Ngoko nilenze layinto engenamsebenzi ilizwi likaThixo ngenxa yezithethe zenu.+  Bahanahanisindini,* uIsaya wayenyanisile xa waprofeta ngani wathi:+  ‘Aba bantu bandihlonipha nje ngomlomo, kodwa iintliziyo zabo zikude lee kum.  Bandikhonzela ilize, kuba ­bafundisa imithetho yabantu, beyenza ngathi yimithetho kaThixo.’”+ 10  Ngoko uYesu wathi abantu ababelapho mabasondele, waza wathi kubo: “Mamelani nize nicacelwe yile nto:+ 11  Umntu akangcoliswa yinto engena emlonyeni wakhe, kodwa ungcoliswa yephuma emlonyeni wakhe.”+ 12  Emva koko abafundi bakhe beza kuye, bathi: ­“Yhazi, abaFarisi abayithandanga laa nto ubuyithetha!”+ 13  UYesu waphendula wathi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguTata osemazulwini ziza kuncothulwa. 14  Bayekeni benjalo. Baziinkokheli eziziimfama. Ukuba ke umntu oyimfama ukhokela omnye oyimfama, bobabini baza ku­wela emngxunyeni.”+ 15  UPetros wathi: “Sicela uwucacise lo mzekelo.” 16  UYesu wathi: “Kanti nani anikacacelwa?+ 17  Anazi na ukuba yonke into engena emlonyeni igqitha esiswini ize iyokuphuma? 18  Kodwa ke, zonke izinto eziphuma emlonyeni ziphuma entliziyweni, kwaye zizo ezenza umntu angcole.+ 19  Ngokomzekelo, entliziyweni kuphuma iingcinga ezimbi:+ ukubulala, ukukrexeza,* ukuziphatha kakubi ngesondo,* ubusela, ukungqina ubuxoki nokunyelisa. 20  Zizo ke ezo izinto ezingcolisa umntu; kodwa ukutya engahlambanga* zandla akumngcolisi.” 21  UYesu wemka apho, waya kummandla waseTire naseSidon.+ 22  Kweza kuye umfazi ongumFenike evela kuloo mmandla, ekhala esithi: “Ndenzele inceba Nkosi, Nyana kaDavide. Intombi yam iphethwe kakubi yidemon.”+ 23  Kodwa uYesu akazange amphendule. Ngoko abafundi bakhe beza kuye, bamcela besithi: “Mgxothe, kuba akayeki ukukhala apha emva kwethu.” 24  Wathi kubo: “Ndithunyelwe kwizimvu* ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli kuphela.”+ 25  Kodwa lo mfazi weza, waqubuda kuye esithi: “Nkosi, ndincede!” 26  UYesu wathi kuye: “Akulunganga ukuthatha isonka sabantwana, usiphose ezinjaneni.” 27  Lo mfazi wathi: “Kunjalo Nkosi, kodwa ke iinjana ziyazitya iimvuthuluka eziwa ezitafileni zabanikazi bazo.”+ 28  UYesu wathi kuye: “Owu mfazi, lukhulu ukholo lwakho; mayenzeke le nto uyicelayo.” Yaphiliswa ke intombi yakhe ngoko nangoko. 29  UYesu wemka apho waya ngakuLwandle LwaseGalili,+ wenyuka intaba, waza wahlala phantsi. 30  Kweza kuye abantu abaninzi, bemzisela abantu abaqhwalelayo, abalimeleyo, abangaboniyo, abangakwazi kuthetha, nabanye abaninzi, bababeka ezinyaweni zakhe, wabaphilisa.+ 31  Ngoko abantu bamangaliswa kukubona abantu ababengakwazi kuthetha bethetha, ababelimele bephilile, ababeqhwalela bezihambela nababengaboni bebona, baza bamzukisa uThixo kaSirayeli.+ 32  UYesu wabiza abafundi bakhe, wathi: “Ndiyabasizela aba bantu,+ kuba sekuphele iintsuku ezintathu belapha ibe abanakutya. Andifuni kuthi kubo mabagoduke belambile, kuba basenokufeyinta endleleni.”+ 33  Kodwa abafundi bathi kuye: “Ikude nje le ndawo, singasithatha phi isonka sokutyisa abantu abaninzi kangaka?”+ 34  UYesu wathi kubo: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi: “Zisixhenxe, neentlanzi ezincinci ezimbalwa.” 35  Ngoko, emva kokuba ethe abo bantu mabahlale phantsi, 36  wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, bona banika abantu.+ 37  Bonke batya bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskithi ezinkulu ezisixhenxe zigcwele ngamaqhekeza ashiyekileyo.+ 38  Apho kwatya amadoda ayi-4 000, abafazi nabantwana abancinci. 39  Ekugqibeleni, emva kokuba ethe abantu mabagoduke, wakhwela esikhepheni waya kummandla waseMagadan.+

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, abazicoci ngendlela ebhalwe emthethweni.
Oko kukuthi, abantu abazenza amalungisa bengengawo.
Okanye “uhenyuzo.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Oko kukuthi, engazicocanga ngendlela ebhalwe emthethweni.
Okanye “kwiigusha.”